xhosa.1444.sport
Ingaba imeko yebhola eMzantsi Afrika inje? Ingaba iyinkunkuma enje ekungekho mntu uzimiseleyo ukusukuma ayilungise?
Ilizwe
ELIbethwaYO!
Sinabo abadlali abanetalente ebholeni nakweminy' imidlalo - phofu kutheni sibethwa kangaka? Kutheni zingekho iinkqubo zokuphuhlis' abadlali eMzantsi Afrika? Kubhale uForce Khashane, kufote uMolefi Sebatie
BONA XHOSA November 2008
LIHLAZO! Leyo kuphela kwendlela ongachaza ngayo imeko yebhola (neminy' imidlalo) eSoweto. Sabhiyoza kakhulu xa sasinikwa ilungelo lokusingath' imidlalo yeNdebe yeHlabathi ka-2010, kodwa ngathi akukho mtu wazikhathaza ngokuzama ukunyusa umgangatho weqela lelizwe emva koko. ISoweto yeyona ndawo esifanele siqale kuyo ukujonga ukuba uphi undonakele.
Kaloku iSoweto yeyona ndawo ibimel' ukuphala phambili ekuveliseni abadlali abatsha bemidlalo eyohlukeneyo. Kodwa nakule lokishi eyayifudula iphala phambili emzabalazweni wenkululeko ezemidlalo zigubungelwe ngumona nepolitiki.
Umzekelo waloo nto, kutshanje abaphathi bebhola baseSoweto bothuswe kukubona kusakhiwa izindlu kwelinye lamabala ebhola amadala elibizwa ngeSputnik.
Kukweli bala lingaseMeadowlands Hostel apho kwavunjululwa iitalente zabadlali abaphambili bakudala abanjengoNeo "City Late" Lichabe noRhyder Mofokeng.
"Akukho mntu wasazisayo ukuba kuzokwakhiw' izindlu ebaleni lebhola. Sabona nje ngeny' intsasa lisembiwa ibala. Sathi xa sikhalaza kubakhi bezo zindlu basibuza ukuba 'Ingaba sikhetha ukuba nebala lebhola na kunokuba nezindlu zokuhlala'. Oku kutshabalalisa uluntu lwakowethu yaye kuvala amathuba okudlal' ibhola ebantwaneni bethu," utshilo umphathi webhola yabangahlawulwayo, uHenry Mchunu. Sizame iintsuku ezintlanu ukuqhagamshelana neSebe leziNdlu laseGauteng kodwa onke loo malinge awe phantsi.
Inkoliso yethu yacinga ukuba uMzantsi Afrika omtsha uza kuhamba phambili emidlalweni emva kokutshatyalaliswa kwenkqubo yocalulo, kodwa ngathi kuxa litsala nzima eli.
UBONAKALA ngathi urhulumente wocalulo wayezenza iinzame zokuphuhlisa abadlali abanetalente, ingakumbi ezikolweni.
Oko kwakubonakala eSoweto ezikolweni ezinjenge-Altem Secondary ese-Orlando East eyavelisa abadlali abaphambili njengoJomo Sono, uKaizer Motaung, uPercy "Chippa" Moloi no-Ephraim "Shakes" Mashaba.
Ngaloo minyaka amabal' ebhola anjengeSputnik namanye ase-Orlando, eMoroka, eDiepkloof, eSenaoane, eMofolo, eNaledi, eMeadowlands, ePimville naseJabavu kwakudlalelwa kuwo imidlalo yezikolo neyeligi yodidi lwabanga-hlawulwayo.
Ngoku inkoliso yaloo mabala akasekho, ukanti ayisekho nemidlalo yezikolo eyayidlalwa rhoqo ngoLwesithathu nemidlalo yamaqela angahlawulwayo eyayiba ngeempela-veki ayisabukelwa ngabantu abaninzi njengakudala.
Aphela namaqela ayedlala kuloo mabala anjenge-Orlando Preston Brothers, i-Orlando Highlanders,
i-Extension Gunners, iDiepkloof Blue Spurs, iPimville Tiny Rockies, iZola Black Dragons, iMoletsane Young Tigers, iMeadowlands Darkies namany' amaninzi.
La maqela atshabalala kwakungena inkqubo entsha yedemokhrasi eyeza nabantu abafika besithi abaphathi bebhola bakudala babezinika amandla amakhulu.
UKUBANGWA kwezikhundla okwatshabalalisa iSouth African National Football Association eyayikhokelwa nguGeorge Thabe kwaza kwasekwa iSouth African Football Association kwayingcwaba ibhola engahlawulelwayo eSoweto nakweziny' iingingqi zeli lizwe.
Kwatshabalala nemibutho eyayilawul' ibhola njengeJohannesburg Bantu Football Association (JBFA) eyaba negalelo elikhulu ekuveliseni iimbalasane ezinjengoZacharia "Computer" Lamola noGeorge "Brains" Mchunu.
"Ukuthi shwaka ebholeni kwabaphathi bebhola yodidi lwamaqela angahlawulwayo kwayichana kanobom ibhola yethu. Ngoku sizama ukuphuhlis' ulutsha ebholeni yaye sibongoza abazali ukuba basincedise ekuphuhliseni izakhono zabantwana babo," utsho uPhil Mogodi oyintloko yeSAFA-Soweto.
