xhosa.2603.yrlifeguide_talk
U-Angie Diale ucacisa ngefuthe elinalo igama ebomini bakho
Intsingiselo yegama
IGAMA lakho lingumhlahla-ndlela wento oyiyo ngoku. Indlela yakho yobomi ibunjwa yindlela oyiyo nobuka ngayo ixabiso lobomi. Oku kusekelwe kwimfundiso nenkolo yabazali, imfundo, icawe, amasiko, abahlobo, abamelwane kunye nezinto okhetha ukuzifunda ebomini.
Igama lam ndingu-Angeline nelithetha ukufana nengelosi. Ingaba lisisiqalekiso okanye liyintsikelelo?
Yonke into ndisemncinci ndandiyikhethelwa ngutata njengoko yayinguye owayesikhethela ukuba senza ntoni silusapho, ukuba siyaphi nokuba sihlobana nabani. Emzini wakhe ukubethwa nokuthukwa yayisisonka semihla ngemihla.
Sasihamba icawe ngenxa yefuthe likamama owayengumntu wenkonzo nothobelayo. Loo nto yasinika uxolo njengoko wayengayinyamezeli impatho endlongo-ndlongo katata.
Ngenxa yoko kwakuba ndim ojonga umama nomntakwethu omncinci xa luqalisa olo krutha-kruthwano. Ndandimhlonipha kwaye ndimbuza utata ngezinto azenzayo kuba wayendithanda (intombi ekuphela kwayo) kwaye ndandifana nomakhulu ongasekhoyo.
Umakhulu wayesisibane sam: yonke into wayeyiphendula ngeBhayibhile, loo nto yayakha ingqondo yam . Xa ndinomsindo okanye ndikhathazekile yaye ndifuna ukulwa wayedla ngokuthi: "Ibiza kuthini ingelosi? Khumbula kaloku ukuba uyingelosi."
Wayendenza ndicingisise ngaphambi kokutsho okanye ukwenza into endiya kuzisola ngayo ethubeni.
Ndinenkathalo nje, uxolo kunye nefuthe elihle kwabanye abantu kungenxa yokukhunjuzwa rhoqo nguye ukuba ndiyingelosi. Umakhulu wandibonisa indlela yokunceda abantu abangaboni ngaso-linye.
Xa abantu bekhathazekile luyaphazamiseka uxolo lwabo lwangaphakathi kwaye xa ndinikwa ithuba ndiye ndizame ukubuyisa ukuqondana novuyo ebudlelwaneni.
Ndiyalibulela ifuthe likamakhulu kuba ngoku ndiyakwazi ukubona okulungileyo ebantwini yaye ndisebenze ngako nangona ndingazange ndikhule kakuhle nje. Loo nto yandenza ndabubona ngenye indlela ubomi. Ndiyakholwa ukuba abantu abaninzi bakufumana kunzima ukuzibonakalisa okanye ukutsho izinto ezibakhathazayo, ingakumbi kwimiba echaphazela ubomi babo bangasese.
Igama lam liyintsikelelo ngenxa yokuba ndiyayazi ukuba ingelosi imele ntoni kwaye ndiyazama ukulilandela.
Ingaba wena uyalilandela?
LITHETHA UKUTHINI IGAMA LAKHO?
Onke amagama anentsingiselo yaye ukuba awuyazi eyelakho ukuba ithini, yenza oku. Bhala phantsi:
Intsingiselo yegama lakho.
Buza abazali bakho ukuba babekuthiyela ntoni elo gama.
Ucinga ukuba amagama ethu asenza le nto siyiyo, kangakanani ukuba uyavuma?
Ingaba unawo amagama kwezinye iilwimi? Ingaba intsingiselo yawo iyafana?
Jonga indumasi ezinegama elifana nelakho. Ingaba ikhona into ofana ngayo nazo?
Ukuba ungalitshintsha igama lakho, ungathi ungubani kwaye iyintoni isizathu soko?
Ingaba uthiywe ngomntu othile wosapho lwakho? Ukuba kunjalo ingaba uyazi ukuba kutheni?
Ingaba uyanzinyelwa kukulandela igama lakho maxa wambi?
Ingaba unqwenela ukuba igama lakho belingaqhelekangaka? Ukuba kunjalo kutheni?
Eneneni onke amagama anentsingiselo ekhethekileyo yaye ngokuyisebenzisa singabubumba ngendlela eyakhayo ubomi bethu kwaye sibe ngabantu ababhetele. [x]
Angie Diale
Ibiza kuthini ingelosi?
MASINCOKOLE
