xhosa.2649.yourlifeguide_stars_2
ABAFOTIWEYO BAYALINGANISA
NDINEMINYAKA engama-30 yaye ndenza umsebenzi omhle. Ndingumntu onobubele, kodwa ndiyacinga kukho umntu owenza iyelenqe elithile ukuze imali ingahlali epokothweni yam. Ndithi ndifun' ukusebenzis' imali, ndibe ndingasenayo nepeni emdaka. Oku kungavakala kuyintsomi kodwa yinyaniso. Mhlawumbi kukho umntu owathakatha imali yam. Andinamali yokutheng' imoto okanye umzi, kodwa bendifanele ndibenazo ngokomvuzo wam.
ngu-Esther J, eSoweto
Bhota Esther
Awuthakathwanga tu. Ingxaki yakho kukuba imali uyayidyakaza.
Imeko yakho yemali ungayilungisa kuphela ngokwazi ukuba isenti nesenti uyenze ntoni. Ndikucebisa ukuba wakwamkela uyibhale phantsi yonke into oyenza ngemali. Bhala yonk' into ukususela kwirenti kuye kwiitshipsi ozithenga emsebenzini.
Wakuyazi ukuba uyenze ntoni imali yakho, bhala izinto oza kuzenza ngomvuzo wakho olandelayo.
Ukwenza oko ke kukubhajetha (ukwenza uqingqo-mali). Wakuyenza ibhajethi, yilandele. Zibekele izinto ofun' ukuzenza njengokutheng' imoto okanye umzi, oko kuya kukukhuthaza ungaphambuki kwibhajethi yakho.
Yintoni ingxaki?
Ndineminyaka engama-25 ubudala. Utata wasweleka umama eneenyang' ezintathu endikhulelwe. Watshata neny' indoda, saza ke sabiza ifani yotata womtshato omtsha.
Ndaya kufunda eyunivesithi ngo-2001, kodwa ndaba neengxaki ezifundweni zam de ndathweswa isidanga ngo-2008. Ngoku ndiphangela kwinkampani yabaphicothi-zincwadi zemali kwaye ndamkela umvuzo ophantsi.
Andinathamsanqa nakwezothando. Abafana bayafika bahambe emva kwethutyana sithandana.
Ingaba kukho undonakele kum? Ingaba ndenzelwa isimnyama zizinyanya zikatata, njengokuba abany' abantu besitsho?
Akazitshongo
Bhota mfundi
Ndiyavuyisana nawe! Ungomnye wabantu abambalwa abasikeleleke ngokuba nemfundo enomsila nabaphangelayo.
Unemiceli-mngeni ekufuneka ugqithe kuyo njengomntu wonke. Funda ke kuloo miceli-mngeni. Mhlawumbi ufanele ufunde ukuba nomonde njengokuba kungathi izinto zikuhambela kade.
Ingomso lakho alilawulwa yimvelaphi yakho. Zama ukuziphucula emsebenzini wakho nokuzithemba kwakho.
Uthand' iilokhwe!
Umfana endincuma naye uzithanda kakhulu iilokhwe. Ndiyamthanda kakhulu. Ndingamyekisa kanjani ukuxoka ukuze athembeke kum?
nguThandi, eKapa
Bhota Thandi
Qala ngokuzijonga wena sisi! Zithande yaye uzihloniphe. Yenz' isigqibo ngokufunayo ebomini. Jonga ke ukuba ukufanele na ukudlalwa ngomnye umntu. Cinga ngokuba ukufanele na ukuzibeka esichengeni sokusulelwa yiHIV.
Azibalulekanga izinto ezenziwa ngamadoda kuwe. Okubalulekileyo kukuba uThandi uyakufuna na ukuzamkela ezo zinto!
Ndincede! Amabele am mancinci kakhulu
Ndineminyak' engama-23 yaye ndinengxaki yokuba namabele amancinane. Ndinqwenel' ukuba namabel' amakhulu, kodwa andazi ukuba ndingawakhulisa njani. Ndicel' uncedo.
nguMaria L, ePolokwane
Bhota Maria
Zimbini iindlela zokuphendul' umbuzo wakho. Eyokuqala nelula yeyokuba uye kucel' uncedo lukagqirha. Uya kukuchazela indlela yokukhulisa amabele akho.
Olo tyando luza kukudla epokothweni. Oko kundizisa kwindlela yesibini yokuphendul' ingxaki yakho - nekukuba ufanele ucingisise kuqala.
Wonk' umntu unendawo angayithandiyo emzimbeni wakhe. Imizimba yethu ayakhiwanga kakuhle yonke njengokuyibona kwethu. Siyigxeka kakhulu imizimba yethu xa sisebatsha okanye singena ebudaleni. Uyazamkela uyinto oyiyo ngokuya ukhula okanye usiba namava ngobomi.
Nabantu ke bayakwamkela uyinto oyiyo xa sele nawe uzamkele.
Kusenokuba awuwathandi amabele akho kuba kukho umntu owahlekisa ngawo okanye owakwenza wawabona engakulingananga. Kusenokuba oko kwatshiwo ngumhlobo okanye umfana oncuma naye.
Unako ukutshintsha indlela owabona ngayo, yiba nombulelo ngokuba namabele aphilileyo.
Kwakhona: funda ukubonisa izinto ezintle onazo - usenokuba umile kakuhle okanye unolusu oluhle.
Yazi noku Maria: umhle kuba wenziwe ngomfuziselo kaThixo!
