xhosa.2573.bec success (2)
Lawula ixesha lakho
UKULAWULA ixesha ngokukuko kukunceda ukwazi ukwenz' izinto ngexesha elifanelekileyo uthintele noxinzelelo.
Nasi isigaba sesibini somawukwenze.
1. Ukulungiselel'indibano
Ukulungiselel' indibano kuquka iindibano omenywe kuzo nezo uza kuzichophela. Zibuze ukuba iyimfuneko na indibano leyo.
Okwesibini xa ichotshelwe nguwe indibano qinisekis' ukuba ucebe wazilungiselela kuselithuba.
Lungis' uluhlu lwezinto eziza kuxoxwa kwindibano leyo, bek' ixesha lokuqala nelokuyivala, umba ngamnye wubekel' ixesha, qinisekis' ukuba ngabantu abafanelekileyo abaze kwindibano uze ubanike uluhlu lwemiba ekuza kuxoxwa ngayo kuselithuba ukuze nabo bazilungiselele.
2. Ukulawul' indibano
Lugcine uluhlu lwemiba ekuxoxwa ngayo. Bavumel' abantu bathethe kodwa bangatenxi engxoxweni.
Cel' umntu oza kubhal' amanqaku phantsi okanye uluhlu lwezinto ekufuneka zenziwe.
Olu luhlu malunikwe abantu abafanelekileyo ukuze bayazi into emabayenze. Kwindibano elandelayo jonga ukuba abantu bawenzile na umsebenzi wabo.
3. Ukuya kwindibano
Xa umenywe kwindibano yiya kule ithetha ngomba obalulekileyo kuwe.
Sebenzis' ixesha lomsebenzi lokuhamba ngokukuko. Yiceb' indlela oza kuyihamba.
4. Izixhobo zokulawul' ixesha
Zininzi izixhobo eziza kukunceda ukwazi ukulawul' ixesha. Ziquka iidayari nezinto zokulungelanis' izinto zakho noluhlu lweenkqubo olukwikhompyutha.
Ungasebenzisa inkqubo elula ukulawul' ixesha lakho. Yona ke luluhlu lwezinto omawuzenze nemihla yokuvala. Ingaba luluhlu losuku, olweveki, olwenyanga okanye olonyaka kuxhomekeke emsebenzini wakho. Zicime kuluhlu osele uzenzile.
Imisebenzi eyenziwa ixesha elide ifuna ube nencwadi yeeprojekthi ebonis' umsebenzi omawenziwe ngenyanga, wahlulwe ngeeveki uze kamva wahlulwe ngeentsuku. Makubekwe imihla ebalulekileyo, kucaciswe ukuba uza kwenziwa ngubani, isiphumo esilindelekileyo nomhla okufanele ukuba ugqitywe ngawo umsebenzi.
5. Mayicoceke indawo osebenzela kuyo
Kulula ukumilisel' ingqondo yakho emsebenzini xa indawo osebenzela kuyo icocekile.
6. Hlab' ikhefu
Ngeziny' imini kufuneka usebenzi nangexesha lekhefu. Kungabi yinto yemihla ngemihla ke le kuba kaloku kubalulekile empilweni yakho ukuhlab' ikhefu emsebenzini.
Xa ungenalo ixesha lekhefu, unengxaki. Jong' indlela owenza ngayo umsebenzi wakho. Xa ukholelwa ekubeni uwenza kakuhle zibuze ukuba awusebenzi ngokugqithisileyo na.
Ngaba ungawunika omny' umntu umsebenzi okanye ufun' ukuncedwa"
7. Ungasebenzi ekhaya
Ungagoduki nomsebenzi kuba kubalulekil' ukuphumla xa usekhaya. [x]
BONA XHOSA - September 2006
NGASENTLA: Umphathi-theko uJoyce Skefu echaza ngokubaluleka kokubek' izinto ezibalulekileyo phambili.
NGEZANTSI: Amalungu eEmpowerment Club esonwabel' imini yawo kwindibano ebisePitoli.
Taste the soul of Africa...Taste success with Mageu Number 1
Iimbasa zeMageu Number 1 Small Business Awards zenzelwe ukukhuthaza, ziphucule, ziphuhlise amashishini asakhasayo abafundi beBONA.
Olu khuphiswano luqhuba unyaka ukususela ngoOktobha ka-2005 ukusa kuOktobha ka-2006. Abaphumeleleyo ngenyanga nganye baza kuvela kwiBONA.
Abaphumeleleyo baza kwaziswa kumsitho oza kuba seRhawutini ngoNovemba ka-2006.
Ungalibali ukuncamathisel' ibarcode yeMageu Number 1 kwingenelo lakho ubhale neenkcukacha zakho zonke.
Ubhale nolwazi ngeshishini, lingakanani, lelantoni nenkcazelo emfutshane ngalo. Ngaba uthengis' ukutya, unespaza, njl njl"
Iifom zokungenela nolwazi oluzeleyo ngezi mbasa zifumaneka kwiWebsite ethi:
www.empowermentclub.co.za
Ukuze ufekselwe ikopi tsalela uWellington ku
011-883-8829
(ngamaxesha omsebenzi)
