xhosa.2611.teenjul
Izoluleko zikaFat Charlie
Lazi ilungu lakho lobuni
Amabhinqa amaninzi akazazi ukuba anjani na nokuba kwenzeka ntoni na "kulaa ndawo"...
NDIYAZI ukuba niza kothuka xa nifumana indoda ethetha ngalo mba, kaloku namadoda kufuneka abazi ubume bamabhinqa. Amabhinqa amaninzi nawo akayihoyi indlela elisebenza ngayo ilungu lawo lobuni yaye akumangalisi ukufumanisa ukuba uninzi lwamadoda akanalwazi tu ngalo.
Unobangela wokungaziwa kweli lungu kungokuba "lifihliwe." Kufuneka ibhinqa lisebenzise isipili ukuze lilibone kakuhle ilungu lalo.
"Libonakala kakuhle ilungu lakho xa ubeka isipili phakathi kwemilenze ulijonge kuso, ingakumbi xa ufaka ithamponi okokuqala," itsho ingcali yezonyango.
Iqhubeka ithi akufuneki uloyike ilungu lakho kuba liyinxalenye yomzimba wakho. Ulumkise ngelithi ungabambeleli kwizinto ekuthiwa "ziqhelekile."
"Sisuse isipili usakuyazi into eqhelekileyo kuwe. Uza kubona ukuba imilebe yelungu lakho iyatshintsha xa ukhula, iba nombala ongaqaqambanga okanye yoluleke kungenjalo ingatshintshi kwayona. Yinto eqhelekileyo ke le ngaphandle kwasebantwini abadala.
"Kubalulekile ukuwazi umzimba wakho ukuba umi njani na ukuze ukwazi ukubona xa kukho iinguqu ezikhoyo ezifuna ugqirha.
"Njengoko singadalwanga nobuso obufanayo singabantu, namalungu ethu obuni ke akafani."
IMILEBE
Ilungu lobuni lebhinqa lisezantsi komngxuma wokuchama. Likhuselwe yimilebe emikhulu ebizwa ngokuba yilabia majora ekukhula kuyo iinwele.
Ngaphandle komngxuma welungu lobuni lebhinqa kukho imilebe yangaphakathi ethambileyo emincinci ekuthiwa yilabia manora.
Imizobo emininzi yeli lungu ayinabunyaniso. Ilungu lobuni lebhinqa aliyiyo into evulekileyo. Iindonga zalo zihlala zivalekile yaye zivuleka kuphela xa kukho into efakwayo kuzo.
Xa kukho into engenayo kulo kufuneka umzimba uyamkele loo nto nokuba ingakanani na - esi sesinye sezizathu ezibonisa ukungabaluleki kobungakanani belungu lobudoda.
ILIHLO LELUNGU LOBUNI
Le yindawo engqukuva engasentla komngxuma welungu lobuni lebhinqa. Yenziwe yadibana nemilebe yangaphakathi yelungu lobuni. Le ndawo ibuthathaka, yenza uve ubumnandi xa usabelana ngesondo, ifihlwe kakuhle yaye ibonakala kuphela xa kuvulwe imilebe.
Inemithambo yokuvukelwa njengelungu lobudoda yaye inemithambo-luvo emininzi. Ungayifanisa nelungu lobudoda yaye indima eyidlalayo kuvutho-ndaba lwesondo ivusa ingxwaba-ngxwaba enkulu.
Ulwazi ngale ndawo lwachazwa okokuqala ngo-1559 nguRenaldus Columbus wasePadua owayekhalazela ukuba izazi zamalungu obuni aziyihoyi "into entle kangaka".
ISIZALO
Amalungu amabhinqa anobude obuziisentimitha ezimbalwa. Ngasentla kwelungu lebhinqa kukho indawo engqukuva okwebhola eqinileyo. Sisizalo ke esi.
Embindini wesizalo kukho umngxuma ongqukuva omncinane obizwa ngokuba yi-os. Xa ibhinqa lisexesheni igazi liphuma esizalweni lize kwilungu lobuni lebhinqa liphuma kwi-os.
I-os ngulaa mngxuma mncinane uvulekayo xa ibhinqa libeleka. Kulapho zithatyathwa khona iiseli xa uza kuxilongwa isizalo ukuqinisekisa ukuba zisempilweni.
Uninzi lwamabhinqa anezizalo ezibuthathaka ukanti ezamanye azinjalo.
INTO EPHUMA KWILUNGU LOBUNI
Xa ibhinqa lilungele ukwabelana ngesondo amadlala akwilungu lalo lobuni akhupha incindi enceda kube lula ukungena kwelungu lobudoda. Iindonga zelungu lobuni zikhupha izinto ezilicocayo zize zithintele usuleleko.
Into ephumayo ayifani kuxhomekeka kumaxesha athile okuya exesheni.
Ilungu lobuni lebhinqa liyazicoca ngokwalo.
