xhosa.2596.yourworld_knowall
UKUBULISANA KOBUHLOBO!
Abafundi ababini basibhalele besibuza imibuzo ethetha ngomcimbi omnye, saqonda ke ukuba masiyiphendule yomibini apha.
UBongani waseBloemfontein ubuza ukuba kwaqala kanjani ukuxhawulana kwabantu xa bebulisana, ukanti uVC waseMamelodi ubuza ukuba ivelaphi ke eye-"high five".
Masiqale ngokuxhawulana. Oku kwaqala xa amadoda ayesaphatha izikhuselo nemikhonto. Xa efuna ukubonisa ukuba eze ngoxolo ayesondela kwamanye ephethe izikhuselo - kuba ayefuna ukukwazi ukuzikhusela xa kukho imfuneko. Emva koko ayesolula esinye isandla sawo -
"eso besiphethe umkhonto" - ukubonisa ukuba akaphathanga sikhali.
Ukususela ngoko ukuxhawula kwaba yindlela yokubulisa neyokuvuyisana nomntu, kwaye
kule mihla namabhinqa ayaxhawulana.
Ngokwenziwa kwe-"high five", umdlali webaseball, uGlenn Burke uthi nguye owaqala oku ekupheleni kweminyaka yoo-1970. Kodwa iingcali ezininzi zithi wayenza yaduma i-high five njengezinye iindlela zokubethana ngesandla ezaqala ngoo-1870.
XA UBUHLWEMPU BUNGAKA, KUTHENI ILIZWE LINGAPRINTI IMALI ENINZI?
nguDF, eMonti
Kunzima ukuphendul' umbuzo wakho ngendlela elula ukuyilandela, kodwa ndiza kuzama. Imali eliphepha eyi-R50 ayiphelelanga nje ekubeni liphepha. Liphepha elixabisa i-R50. Ngurhulumente ke otsho loo nto. Urhulumente ukunika isiqinisekiso sokuba into oyithenga ngelo phepha iya kuba ilifanele ixabiso lalo. Kunzima ke ukuchaza ukuba urhulumente ukunika njani esi siqinisekiso, kodwa urhulumente ukwazi ukunika isiqinisekiso semali yexabiso elithile. Njengokuba sithetha ngeebhiliyoni sibala onke amaphepha emali nemali eziinkozo. Xa urhulumente enokwenza amaphepha emali amaninzi, liya kuhla ixabiso lawo.
Oko kungenza ubone umvuzo wakho unyuka ubayi-R70 000 ngenyanga, kodwa ilofu yesonka ibeyi-R20 000!
Yiloo nto bonke oorhulumente bamazwe beyijonge ngeliso elibukhali imali abayenzayo. Xa ufumana imali eliphepha entsha oko akuthethi kuthi kuprintwe imali entsha. Imali engamaphepha entsha ivala isithuba semali ebisele indala yaye imdaka.[x]
IMIBUZO YAKHO
Ingaba ikho into osoloko uzibuza yona? Ufuna
ukwazi ukuba yenzeka njani, phi okanye nini? Apha uza kuzifumana iimpendulo zemibuzo
yakho ebingakulalisi
KUTHENI ABANTWANA BESIWA NGENTLOKO, BABE ABANTU ABADALA BESIWA NGEEMPUNDU?
ngu-AG, eJoburg
Oko kubangelwa yinto ekuthiwa yi- "centre of gravity", AG. Leyo ke yeyona ndawo inzima kakhulu emzimbeni. Umzekelo ebantwini, icentre of gravity ayikho mbindini - okanye phakathi komzimba!
Ebantwini abadala nokuba unobunzima obungakanani, iimpundu zezona ziyicentre of gravity kubo.
Ebantwaneni icentre of gravity isentloko. Kuyavakala oku xa ukucinga - kaloku intloko yosana inkulu kuneempundu zalo.
Yiloo nto ke xa zisiwa, zisiwa ngentloko kuqala.
BUZA THINA Ingaba kukho ofuna ukukubuza kuMiss Know-all? Mbhalele kule dilesi,
Miss Know-all, Box 32083, Mobeni, 4060.
