xhosa.267.beautyaug
EZOBUHLE
Iiphedi, iibrashi kunye noncedo oluzakukunceda uzilungise ukuze ubukeke... Kubhale uCharis Dawson
Amehlo
Iiphedi ze-Eyeshadow: Ezi zizixhobo zokuqaba eziye ziphume ne-eyeshadow kwaye zilungile xa uza kuyiqaba yonke inkophe. Ziqinile kuneebrashi, ngoko ungawongeza umbala wakho ukuze ucace, kodwa ke ziyakhawuleza ukophuka iiphedi kwaye zisoloko zifuna ukutshintshwa.
Iibrashi ze-Eye shadow: Zahlukene ngobukhulu. Bubulumko ukuthenga ezimbini ezahlukeneyo, ebhityileyo netyebileyo kuba oku kuza kukunceda xa ufuna ukusebenzisa imibala eyahlukeneyo emehlweni, xa uzilungiselela ubusuku.
Ibrashi yeLiquid-eyeliner: Ngelishwa awunakuyithenga iyodwa. Ngoko ke kubalulekile ukuba xa uthenga iliquid-liner uyivule ujongisise ibrashi yayo - imelwe kukuqina, ibhitye, ikwazi ukwenza umgca ocwangcileyo.
Ibrashi yeMascara: Esi isixhobo asiqhelekanga. Elinye icala linebrashi eqinileyo enamajiko-jiko, kanti kwelinye inemisebe. Eli cala liqinileyo lenzelwe ukuqaqulula imascara yakho.
I-Eyelash curler: Yenzelwe ukwenza imisebe ibukeke imide kwaye ixinene. Kodwa ukhumbule: ungasebenzisi amandla. Lixesha hayi amandla elenza imisebe iphotheke.
Amashiya
Ibrashi yaMashiya: Elinye icala le brashi yemascara lisetyenziselwa ukucwalisa amashiya liwacwangcise.
IiTweezers: Ukuba uyawasusa amashiya akho kubalulekile ukuba neyakho itweezer ukuze ungahlutshwa ziingxaki zolusu neenwele ezikhulayo. Cela umncedi wasevenkileni akuncede xa uza kuthenga itweezer.
Izidlele
Ibrashi yephawuda: Musa ukuyisebenzisa ibrashi encinci ephuma nephawuda okanye iblasha. Funa enkulu nethambileyo eza kuqaba isidlele sakho sonke ngephawuda ngaxeshanye.
Imilebe
Ibrashi yeGloss: Iingcaphephe zobuhle zisebenzisa ibrashi xa ziqaba igloss okanye ilipstick emilebeni. Iqaba phantse wonke umlebe ngaxeshanye utsho umbala ucwangce.
I-Liner brashi: Ibrashi encinci kakhulu esetyenziswa ukuzoba imilebe. Kuthatha ixesha phambi kokuba uyicwabe iliner, kodwa xa sele ukwazi iziphumo ziyamangalisa.
Izandla neenyawo
I-Orange stick: Lukhuni olubhityileyo olutsolo kweliny' icala ukuze lukwazi ukukhupha ubumdaka phakathi ezinzitsheni zakho, kwelinye icala imtyaba. Xa isetyenziswa rhoqo iba yindlela ekhawulezayo egcina izandla neenyawo zakho zibukeka.
ICuticle-cutter: Xa sele uyisebenzisile i-orange stick ukutyhalela emva iinyama yozipho, ungayisusa inyama eyomileyo. Icuticle-cutter yenza lo msebenzi, isisixhobo esincinane esimile okukanobumba u-V esiphakathini esibukhali.
INail-buffer: Ngumbhobho omhlophe owenza iinzipho zeminwe nezeenzwane zibe mthebelele ngaphezulu. Yisebenzise emva kokuba uzikhuhle ngocoselelo ngebhodi ye-emeri esisikhuhli ukuze zikhazimle ngakumbi.
Isikere seenzipho: Sisebenzise xa ufuna ukungqalisa iinzipho ekugqibeleni.
Ezinye
IBlender: Sisiponji esingasetyenziselwa nantoni na, ukusukela ekuziphaphatheni ngodaka lobuso ukuze kube ngathi libala lakho lendalo ukuya ekufakeni imibala eyahlukeneyo ezinkopheni.
IPumice stone: Ilitye elenziwe ngodaka olomisiweyo, elisusa ulusu oluqinileyo ngaphantsi konyawo lwakho nasezithendeni.
I-Exfoliating gloves: Zinxitywa eshawareni okanye ebhafini, ezi glavu zikhuhla ulusu lwakho ngobunono xa uhlamba. Ungazisebenzisi ebusweni kuba ulusu lwakhona lubuthathaka kwaye ungamosha ibala lakho.
I-Exfoliating puff: Isusa ulusu olomileyo kwaye ivule iintunjana zolusu lobuso. Yisebenzise ngononophelo, khuhla kunge uzoba izangqa ngentwana yesepha
yobuso. [x]
BONA XHOSA August 2008
ezizizo
Izixhobo
BONA April 2008
