xhosa.2628.parenting
GREAT STOCK!
BONA XHOSA - May 2006
liqulunqwe nguNONI KHUMALO
Ubuzali
isikhokelo esiza kukunceda
Kwelale nyanga inqaku sijonga iingxaki zokukhulelwa, ukumelana nosana olungalaliyo,
ukubaluleka kokudlala kosana neengcebiso zokong' imali. Lonwabele!
KUMNANDI ukubukel' umzimba wakho utshintsha xa ukhulelwe kodwa kuba kubi xa uman' ukukhathazwa ziingxaki zempilo. Nazi iingcebiso ezingakunceda kwiingxaki zokukhulelwa...
uIsitshisa: Sixhaphake kwiinyanga ezintathu zokugqibela zokukhulelwa apho sele lukhulile usana luthath' indawo enkulu esiswini sakho.
Ukutya qho ukuty' okuncinci kusenza bhetele isitshisa lo gama kukunceda ufuman' ukutya okwaneleyo nosana lwakho.
Ungakutyi ukutya okuqhwethayo nokutyebileyo yaye xa uza kusel' amayeza esitshisa okanye okuqunjelwa uqale uxelele ugqirha.
uUkucatshuzelelwa: Kuba bhetele emva kweenyanga ezintathu zokuqala kodwa kuyenzeka kungapheli de ubeleke.
Yitya idry cracker bread neebhiskiti zejinja kuba ziyakuphelis' ukucatshuzelelwa.
uUlusu olurhawuzelayo: Ulusu lwakho luza kurhawuzelela njengoko lunwebeka. Sela kakhulu amanzi uthambise imoisturiser ukuze ugcin' ulusu lwakho lugudile yaye lungarhawuzeli. (Yiya kugqirha xa lurhawuzelela kakhulu ulusu lwakho kuba loo nto intama ukuba unesifo sesibindi esidla ngokuphatha abantu abakhulelweyo.)
uIsiyezi: Zininzi izinto ezenza intloko yakho ijikeleze xa ukhulelwe.
Xa ulele ngecala lasekhohlo igazi liya kakhulu entliziyweni nto leyo ikuncedayo ungafi isiqaqa.
Xa ungakwazi ukulala hlala phantsi ufake intloko phakathi kwamadolo. Sukuma ngokuzicenga.
Ungahlali iiyure eziliqela ungatyanga okanye ungaselanga amanzi yaye xa uziva unesiyezi, yeka loo nto uyenzayo nokuba yintoni na.
Biz' ugqirha xa isiyezi sakho sibonis' eziny' iimpawu.
uAmaqatha neenyawo ezidumbileyo: Hamba-hamba ukuze igazi lihambe emzimbeni usele namanzi kakhulu. Fuman' uncedo lukagqirha xa udumbe ubuso, izandla neenyawo uphethwe nayintloko.
uUkuqunjelwa: Kuxhaphaka kakhulu ngenxa yeenguqu zeehomoni. Yitya kakhulu ifibre usele amanzi kakhulu kwaye wenz' imithambo nokuba uyahamba nje yonk' imihla. Ungaziseli izinto zokuhambisa kuba ziza kukugqibela amanzi emzimbeni.
uAmabele abuhlungu: Amabele ayakhula xa ukhulelwe kwaye xa unxiba ibhodisi engakulinganiyo aza kuba buhlungu.
Ukumelana nokukhulelwa
neengxaki zako...
Okoomama nootata...
Ootata abakhulelweyo
Ootata abaninzi abazi ukuba bathabathe yiphi inxaxheba ekukhulelweni. Kaloku nawe ngowakho umntwana yaye kufuneka nikonwabele nobabini ukukhulelwa.
Kufuneka ootata babekho xa amaqabane abo eyohlukuhla.
Kulapho uza kulubona khon' usana lwakho xa lukhula luba ngumntu lusuka kwinto encinane.
Ukuhlukuhla nobabini kuza kumnceda utata athob' amaxhala ngokumnika ulwazi olubalulekileyo ukuze azi ukuba ufanele enze ntoni na xa sele ifikil' imin' enkulu kumama kwanokuba aluthini na usana xa sele luzelwe.
Yiba ngutata onik' inkxaso. Ncedisa ekhaya ukuze umama abe nexesha lokuphumla.
Menze azive ebalulekile kuwe yaye aluve uthando lwakho ingakumbi xa ekhathazwa zizinto ezifana nokubon' umntwana omhle okanye ukumelana nomzimba wakhe otshintshayo.
Qinisekisa ukuba niwonwabela kunye amaxesha olonwabo njengelokushukuma komntwana.
