xhosa.2698.letterdec
Imfihlo yempumelelo
Imfihlo yempumelelo ikuwe. Nabani na angaphumelela xa nje eneenjongo azimisele ukuzifezekisa ebomini.
Ukuyazi into oyifunayo emhlabeni linyathelo lokuqala eliya empumelelweni. Xa usebenzela ukufezekis' injongo yakhe yonk' imihla uyaphumelela yonk' imihla!
nguLydia Munghono, eWindhoek
Baza kuthini"
Umphathiswa wezothutho ukhuthaza abantu ukuba bakhwele izithuthi zikawonke-wonke khon' ukuze kuhliswe ingxinano yezithuthi ezindleleni ukulungiselela u-2010.
Ngaba uyazi ukuba iiteksi zidlala umculo olumeza kangakanani. Kukho ingoma yesiTswana endikhe ndayiva ethetha ngelungu lobudoda langasese elincinane elithi xa lingena kwelebhinqa kube ngathi lingena "emseleni."
Le ngoma yayidlalwa eteksini ekhwelise abantwana!
Kufuneka abaqhubi beeteksi bafundiswe indlela yokuphatha abakhweli beeteksi zabo.
nguEmily Leballo, eMabopane
Ophumelele iBig Bonus
Sisayiqhuba kakuhle
INYE qha into engadibanisa ilizwe lethu elahlulwa lucalu-calulo neyantlukwano yezimvo zepolitiki - luxolelwaniso.
Uxolelwaniso kuphela kwendlela emanya abantu beentlanga ngeentlanga ukuze bahlale eluxolweni.
Ukumanyana kweentlanga kwenza uxolo elizweni. Uxolelwaniso lubaluleke kakhulu ekwakhiweni kwelizwe.
Kufanele simncome urhulumente ngokuzisa nokukhuthaza uxolelwaniso.
Kufanele nabemi beloMzantsi Afrika abafana nam nawe nabo banconywe. Kuyasinceda ukuzimisela kwethu ukuxolela nokuphosa kwelokulibala, zinto ezo zingamanyathelo okuqala oxolelwaniso.
Masiqhubeke siyenze ibe yimpumelelo inkqubo yethu yedemokhrasi!
nguMateu Monama, KwaThema
Le vawutsha ikunika
i-airtime ye-R75 qho
kwiintsuku ezingama-30
unyaka omnye. Kwakhona uhlawula iindleko zekontrakthi noxa ukwiprepaid, nto leyo ithetha ukuba uthetha ngokuthe kratya ngemali yakho.
Bhalela kwiBONA uze uzuze iBig Bonus Voucher yakwaVodacom ye-R899
Iileta Zenu
BONA XHOSA - December 2006
Uthini wena"
Abazali mababe ngqwabalala ebantwaneni babo!
ABAZALI abanemithetho engqwabalala ebantwaneni babo basethubeni elihle lokukhulisa abantwana abangatyi iziyobisi. Abantwana abasondelelene kakhulu nabazali babo kuyoluswa ukuziphatha kwabo.
Ukusondelana nabantwana bakho kuthetha ukuyijonga into abayibukelayo kwiTV, ukubabekel' imiqathango ngeeCD amabazithenge nokwazi ukuba baqhuba njani na esikolweni.
Babekel' imiqathango ngezinto emabazenze nemabangazenzi xa bebuy' esikolweni nangeempela-veki. Yitya nabo isidlo sangokuhlwa uze ubanike umsebenzi amabawenze endlwini abo sele bekhulile.
Ngaloo ndlela uyabaqoqa bangathi saa phaya phandle.
nguRhulani Wa Ka Chauke, eMalamulele
lUthini wena" Ngaba ukuba ngqwabalala yindlela eyiyo yokukhulis' abantwana" Sibhalele usixelel' uluvo lwakho...
Ukuze uphalaze izimvo zakho:
bhalela apha: Iileta eziya kuMhleli,
Box 32083, Mobeni,
4060, South Africa
ifeksi: 031-912-2720
okanye i-e-mail:
bona@dbn.caxton.co.za
u
t
Yekani ukwenz' ulutsha amakhoboka esondo
Ulutsha lwakuthi maluthethe phandle xa ludlwengulwa ngooyise abangabazaliyo okanye ngamanye amadoda ngokubanzi.
Ndithi kuni mthinjana - bubomi benu obu yaye buxhomekeke kuni. Zilwele xa kukh' umntu ofun' ukulawul' ubomi bakho.
Xa udlwenguliwe xela emapoliseni.
Boomama bakhuseleni abantwana benu xa nisazi ukuba kukho into engalunganga. Babaluleke kakhulu kunabayeni benu abakhohlakeleyo.
nguZokwana Papikie, eKoringpunt
Ngaba amapolisa ayoyiswa ngumsebenzi wawo"
Kuyandothus' ukuva ukuba amapolisa ayakhanyela ukuba kukho umbulali otshatsheleyo kwindawo ekufunyenwe kuyo imizimba yamabhinqa asixhenxe.
Kufuneka kufe amabhinqa amangaphi ukuze ukufa kwawo kunxulunyaniswe nalo mbulali. Uyazingelwa kona lo mbulali" Ngaba kufuneka amabhinqa ahlale enoloyiko"!
nguMakhosonke Mkhaliphi, ePiet Retief
Isichaphazela sonke
I-HIV/AIDS isichaphazela sonke. Kufuneka sazi ukuba luxanduva lwethu ukubakhathalela abo banesi sifo.
Kaloku nathi asazi ukuba siza kusihlasela nini ngoko kulungile ukubakhathalela abanaso.
Xa ubakhathalela kufuneka ubaxelele ukuba ukufunyaniswa kwabo benesi sifo akuthethi kuphela kobomi kubo. Bangaphil' ubomi obupheleleyo nobumnandi.
Masibe ngumzekelo omhle bemi beloMzantsi Afrika kwizizukulwana ezizayo!
nguRocky Mapea, kwaSoshangane
BONA XHOSA - December 2006
u Yonk' into yenzeka ngesizathu. Yonk' into inexesha layo. Unganikezeli kuba awazi ukuba liza kufika nini ixesha lakho - yaye uphumelela kuphela xa unganikezeli.
nguDM, eMpumalanga
Iileta Zenu
u Ungaphumelela nangakumbi xa ungahlali ulele.
nguLM, eKapa
Abefundisi abaphila cofileyo
Ngaba kulungile ukuba abefundisi baphile cofileyo babe bexhaswa ngamabandla ahluphekayo"
Baqhub' iminyobo yeemoto lo gama amarhamente abo ehamba ngeenyawo! Bahlala kumapoma ezindlu, banxib' iimpahla zodidi oluphambili!
Ngaba bubuKrestu obu" Abaqhitsi abantu besithele ngeBhayibhile"
nguMM, eSoweto
u Makhe siyeke ukugxek' izinto ezazisenzeka kudala sisebenze. Ikamva lisezandleni zethu ngoku.
nguAV, eLadysmith
Amazwi obulumko...
u Xa uzingisa awuphulukwa nto!
nguQX, eDennilton [x]
Ungalisebenzisa
igama ozithiye lona xa
usibhalela, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi yakho. Asitsho ukuba siyavumelana nazo zonke izimvo zabafundi kula makhasi, kwaye sinelungelo lokuzihlela ezo
siza kuzipapasha.