Andinakuphila ngaphandle kwakhe
Ndingumfana onama-29 eminyaka yaye ndincuma nentombi enama-21. Sihlala kwidolophu enye, kodwa qelele omnye komnye. Ngoku andilali kuba indalile kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo. Andinakuphila ngaphandle kwale ntombi - ndingayibuyisa njani?
Akazitshongo, eKroonstad
Bhota mfundi
Ndibuhlungu kukuva ngokwaliwa kwakho. Ukwaliwa kwenzeka kumntu wonke - kodwa xa kwenzeke kuwe kubangathi kuphela kwakho oke waliwa.
Qala ngokwamkela ukuba uthando lwenu luphelile - usayifowunela le ntombi, kodwa wena ayikufowuneli.
Yamkela ukuba uza kuba buhlungu: kuza kubakho amathuba okunqwenela ukuyifowunela, kuza kubakho amaxesha okuziva ulilolo - oko kuseyinxalenye yentlungu yokwaliwa.
Ungangxami ngokufumana omnye umntu, kodwa ncokola nabantu abaza kukunceda uyilibale intlungu yakho.
Ukungakwazi "ukuphila ngaphandle" komntu othile kuko okwenza abantu bahambele kude kunathi. Iza kuphela intlungu yakho ethubeni. [x]
amandl' obomi
Ngubani oba imali yam?
INGABA UTHAKATHIWE? INGABA UFUNA IYEZA - OKANYE UKUZIPHATHA KAKUHLE?
USis Sarah
ukho ukuze
aphendule
imibuzo
yakho, ngethemba lokuba uza kuphilisa iintliziyo ezaphu-kileyo
Mbhalele kule dilesi:
Ask Sis Sarah,
Box 32083, Mobeni
4060.
Qaphela:
USis Sarah
akwazi
ukukucebisa ngeengxaki
zempilo.
QAPHELANI OKU
Ndinganicebisa ngeengxaki zothando neziny' iingxaki "zomphefumlo". Andinguye ugqirha, ngoko andinako ukukunceda ngeengxaki zonyango.
Yiya kugqirha okanye eklinikhi xa unengxaki yempilo kuba leyo yeyona ndlela ekhuselekileyo. Xa uthetha naye ungabi neentloni zokumnika zonke iinkcukacha zengulo yakho!
indwalutho yale nyanga
Umdlali webhola
wazalwa ngo-21 May 1977
UFortune waya kudlalel' iqela labadlali abaselula leTottenham Hotspur eNgilani eneminyak' eli-11. Italente yakhe ebholeni yamenza wathengwa yiManchester United. Uqale ukudlalel' iBafana Bafana ngo-1996 kwaye kungoku nje udlalel' i-AFC Tubize e-Italy.
IINKWENKWEZI
Uza kuziva usemoyeni wothando, nto leyo iziindaba ezimnandi kwiqabane lakho. Ukusebenzisa amathuba kungakwenza uzifumanele isithandwa xa ungatshatanga. Imihla yothando: 20, 21.
Ngoku iqabane lakho alinangxaki ngokuthetha ngengomso, ungoyiki ukuqalisa ingxoxo. Ungaxhalabi xa ungenalo kuba eli asiloxesha lihle lokuthanda umntu. Imihla yothando: 22, 23.
Xa kukho umntu omthandayo, mxelele ngokuphandle ukuze niqalise uthando lwenu ngothethwano. Imihla yothando: 24, 25.
Nakuluphi na uthando kukho izifundo ezifundwayo, ngoko bonis' umntu wakho ukuba unenkathalo. Xa ungenaye, sabela isimemo esingakwenza umfumane. Imihla yothando: 26, 27.
Eli lixesh' elihle lokuzama ukubuyisel' umoya wothando eluthandweni lwenu. Nguwe ofanele uhambe phambili ekuthetheni xa ungenamntu. Imihla yothando: 1, 29.
Bonisa umoya wothando xa unomntu wakho xa ufuna lusoloko luvutha uthando lwenu. Xa ungenamntu, ungakhathazeki, uza kumfumana. Imihla yothando: 3, 31.
Xa ufun' iqabane elitsha, jonga iimpawu kumntu omaziyo. Xa unaye umntu oncuma naye, ungavumeli ukuthatyathwa nje nakanjani na. Imihla yothando: 5, 7.
Uthando olungenamiqathango nokwamkelana zizinto eninazo nomntu othandana naye. Ukuthembeka nokubonisa uthando kuza kuninceda. Imihla yothando: 8, 9.
Yiba nomonde kuba zonk' izinto ziza kulunga eluthandweni lwakho. Bonk' abantu baba neengxaki ngamaxesha athile. Izinto azimbanga njengokuba ucinga. Imihla yothando: 10, 11.
Ungumntu onothando kwaye uza kubonwa nangumntu othile omfunayo. Ungabi neentloni! Xa engakufuni, nguye oza kulahlekelwa! Imihla yothando: 13, 14.
Yiba nobubele nenzondelelo ukuze umntu okuthandayo azithembe eluthandweni lwenu. Xa ungenamntu, lindel' umyalezo ovela kumntu omthandayo. Imihla yothando: 15, 17.
Ulonwabo yinto yakho ngoko lonwabele ngeli xesha. Ulumkele ukuba ububele bakho busetyenziswe kakubi xa ungenamntu. Maxa wambi kuhle ukungabi namntu. Imihla yothando: 18, 19.
IINKWENKWEZI ZAKHO
