Xhosa.2545.lesson
UMQOMBOTHI
* 4 iikomityi zomthombo
* 2 iikomityi zomgubo wombona
* 5 iilitha zamanzi abilayo
* iphini lokuzamisa
Usuku lokuqala (ukudidiyela)
1. Xubela iikomityi ezi-2 zomthombo nezi-2 zomgubo wombona kwipheyile eyi-25 litre.
2. Galel' ilitha yamanzi abilayo, uzamise. (mawome ube ngathi uza kuba ngumphokoqo.)
3. Galela amanzi aseleyo. Zamisa ngephini de umxube ube buzululu ungabi nazigaqa.
4. Wuyeke uphole ukuze ubile.
Usuku lwesi-2 (lokupheka)
Ngoku umxube umele kukuba namagwebu amancinci amhlophe, ivumba elibukhali nencasa emuncu. Umxube womthombo nomgubo ufanele ukuba wehlele ezantsi ngoku.
1. Yikha amanzi angaphezulu uwabilise.
2. Galela umxube womgubo wombona emanzini kuhle. Pheka iiyure ezi-2 ude ujiye.
3. Yophula isidudu somqombothi usiyeke siphole. Sakuphola, galela iikomityi ezi-2 zomthombo. Vubela. Uyeke kubile.
Usuku lwesi-3 (ukuhluza)
Umqombothi wakho uza kube unamagwebu amhlophe. Wuhluzele kwenye ipheyile eyi-25-litre. Wuyeke uhlale ubusuku bonke uselwe kusuku olulandelayo.
Indlela yokubugcina: Ungawugcina iintsukwana efrijini. Kungenjalo egumbini.
Icebo: Yenza obuny' utywala ngeentsipho. Galel' amanzi nomgubo wombona ulandele imiyalelo njengakuqala.[x]
Umfoti: Roelene Prinsloo
OKUMNANDI
Funda ukupheka noNtwenhle Mpanza
Akukho nto imnandi ngathi sisiselo esibandayo, esikunika udlamko ngemini eshushu yasehlotyeni. Ngoko yonwabela esi siselo sithandwayo kweli - umqombothi!
Enye indlela: Ungayigalela i-Ice-cream, iyoghurt okanye icustard ukwenza isiselo esinambitheka ngakumbi.