Uvumile ukuba izinto azihambi kakuhle kwibhola yodidi lwabangahlawulwayo. Ukwathe ukohluthwa kwamandla kwabaphathi bamaqela akolu didi ababengabaqeqeshi nabanini bala maqela akuzange kusingathwe ngokufanelekileyo.
"Baninzi abadlali abanesiphiwo eSoweto abalindele ukuvunjululwa, kodwa sichanwa kukungabi namali kuba asifumani nkxaso yamali kwiSAFA."
Nguye ojongene noxanduva lokungen' ephuma efun' abaxhasi.
KUQHUBEKA ntoni kona ezikolweni? "Ibhola neminy' imidlalo ayisadlalwa ngokomgangatho ophezulu ezikolweni kungakudala. Akusekho ukuzimisela. Iititshala zifun' ukuhlawulwa imali yokusebenz' ixesha elongezelelweyo xa zidlalisa abafundi imidlalo, loo nto ke ibabethe abantwana abathand' imidlalo," itshilo eny' inqununu.
Kwiminyaka eyadlulayo iititshala zazikhuthaza abafundi ukuba badlale imidlalo nasemva kweeyure zokufunda, waza umbutho weSouth African Democratic Teachers Union wanyanzelisa ukuba imidlalo mayidlalwe ngexesha lesikolo - yaqala apho ke inkathazo.
"Kudala izikolo zazisakha amaqela omeleleyo emidlalo, kodwa ngoku akusenzeki oko," itshilo eny' inqununu.
"Asisenalo ixesha lokuqulunqa inkqubo yezemidlalo. Sasiba namaqela omeleleyo kuqala kuba iSebe leMfundo neMidlalo lalisenzela imidlalo yonyaka yezikolo, iititshala zifundiswa ngokuqeqesha abadlali yaye sinikwa nabantu ababephatha imidlalo, thina sijongene nokuhlohl' abafundi nokwakha amaqela omeleleyo kwimidlalo eyohlukeneyo."
UPanyaza Lesufi osisithethi seSebe leMfundo eGauteng uthi bubuvuvu obo.
"Ezemidlalo zifakwe phantsi kwezifundo zeLife Orientation. Xa besithi abanako ukumelana nalo msebenzi, kwenzeke kanjani ukuba sibe nesikolo esizibalule kwiDanone Soccer Competition de saya kusimela phesheya?"
Ukuhla komgangatho wemidlalo ezikolweni akwenzi babembalwa kuphela abadlali abaveliswa zizikolo. Kukho nengxaki yokungakwazi kuziphatha...
ULinda Buthelezi owayedlala kwiBafana Bafana uthi ingxaki eyenza iqela lelizwe lingadlali kakuhle kukungakwazi ukuziphatha kwabadlali bale mihla.
"Sasifundiswa ukuba nesimilo nendlela yokuziphatha esikolweni," utsho uLinda.
Uphinde wabagxeka kanobom nabaphathi bebhola. "Bayibulala ibhola yeli ngokuqesh' abaqeqeshi abangekho mgangathweni bamany' amazwe. Iqela lelizwe elaliqeqeshwa nguClive Barker labonisa ukuba abadlali esinabo kweli bangabetha amazwe ehlabathi. Abaphathi bebhola bafanele basebenzise abadlali abadala ekuphuhliseni ibhola. Kaloku bangabona bantu banobuchule bokuphuhlisa isakhono sabadlali abaselula.
"Ingaphumelela njani ibhola ezikolweni ube umbutho olawula ibhola ungengomzekelo omhle kwawona?
"I-SAFA ifanele iphale phambili ekuphuhlisweni kwebhola kwaye yiyo emayifumanele izikolo inkxaso."
Nangona kunjalo kudliwano-ndlebe lwakutshanje kunomathotholo, usekela-mongameli weSAFA, uGqr. Irvin Khoza wathi lo mbutho awunamali yokuphuhlis' ibhola! [x]
EZEMIDLALO
Ngoku kwakhiwe izindlu kwibala lebhola elavelisa abadlali ababedumile kweli.
BONA XHOSA November 2008
Afanele othulelw' umnqwazi amaqela ebhola amancinci asaqhubekayo nokudlala.
Abadlali abangahlawulwayo banyamezela ukudlala emabaleni angenangca nazele amatye.
BONA XHOSA November 2008
" Bayibulala ibhola yethu ngokuqesha abaqeqeshi baphesheya abangekho mgangathweni "
BONA XHOSA November 2008
U-KK Sono ongumninawa kaJomo Sono owayedlalel' iPirates ungumvumbululi wabadlali kwaye ukholelwa ekubeni xa bengaphuhliswa ngendlela abadlali abaselula, iya kusoloko ibethwa iBafana Bafana.
UPhil Mogodi oyintloko yeSAFA-Soweto uyavuma ukuba izinto azihambi kakuhle kwibhola yabangahla-wulwayo.
ULinda Buthelezi uthi kukungakwazi ukuziphatha kwabadlali okwenza iqela lelizwe lingadlali kakuhle.
BONA XHOSA November 2008