Preggy pains
Kubalulekile ukuba umntwana adlale ukuze aphuhliseke engqondweni, emzimbeni nasemoyeni.
n Enye yezinto ezithandekayo ngabantwana kukunxibelelana kwabo bengakwazi nokuthetha. Xa umntwana wakho edlala nabany' abantwana ufuman' ithuba lokufunda ngabany' abantu, ukwabelana ngezinto zokudlala, indawo yokudlala nolonwabo.
n Abantwana bavakalis' iimvakalelo zabo ngokudlala ingakumbi xa bekhathazekile.
n Ukudlala kuphucula isakhono sokusebenzisa izandla ngokunxibelelana namehlo. Xa umntwana wakho edlala akabinalo uxinzelelo kwaye kumnceda angatyebi kakhulu.
n Abantwana bayakuthand' ukudlala izinto zemibono! Kwezabo iingcinga yonk' into ingumlingo. Bayakwazi ukutshintsha yonk' into ibe libali elikhethekileyo ngohlobo olulodwa.
n Ibali lemibono elibaliswa kakuhle libenza abantwana babe ngathi baphila kwelabo ilizwe kwaye bona bafunda nokuba ungakhupha into entle kunobenani.
n Ukuthath' inxaxheba ebalini kubenza bafunde banzi ngeenxaxheba abafun' ukuzithatha ebomini.
n Iipuzzle nemidlalo ikhuthaza abantwana ukuba bacinge yaye bathath' izigqibo ngokukhawuleza. Ezi zizinto ezimncedayo umntwana ekuphuhliseni ingqondo yakhe afunde nokuzimela.
Umdlalo
womntwana
BONA XHOSA - May 2006
u
t
GREAT STOCK!
nokuba ululalisa phi, njani na"
sana lwam
kufuneka wazi ukuba kufanele
Iintsana zinayo le nto yokungalali
kakuhle ebusuku. Okokuqala nje
ululalise njani na. Kufuneka wazi
Masonge imali...
Nasi isikhokelo...
Iingcebiso zabazali
PZiqhelis' ukuluphathis' umphako usapho lwakho. Lutya ukutya okunempilo nokwaziyo kunoko baza kukuthenga evenkileni nokuxabisa imali ethe kratya.
P Xa uthengel' abantwana iimpahla thenga ezinexabiso nezibaphatha kakuhle kuba ezinamagama nezixhomile ngamaxabiso ziyinkcitha-mali. Ngaloo ndlela uza kong' imali kwaye uthenge iimpahla eziza kuhlal' ixesha elide. Abantwana bayakhawuleza nokukhula ngoko uza kuzigcinel' abalandelayo.
P Theng' izinto eziyimfuneko kuphela. Iibaby wipes uzisebenzisa kuphela xa uza kuhamba nosana - xa usekhaya sul' usana ngomqhaphu namanzi, uzosule ngetawuli emanzi ecocekileyo izandla nobuso balo xa ugqib' ukulutyisa, endaweni yokuthenga iibhibhi ezininzi eziza kufun' ukuhlanjwa. Bek' ilweyile egxeni lakho xa ubhodlis' usana.
BONA XHOSA - May 2006
Lala
Luza kulala phi usana"
lEgumbini lalo: Ayingabo bonke abantu abanemizi emikhulu enganalo negumbi losana, ingakumbi kumakhaya apho kukho nabany' abantwana. Xa unalo igumbi elingasebenziyo ungalenza elosana. Ungathengi izinto ezininzi kuba lukhula msinyane usana uya kuzibona sel' uxakene nento lusakukhula usale nefanitshala ongazi ukuba uza kuyenza ntoni na. Kufuneka ube nemonitha khon' ukuze uluve usana lwakho xa lulila.
Egumbini lakho: Xa ulala nosana lwakho egumbini lakho luba kufuphi kakhulu nawe.
Ndilulalise ngesisu okanye ngomqolo"
Oogqirha bacebisa ukuba ululalise ngomqolo usana lwakho. Imveku ayikwazi ukuyiguqul' intloko yayo xa ilele kuba ayikomeleli. Xa ilele ngesisu ingafuthaniseleka ibe ingakwazi ukuguquka.
Ngokophando lweengcali zithi usana olulala ngesisu lungafuthaniselwa bubushushu, luphefumle nzima zinto ezo zibubungozi kakhulu kusana lwakho.
Ndiyikhusele njani iSIDS"
ISudden Infant Death Syndrome (SIDS) yoyikisa wonk' umzali. Nangona nje kungaziwa ukuba ibangelwa yintoni, iingcali zoogqirha zona zithi iSIDS inxulumene nokulawulwa kobushushu nokufuthaniseleka.
Ungambathisi usana lwakho ngeengubo zakwanokutsho, uliqamelise ngemiqamelo yakwanokutsho. Qinisekisa nje ukuba lulala endaweni elulungeleyo. Ibhedi yosana mayingazali zizinto zokudlala, iiribhini nayo nayiphi na into enobungozi nengalukrwitsh' usana lwakho lulele.
Iingubo ezinkulu neecomforter zilufudumeza kakhulu usana nto leyo ikhokelela kwiSIDS, ngoko ke yambathis' usana lwakho ngeengubo zomqhaphu zosana.[x]
Okoomama nootata...
PXa unosana sebenzisa amalweyile akudala okanye usebenzise la aphindwayo ukusetyenziswa. Amalweyile alahlwayo ayadura kakhulu kwaye usana lusebenzisa angama-60 ngaphantsi kweeveki ezimbini ngoko sebenzis' amalweyile aphindwayo ukusetyenziswa wonge imali.
