xhosa.2558.metropolitan
inqaku lentengiso elixhasiweyo
Hlala uncumile - ubomi bakho bonke!
I-EASY Street yindawo emnandi - ngaba awunqweneli ukuhlala khona ixesha elininzi" Ngaba awufuni ukuqinisekisa ukuba xa sele uthatha umhlala-phantsi awunangxaki yemali"
Asikho isiqinisekiso sokuba imali yakho yomhlala-phantsi iza kuzanelisa zonk' iimfuno zakho. Ungayifumana imali eyaneleyo ongaziphilisa ngayo kodwa ayinakuzanelisa iimfuno zakho zolonwabo.
Ikho indlela elula eya kwiEasy Street - qalis' ukonga ngoku. Kuvakala kuyinto enzima ukuyenza le kuba abemi beloMzantsi Afrika abakuthandi ukong' imali kodwa xa uqalisa kwangoko kuba lula yaye akukukhathazi. Khumbula - wonga kancinci namhlanje uze uphil' ubomi obumnandi kamva.
Indlela yokongela umhlala-phantsi ekulungeleyo yiretirement annuity efana neMetropolitan FutureBuilder Retirement Annuity. Xa sikwenzela umzekelo, xa uqala ukonga i-R200 ngenyanga uneminyaka engama-25 kolu hlobo lokonga ungafumana i-R685 000 xa uthath' umhlala-phantsi uneminyaka engama-65 xa sithelekelela ukuba inenzala ye-10 phesenti ngonyaka.
Le mali oyongayo lo gama uphangela uthi xa sele udl' endala uyihlawulwe qho ngenyanga. Ikunceda uphile cofileyo emva kokusebenza nzima iminyaka.
Kodwa xa ukonga imali ukubona njengomsebenzi omkhulu ungaqalisa xa sele umdala yaye ngelo xesha kuza kube kufuneka wonge imali enkulu ngexesha kuba uza kube uleqa ukufumana inzala enkulu. Abantu abaninzi abakuboni ukubaluleka kokong' imali yomhlala-phantsi de babe neminyaka engama-40 - baze baleqe ixesha.
Xa sijong' ixabiso lemali langoku kuza kufuneka wonge malunga ne-R1 000 ngenyanga ukuze ufumane i-R760 000 xa uthath'umhlala-phantsi emva kweminyaka engama-20 yaye unenzala ye-10 phesenti ngonyaka. Loo nto yenzeka xa ungaphelelwanga ngumsebenzi kule minyaka ingama-20.
Ungabona ngathi le mali ininzi xa uyibona ibhalwe ephepheni kodwa xa sele uyibona yimali nje elingene ukuba uphile kamnandi... ayikwenzi isinhanha. Musa ukuchith' ixesha, qalisa ukong' imali yomhlala-phantsi ngoku - xa uqalise kwangoko ukonga ufuman' intlawulo enkulu. [x]
Ngamacebiso ngemali qhagamshelana neMetropolitan Life Contact Centre ku-0860724724 okanye uye kwii-ofisi ezikufuphi zeMetropolitan Customer Service Office.
Cebela ikamva elihle
BONA XHOSA - March 2007
Amanyathelo ama-3 okuya kwiEasy Street
Ukuqinisekisa ukuba uphila cofileyo yaye wonwabile:
1. Qhagamshelana nomcebisi wezezimali osemthethweni: Khetha umcebisi obhalisiweyo okwinqanaba leFinancial Planning Institute noyiCertified Financial Planner. Kufuneka abe ubhaliswe kwiFinancial Advisory and Intermediary Service Act. (Tsalela iFinancial Services Board ku-0800-202-087 okanye ku-0800-110-443 ukuze ufumane ulwazi.)
2. Khetha uhlobo lotyalo-mali: Umcebisi wemali uza kuhlalutya iimfuno zakho zangoku nezexesha elizayo aze abale imali oyifunayo xa sel' uthath' umhlala-phantsi, imali oza kuyonga ngenyanga akuxelele nohlobo lokonga olukufaneleyo. Abantu abaninzi bakhetha iretirement annuity.
3. Zibophelele ekongeni wohlukane namatyala: Yenza idebit order yazo zombini ezi zinto.
