XHOSA.2645.stars
Okuxelwa Ziinkwenkwezi
BONA XHOSA - June 2006
Umsebenzi: Bonis' abantu osebenza nabo ukuthembeka kwakho.
Impilo: Zinik' ithuba lokuphumla - yongez' amandla.
Imali: Bulela abakuphetheyo ngokukonyusel' imali okanye ngomvuzo omhle.
Uthando: Ungalikhathazi iqabane lakho.
Umsebenzi: Sebenzisa ubuchule bokulawula ukuze unyukele kwinqwanqwa eliphezulu.Impilo: Usempilweni ingakumbi xa ungakuvumeli ukutyeba.
Imali: Cingel' ingomso. Qalisa ukutyal' imali.
Uthando: Thetha neqabane lakho kodwa ungalilawuli!
Umsebenzi: Uyacingisisa ngoko uza kwenz' izigqibo ezihle kushishino.
Impilo: Yenz' imithambo uphephe uxinzelelo.
Imali: Yiphathe kakuhle imali.
Uthando: Eli lelona xesha liza kukwanelisa eluthandweni, utshatile, ungatshatanga.
Umsebenzi: Zinikele emsebenzini ukuze uphumelele.
Impilo: Ungachukumiseki kakhulu. Lawula iimvakalelo zakho.
Imali: Lumka ungazibandakanyi nezivumelwano eziza kukutshonisa.
Uthando: Zinik' ixesha eluthandweni ukuphucul' uthando lwakho.
Umsebenzi: Yiba ngqongqo xa ufuna abantu osebenza nabo benz' into oyifunayo.
Impilo: Eli lixesha elingenakuzola. Yenz' imithambo kwaye uchith' ixesha ngaphandle.
Imali: Uza kuba nemali eninzi.
Uthando: Zilungiselele ukufuman' uthando olunik' umdla.
Umsebenzi: Ungalahlekiswa. Luhlolisise ulwazi onalo.
Impilo: Ungavumeli abantu abahluphayo bakucaphukise.
Imali: Xa uceba kwaye ucinga ngokukuko uza kuzinza ngasezimalini.
Uthando: Niza konwaba neqabane lakho.
Umsebenzi: Uza kuba nenkqubela kuba ufuman' iimpembelelo zabantu abalumkileyo.
Impilo: Qinisekis' ukuba wenz' imithambo kwaye utya kakuhle ukuze uhlale usempilweni. Imali: Lumkela ukudyakaz' imali kwizinto ezingeyomfuneko.
Uthando: Kuza kubakho inzolo nokwaneliseka eluthandweni lwenu.
Umsebenzi: Landel' imiyalelo uhlale uzilungiselele ukuze uphumelele.
Impilo: Ungavumel' umsebenzi wongamel' ubomi bakho. Zinik' ixesha lokuphumla.
Imali: Uza kuba nemali xa uyityala ngobulumko.
Uthando: Yiba nothando ulikhathalel' iqabane lakho. Ungabi nobukhwele.
Umsebenzi: Wathathe onk' amathuba. Zimisele ukuphumelela.
Impilo: Yonwabel' imidlalo uzonwabise.Luphephe uxinzelelo.
Imali: Yonwabel' ukuchith' imali kodwa uyichithe ngobulumko.
Uthando: Yiba nenyameko nenkathalo luza kuqaqamba uthando lwakho.
Umsebenzi: Ungangxameli izinto. Inkqubela ehamba ngonyawo lonwabu ikuphathela lukhulu.
Impilo: Yijong' indlela otya ngayo wenze nemithambo.
Imali: Wajongisisise amathuba okwenz' imali ukuze ungaqhathwa.
Uthando: Lixesha lothando. Yonwabisa iqabane lakho!
Umsebenzi: Nika amaphupha akho ingqwalasela eyodwa.
Impilo: Zibamb' iimvakalelo zakho. Ziphephe iindawo ezikwenzela uxinzelelo nezikuphazamisayo.
Imali: Kuza kuvela into eza kufun' imali.
Uthando: Eli lixesha elimnandi nelizele ulonwabo kwezothando. Lonwabele!
Umsebenzi: Hlala uthi qwa ukuze ubenolwazi kwezoshishino.
Impilo: Yijong' indlela otya ngayo uze uqalise inkqubo yokuzigcina womelele.
Imali: Xa utyalwa imali yifune ukuze uyifumane ngokukhawuleza.
Uthando: Uza kuba seluthandweni, xa ungenaqabane uza kulifumana. [x]