"Amabhinqa athanda ukulihlamba makasebenzise iisephu ezingenavumba. Akuqhelekanga ukuba ilungu lobuni lebhinqa linuke kamnandi ngoko ke ngokuqinisekileyo iisephu zokuhlamba zenziwe ngeekhemikhali ezibukhali ngoko azililungelanga ilungu lakho," utsho omnye ugqirha wamabhinqa.
Xa uhlamba ilungu lakho lobuni sebenzisa isephu engenavumba elibukhali. Ungalikhuhli kakhulu. Ungasebenzisi iimveliso "ezizodwa" xa ulihlamba - ngaphandle kwaxa unosuleleko.
Xa unevumba elibi eliphumayo okanye xa unento ephumayo enuka kakubi, etshisayo okanye etshintsha umbala kufuneka ubonane nogqirha kuba kungenzeka ukuba unosuleleko.
Ningaxhalabi - usuleleko aluthethi kuthi unesifo esosulela ngesondo yaye neentombi ezinyulu zibanalo usuleleko.
UMHLUMBA
Abantu abaninzi bacinga ukuba umhlumba ungaphakathi kwilungu lobuni lebhinqa. Akunjalo. Yinwebu engumkhunyu eyinxalenye yesibeleko yaye ingaphandle kwelungu lobuni.
Umhlumba wogquma umngxuma welungu lobuni.
Ilungu lobuni lebhinqa alinayo intunja ngethuba usana lusakhula esiswini.
Le nwebu eyogquma ilungu lobudoda iyahlukana ngaphambi kokubeleka yenze umhlumba. Ubungakanani nobunjani bawo buyahluka kumntu ngamnye.
Amanye amabhinqa akabinawo umhlumba xa ebeleka ngenxa yokuba umhlumba wahlukana usesesizalweni.
Kuninzi lwamantombazana umhlumba uyakrazuka xa edlala imidlalo efana nokukhwela ibhayisikile, amahashe nokujima. Naxa ufaka ithamponi kuyenzeka ukrazuke umhlumba.
Akukho gazi liphumayo yaye awuva zintlungu xa ukrazuka ngolu hlobo umhlumba nto leyo yenza intombazana ingazi nokuba sele ukrazukile.
Kungoko ke umhlumba ungantami ubunyulu bentombi. Intombi ihlala inyulu de yabelane ngesondo. [x]
BONA XHOSA - July 2007
Uyenge-yenge olunukayo
Amabhinqa amalunga ne-80% ayaphathwa sesi sifo ubuncinane kanye ebomini bawo. Sibuhlungu, siyarhawuzelela kodwa sinyangeka lula.
Icandida luhlobo logwebu olufumaneka emzimbeni. Xa umzimba wakho usempilweni alwenzi ngxaki.
Xa umzimba wakho ungekho sempilweni ngenxa yoxinzelelo okanye ukudinwa, olu gwebu alulawuleki.
Nazi iimpawu zalo:
Into ephuma kwilungu lobuni ejiyileyo, emhlophe nengenavumba;
Ukurhawuzelela nokutshisa kwelungu lobuni;
Iintlungu xa uchama okanye xa usabelana ngesondo;
Ukukrala komphambili webhinqa.
Uyenge-yenge aluthatyathwa njengesifo esosulelwa ngesondo kodwa siyanikezela xa usabelana ngesondo. Ungabelani ngesondo xa usenale ngxaki de ibe inyangeke yaphela tu.
Amayeza okulunyanga anamachiza alwa nomngundo.
Zikho iikhrim ezithengwayo zokulunyanga ezifakwa kwilungu lobuni. Xa lunganyangeki ngezi khrim okanye sele lugabadele unikwa amayeza oza kuwasela.
Ukunyanga ukurhawuzelela neentlungu kuphela akulunyangi usuleleko. Xa usebenzisa amayeza aselwayo okanye iikhrim ezifakwa kwilungu lobuni kufuneka usebenzise nekhrim yokuthambisa ngaphezulu de lunyangeke usuleleko.
Ungazifaki ithamponi xa usebenzisa iikhrim ezifakwa kwilungu lobuni kuba ziyazifunxa iikhrim. Sebenzisa iiphedi okanye iipanty liners.
Ngaphambi kokusebenzisa la mayeza qinisekisa ukuba ngenene uphethwe luyenge-yenge. Yiya kugqirha xa ungaqinisekanga.
Ezinye iindlela zokunciphisa amathuba okuphathwa luyenge-yenge...
Zigcine ucocekile, womile yaye upholile apha ngaphantsi.
Unganxibi iimpahla ezikupitsayo njengeejin neepantihose kuba zigcina ubushushu nokufuma.
Nxiba iipenti zomqhaphu ukuze kungene umoya.
Zosulisise xa ugqiba ukuhlamba okanye ukuqubha.
Xa ugqiba ukuchama zosule ukusuka ngaphambili uye emva. Umngundo uyafumaneka nakumbhobho wamathumbu uze uyofikelela kwilungu lobuni neE. coli neziny' iintsholongwane xa wosula usuka ngasemva ubhekise ngaphambili.
BONA XHOSA - July 2007
u
t
Umhlumba awuntami ubunyulu bentombi
