xhosa.2624.white family
Balwa nokwenziwa ikheswa...
Nkqu nakwiNkulungwane yama-21 uninzi lwabantu lusakholelwa ekubeni abantu abaziinkawu baqalekisiwe yaye akufuneki bahlale nabany' abantu...
kubhale uGLACIER NKHWASHU
kufote uNEVILLE MAAKANA/NEWS FIRST
ABAFAZI basekuhlaleni baceba ukumbulala ngokumtyisa ubisi olunetyhefu baze bamngcwabe emahlathini angaphaya kwelali. UWilliam Shipalana wayeneeveki ezintathu ezelwe ngexesha bembhunga abo bafazi. Ngethamsanqa unina weva ngelo gumgedle lokubulawa konyana wakhe waza wasabela kowabo apho amkhulisela khona. Yintoni le yayisenza aba bafazi bafun' ukubulala usana olumsulwa"
Kungenxa yokuba lwaluyinkawu.
"Mandulo abantwana abaziinkawu babethatyathwa njengeshwangusha yaye babebulawa xa bezalwa. Ukuba ndandingakhuselwanga ngumama ngabe ndabulawa," kuchaza uWilliam onama-60 eminyaka.
Wakhulela eBurgersdorp ngaseTzaneen eLimpopo ekuphela komntwana oyinkawu elalini.
Kukho inkolelo ebubuxoki yokuba ibhinqa elikhulelweyo xa lijonga inkawu liza kuzala umntwana oyinkawu. Ayesithi xa embona uWilliam amabhinqa akhulelweyo ajonge phaya kude.
"Ekuqaleni ndandingazi ukuba kutheni bengandijongi kodwa wathi akundichazela umama yakruneka kakhulu intliziyo yam ndalila," utshilo.
UWilliam akazange alubek' esikolweni kodwa lafika ixesha lokuba abe nomfazi. Kwakungekho bhinqa lifunayo ukutshata naye.
Ngeny' imini umama waxelelwa ngomny' umntu ukuba kukho ibhinqa eliyinkawu kwilali ekufuphi elifuna umyeni. Kwenziwa iinzame zokuba uWilliam abonane neli bhinqa.
"Sathandana siqal' ukubonana. Mhlawumbi kungenxa yokuba yayingekho eny' into esasingayenza, kwakufuneka sithandane," utshilo.
UWilliam nguye kuphela umntwana oyinkawu kubantwana abahlanu abangezizo iinkawu yaye umfazi wakhe uSalphinah yena unabantakwabo abathandathu abangezizo iinkawu.
Bebeneminyaka engama-40 betshatile ngaphambi kokuba uSalphinah abulawe ngumhlaza webele nyakenye. Ubeyinkawu yokuqala engcwatyelwe elalini yaye umngcwabo wakhe ube mkhulu ngolona hlobo. Kweza amakhulu-khulu abantu ukuza kuzibonela njengoko babekholelwa ekubeni iinkawu azifeli ekhaya koko ziphel' emehlweni.
Umhlali uJosias Shikwambana onama-80 eminyaka ubudala naye wayekho kulo mngcwabo. "Zininzi izinto endizibonileyo ebomini kodwa bendiqala ukubona umngcwabo womntu oyinkawu," utshilo.
UWilliam uhlala yedwa kwilali yaseBurgersdorp yaye ufumana inkama-nkam. Yonk' imihla uhlala ecaleni kwendlu yakhe azidlalele ikatala. Elalini bathi ngumlungu.
Abahlali baseBurgersdorp sebeyamkele imo kaWilliam kodwa abantwana bakhe bathwele nzima bona. UWilliam nowakwakhe balizwa ngesithandathu sabantwana abaziinkawu. Abathathu basweleka beselula yaye abaphilayo sele bebadala ngoku.
ULindi Shipalana onama-36 ubekhe wasematheni ngethuba etyhola abaphathi ngokungamqeshi ngokupheleleyo ngenxa yokuba eyinkawu.
ULindi ubebambele umphathikazi wehostele eSetotolwane Elsen Secondary eMashashane ngasePolokwane ukususela ngo-2001. Wafakwa kuluhlu lwamagama aza kuvavanywa kodwa kwakhethwa mntu wumbi. Uthi inqununu yathi kuye akawufumananga lo msebenzi kuba eyinkawu.
"Ndothuka kakhulu kuba bendiwenza lo msebenzi imisebenzi emine ndiyile nkawu kungekho zikhalazo," kutsho yena.
Lo mba ugqithiselwe kwiCommission For Conciliation, Mediation And Arbitration (CCMA) yaye ulindele umhla wetyala. Isebe lezemfundo kwiphondo laseLimpopo lisawuphanda lo mba nalo.
"Sikhule sicalu-calulwa. Ndikhumbula esikolweni xa kwakuthiwa masijik' umbala weenwele zethu zibe mnyama ukuze sifane nabany' abantwana.
"Akukho nto itshintshileyo. Thina bantu baziinkawu siyacalu-calulwa emisebenzini nakweziny' iindawo esihamba kuzo."
Enye intombi kaWilliam ekwayinkawu uBettie uneenyanga ezintandathu ekhulelwe kodwa uyise womntwana waphel' emehlweni.
"Ndathi ndisakumxelela ukuba ndikhulelwe wavele wanyamalala. Siphila loo mpilo thina. Amadoda ayasithanda kodwa awafuni kubonwa ngabany' abantu ehamba nathi," utshilo.
"Sithandana emfihlakalweni nto leyo ixela ukuba asoze sitshate. Eso sisiqalekiso sebhinqa eliyinkawu," utshilo.
BONA XHOSA - December 2005
Intlungu yokuba yinkawu
UWilliam esedlakeni likayise nomfazi wakhe uSalphinah nabantwana baselalini.
EMzantsi Afrika mnye umntwana kubantu abamnyama abangama-
4 000 oyinkawu. Isifo sokuba yinkawu sikho kuzo zonk' iintlanga.
Abantu abaziinkawu babekelwa bucala kuba abantu abasazi kakuhle esi sifo.
Iinkawu azinazo izidali-bala zendalo emehlweni, eluswini nasezinweleni zazo kuba zona zineeseli ezingasenziyo isidali-bala sendalo esibizwa ngemelanin.
Loo nto ikhokelela ekubeni ulusu, amehlo neenwele zibe bomvu okanye zibe pinki. Abantu abaziinkawu baphil' ubomi obufana nobabany' abantu kodwa bona basesichengeni esikhulu sokuba nomhlaza wolusu.
Abazali abaziinkawu bobabini bazala abantwana abaziinkawu. Umzimba uneesethi zeeseli ezimbini ngoko ke kuyenzeka ukuba umntu abe ngumntu ofana nabany' abantu kodwa abe nobunkawu.[x]
NGEZANTSI: UWilliam edlal' ikatala yakhe ayithanda kunene.
EKHOHLO: UWilliam namalungu oluntu ayiqondayo imeko yakhe.
Sisifo ayisosiqalekiso
BONA XHOSA - December 2005
