xhosa.2644.twins
UNOMATHOTHOLO
Bangumceph' ucandiwe. Sicinga ukuba uHlelo ngosekhohlo, uNtando ngosekunene.
Sincokole ne-
UHLELO wazalwa emva komzuzu ezelwe uNtando Ekurhuleni kwiminyaka engama-25 edlulielyo kwaye uthi kumnandi kubo ukuba ngamawele.
"Sisafunda sasingazi nokuba ukuba ngamawele kusenza abantu abakhethekileyo," utshilo uNtando.
Bathi ngo-1990 babe ngundaba-mlonyeni ngokuba yimidaka yokuqala ukufunda kwisikolo soonongendi, iSt Dominic.
Ngoku ezi nzwakazi zisukileyo egadeni zizama ukuzenzel' igama kwezolonwabo njengamawele azizinhanha akwa-Olsen aseHollywood.
Kungoku nje bangabona bantu batsha abangundaba-mlonyeni kwiTV, emculweni nakwifashoni.
Ngathi baza kuba ziindumasi ngokukhawuleza xa ujonga inani lembalelwano abayifumana kwinkqubo abayisasazayo ethi Double Up engena ngo-6-9pm.
"Yintoni eyenza abafana basoloko benqwenela ukuzibona belele namawele ebhedini"" ubuze watsho uNtando.
"Isiqingatha sabantu abasibhalelayo bathetha ngaloo nto. Esinye isiqingatha sithetha ngomculo ekuyeyona nto nathi siyithandayo."
Umculo uyathandwa kusapho lwakowabo. Umntakwabo uQuinton ubizwa ngoDJ Naked yaye uyenye yeeDJ ezithandwayo eJozi.
Wanceda oodadewabo bashicilela iCD eyidemo eyabenza baqeshwa yi-Yfm ngo-Aprili wonyaka ophelileyo.
"Siyancedisana njengosapho nakwintoni na esiyenzayo. Thina singoontondo kodwa bonke abantakwethu - uQuinton, uFortune noRamesh bangamanxila omculo," utshilo uHlelo.
Kuloo CD la mawele ayethetha ephikisana ngomculo, abafana, iimpahla nangokuba ngubani ohlamba kuqala nangokuba ngubani oza kuqhuba xa bebuya epatini.
Bayithanda abaphathi beYfm baza babanika inkqubo yangempela-veki.
Ngokutsho kukaNtando kuninzi abathetha ngako kule nkqubo ukususela ekubeni ngubani omhle, ngubani otyebileyo nokuba ngubani okrele-krele.
"Emva koko ndithi, 'Khawuthule, udlal' ingoma.' Abaphulaphuli bayasithanda xa siphikisana ngezo zinto," utsho uHlelo.
Ngokutsho kukaNtando, uHlelo ngoyena uphumelelayo kwezothando kuba unexesha elide ethandana nomntu wakhe.
UNtando uthi akangxamanga kwezothando kuba kunzima emadodeni ukuthand' iwele elinye kumawele amabini amahle.
"Oko kubangela nobukhwele kuba inkoliso yabantu abakwazi ukusohlula. Ngoko xa kusiza indoda kum epatini, indibuze ukuba kutheni ndingayifowuneli, umfana endincuma naye uyacaphuka xa ndisithi andiyazi loo ndoda," utsho uHlelo.
Umfana oncuma noNtando usenengxaki yokunga uthandana nawo omabini amawele.
"Emva kwenyanga sithandana wathi uzibona ngathi akathembekanga kum xa ebonana noHlelo.
"Ngethamsanqa ke asizange sazifumana sibanga umfana omnye. Ngabafana abazifumana benaloo ngxaki," utsho uNtando.
Xa babeqala ukusasaza kwiYfm abaphulaphuli babecinga ukuba iDa Twinz licebo nje lesi sikhululo lokusebenzisa ilizwi lomntu omnye bavakale ngathi babini.
Yaphela loo ngcingane emva kokuba beqale ukubonwa kwimisitho ethile behamba kunye.
"Xa sisethekweni elithile, omnye wethu akazenzi njengomnye izinto. Xa ndisela mna, uNtando usela amanzi yena ukuze aqhube xa sigoduka," utsho uHlelo.
Bakwathe abantu abafuna ukuhamba ekhondweni labo nguBasetsane Khumalo noConnie Ferguson ukuze basebenzise impumelelo yabo yezolonwabo ukuze babe ngoosomashishinikazi. [x]
Umbhali: Doug Gordon
Abantu basi-thanda xa siphi-kisana
UHlelo noNtando Masina ngamawele amahle asoloko exambulisana nafumana iincwadi ezinogezo kubathandi bawo kwishishini lomculo...
ABAFANI NGENTO YONKE
Nangona bengumceph' ucandiwe, kodwa abathandi izinto ezifanayo. UNtando uthand' ukubukel' imidlalo yeTV nokufunda, ukanti uHlelo uthand' imidlalo nezinto ezenzelwa phandle.
Baneeflethi kwisakhiwo esinye esiseKurhuleni, kodwa bazonwabisa kwiindawo ezohlukeneyo xa bengaphangeli.
"Xa singenzi umsebenzi weDa Twinz, senza izinto ezahlukeneyo. UNtando ufuna ukuba nebhari - kanti mna ndifuna ukuba nesikolo sokufundisa ukuziphatha," utsho uHlelo.
Nangona kunjalo baya kusoloko besondelelene...
"Xa ndiye ezivenkileni ndihamba ndedwa, abantu abandiqapheli. Kodwa bayasiqaphela xa sihamba sobabini. Yiloo nto esenza sikhetheke."
