xhosa.2541.heaven
UNCEDO LOMPHEFUMLO
UMfundisi George unika iingcebiso kwiingxaki zakho zomphefumlo
Yintoni ukholo?
Ndineminyak' emibini ndingaphangeli, kwaye abantu bathi mandikholwe kuThixo imeko yam iza kuba bhetele. Ndiyakholwa kuThixo kodwa ukungancedakali kwimeko endikuyo kundenza ndiluthandabuze ukholo lwam. Luyintoni ke lona ukholo?
nguGrace, eWaterfall
Bhota Grace: Awuwedwanga kwingxaki yakho. Uninzi lucinga ukuba ukholo yiminqweno namathemba onawo. Kaloku ukholo lufana nerisithi oyifumana xa uhlawula ifenitshala, uze ulindele ukuziswa kwayo. Abany' abantu abayiboni kodwa wena uyazi ukuba ikhona!
Ukholo ulufumana xa utyale ilizwi likaThixo entliziyweni. Fundisisa ezi ncwadi: Isaya 3: 10; uMarko 11: 23-24; uMatewu 7: 7-8.
Xa uMoya kaThixo unxulumana nomoya wakho, oko kubizwa ngokholo. Khumbula noku: inceba kaThixo ingaphezulu kokholo lwakho!
Xa ufun' umsebenzi kufuneka ungakhethi msebenzi, yamkela nawuphi owufumanayo ungalilahli ithemba. UThixo uza kukunceda uwafezekise amaphupha akho!
Ingxaki yokunikela
Silusapho lwamaKrestu oluneminyaka eli-12 lukhonza kwibandla elinye. Ukuza kuthi ga kutshanje besingenangxaki yokunikela ngesishumi zonk' iinyanga. Ngoku siyaqhwalela ukusikhupha ngenxa yokunyuka kwamabiso okutya, awothutho neziny' iindleko. Ngoku xa ndinikele ngesishumi somvuzo wam (njengoko icawe ikhuthaza), usapho lwam luza kulamba. Ndifanele ndithini? Ndifun' ukwenza okulungele usapho lwam nokwamkelekileyo ecaweni.
Obhidekileyo, eBloemfontein
Bhota Mfundi Obhidekileyo: Ndikothulel' umnqwazi ngokuzinikela kwakho enkonzweni yakho. Khumbula ukuba umnikelo owenzayo awuwenzeli icawe. Umnikelo wakho uyindlela yokuhlonipha uThixo nokubeka Yena phambili kwimicimbi yakho yemali.
Xa ubunikela yonke le minyaka, uThixo akanakukulahla kuba usekwixesha lokutsala nzima. Imeko yoqoqosho ingakekela emhlabeni kodwa ekaThixo ayikekeli.
Awunikeli kuba unayo imali, unikela ngenxa yokholo lwakho kuThixo. Mcele akunike amacebo okwenza imali ethe kratya, akuphe nobulumko bokuyisebenzisa. Funda: uMalaki 3: 8-10; abasePhiliphi 4:19.
Iqalo elitsha
Ndinabantwan' abathathu abanooyise abohlukeneyo. Ndabafumana ndiselula yaye ndizibona ndenza impazamo enkulu. Usapho lwasekhaya lundibiza ngehenyukazi. Ndingaqhubeka njani nobomi?
nguValentine Gabi, eMthatha
Bhota Valentine: Undikhumbuz' ibhinqa afika uYesu lisemthonjeni wamanzi. Lalikhe lathandana namadoda amahlanu, kodwa uYesu akazange aliqalekise. Walenza umshumayeli elo bhinqa.
Kukho eliny' ibhinqa elathambisa iinyawo zikaYesu ngesiqholo esiphambili kwaye uYesu akazange alinqande. Endaweni yoko walithembisa ukuba igama lalo liza kuduma njengokholo ngokwalo.
UYesu uguqula intlungu ibeyinzuzo neempazamo zibe yimimangaliso. Akakhathali ukuba bakubiza ngantoni.
Okubalulekileyo kukuba Yena usakubiza "ngentombi" Yakhe. Mamkele uze umcele aguqul' intliziyo neminqweno yakho akwenze umntu omtsha. Kungekudala wonk' umntu uza kukubona unomahluko. [x]
NDINELISHWA KWEZOTHANDO
Andinathamsanqa kwezothando. Umhlobo wam uthe uthando ndilufuna kwiindawo ezingalunganga. Uthe mandifumane indoda ekholwayo nehamba icawe. Ingaba amadoda akholwayo abhetele kwezothando kunamadoda angakholwayo?
Igama akalitshongo
Bhota Mfundi:
Sukuba ungekoyisakali xa ungekancami! Ngoko ungancami.
Zihloniphe uzithande yaye uzigcine unesidima.
Amadoda akholwayo akabhetelanga kunamadoda angakholwayo. Oko kuxhomekeka kunxulumano lomntu noThixo. Ecaweni ungayeli ukufumana iqabane.
Wakukholwa kuThixo, uya kukunika konke okufunayo ebomini bakho.
UNYANGO LOMPHEFUMLO
Inceba kaThixo inga-phezu kokholo lwakho!
Bhalela uMfundisi George: Uncedo Lomphefumlo, Box 473014, Parklands, 2121
