xhosa.2614.health (2)
Ezempilo
Impumelelo yaseAfrika yentsholongwane eluncedo
Iyogathi egalelwe intsholongwane eluncedo inganyanga utyatyazo neziny' iingxaki zesisu ebantwini abaneHIV/AIDS, ukanti ingabavulela namathub' emisebenzi, ngokophando olwenziwe eNigeria nguGqr. Kingsley Anukam weDepartment of Pharmaceutical Microbiology eUniversity of Benin noProfessor Gregor Reid weCandadian Research and Development Centre for Probiotics. Izigulana ezitye i-100ml yeyogathi egalelwe intsholongwane (ekuthiwa yiprobiotics) iingxaki zazo zesisu ziphela nje kwiintsuku ezimbini. Kwinkomfa yeInternational Union of Nutrition Sciences Conference ebiseThekwini kutshanje, uGqr. Anukam uhambise wathi ukwenza le mveliso kungavula amathuba oshishino kwabangaphangeliyo.
INYANISO:
INYANISO:
Isibindi lelona lungu likhulu nelinzima elingaphakathi emzimbeni wakho.
Emzimbeni wakho kujikeleza iilitha eziyi-5,5 zegazi kwaye ukubetha kanye kwentliziyo kumpompa igazi elizele ikomityi.
Ziluncedo iindondo zelanga
Iindondo zelanga ayizozakuhomba nje kuphela - ziyanceda kwilanga elikhuph' intlanzi emanzini laseMzantsi Afrika. Kaloku imitha yelanga yeyona iphambili ekwenzakaliseni amehlo abantu kwihlabathi jikelele. Wakhusele awakho ngokukhetha iindondo ezikukhusela kwimitha yelanga. Esi silumkiso sikhutshwa yiInternational Healthy Eyesight Campaign.
Hleka xa usebenza
Vuselela umdla wokuphindel' emsebenzini kunyak' omtsha ngokuzikhumbuza izinto ezonwabisayo ebenizenza nabantu ophangela nabo - kaloku ukubaliselana izinto ezihlekisayo kunisebenzisa kakuhle yaye ningabi noxinzelelo lomsebenzi, utsho umphandi waseNew Zealand uJanet Holmes kuphando lweElsevier. Ukholelwa ekubeni luyanceda uhleko lweziqhulo ezenziwa ngabantu abaphangela kunye. Ufumanise nokuba amabhinqa aba nentsebenziswano nenkxaso kwizinto ahlekisa ngazo, ukanti amadoda asebenzis' iziqhulo ukukhuphisana namanye nokuphucula imbonakalo yawo.
Zigcine usempilweni ngamacebiso kaPATRICIA McCRACKEN
Yitya izinto eziswiti - ukhuseleke
Nasi isisombululo sengxaki yezigidi eziyi-2,5 zabantu abaneswekile eMzantsi Afrika - ukutshintsha indlela yokutya ukuze bangatyi ukutya okuya kunyusa iswekile yabo.
ISouth African Cookbook For Diabetes And Insulin Resistance (Tafelberg, R129) ebhalwe nguHilda Lategan ineendidi zokutya ezingaphezulu kwama-230 ezinjengekhari, iisousboontjies, iimuffin nechocolate cake. Zimnandi kangangokuba zingatyiwa lusapho lonke nangumtu oneswekile. Ngoku ngoncedo lukaLategan, ingcali yokutya ebhalisiweyo enamava eminyaka engama-30, ungaba sempilweni ube usitya nokutya
okumnandi. [x]
BONA XHOSA - January 2006
