xhosa.1438.yourlifeguide_muthi
Xa imimoya engabonakaliyo
iphazamisa imfundo yakho
Abazali bamel' ukujonga macala onke xa bezama ukufumanisa unobangela wokusilela komntwana esikolweni
UMZALI oxhalabileyo waseSoweto usibhalele wathi, isandla esingabonakaliyo sitshabalalisa ingomso lonyana wakhe ngokumvalela amathuba okufumana imfundo eyiyo. Emva nje kweentsuku ezimbalwa unyana wakhe ezelwe uthi wadibana nomntu awayengamazi owathi: "Unyana wakho akasokuze aphumelele esikolweni."
"Ngenene iziprofeto zale ndoda ziye zayinyani. Indlela aqhuba ngayo unyana wam esikolweni iphelelisa ngethemba. Usoloko engaziphumeleli iimviwo zakhe. Kodwa andikalilahli," itsho le ndoda, efuna ukwazi ukuba likho na ichiza lesintu elinganceda unyana wayo.
Ayinguye yedwa lo mfundi waseSoweto osilelayo kwizifundo zakhe. "Ndenza unyaka wam wesibini kuqeqesho lobongikazi. Ndisebenza nzima, kodwa ikho into enditsalela umva.
"Ndiyalibala kakhulu, nokuba ndifunde kangakanani, andikhumbuli nenye into endiyifundileyo xa ndibhala," libhale latsho ibhinqa laseKomani elinama-23 eminyaka.
Unoloyiko lokuba akasokuze abengumongikazi, naye ufuna ukwazi iyeza elinokumnceda.
Nabanye abafundi abaliqela basibhalele bethetha ngeengxaki ezikwalolu hlobo.
Abazali kufuneka bajonge macala onke ukufumanisa isizathu esenza abantwana basilele esikolweni.
Ndithethe no-Oupa Magosinyana oneminyaka engama-33 eligqirha, kwaye uyavumelana nokuba mininzi imiba emel' ukuphandwa nzulu ukuze abafundi bakhululeke kwezi ngxaki.
Izinyanya zingakohlwaya kabuhlungu ngokohlutha umntwana nomzukulwana wakho imfundo. Ngamanye amazwi, le nto ingaba yindlela yokukuphaphamisa ukuze ulungise iimpazamo zakho.
Nazi ezinye zezinto omel' ukuzithathela ingqalelo ukuba ucinga ukuba liyeza elingamnceda umntwana wakho (okanye wena) enze kakuhle esikolweni okanye eYunivesithi:
1 IZINYANYA ZAKHO ZIMI NJANI. Ngokwesiqhelo umntu ukhuselwa zizinyanya zakulonina nakuloyise, kodwa zingavela iingxaki ukuba elinye icala alonwabanga lize limnikele umva loo mntwana.
2 AMAGAMA AKHO. Ukuba wanikwa igama lomntu ongasekhoyo, kufuneka kwenziwe isiko ukwazisa loo mntwana mtsha onelo gama kumanyange.
Kungenjalo usenako ukuvelelwa ziingxaki kuba kuzizinyanya ezifuna uthiye umntwana ngegama elithile.
Kwakhona: ingaba usebenzisa ifani yakokwenu" Fumanisa ngokukhawuleza ngale nto. (Umzekelo: nokuba usebenzisa ifani kamama wakho kuba abazali bakho bengatshatanga, ifani katata wakho nayo inendawo yayo.)
3 ISIKO. Ezinye izinyanya ziyacaphuka xa abantwana abazelweyo bengenzelwa isiko.
4 AMASHWA. Ukungahloniphi abadala nokwenza izinto ezichaseneyo neziyalo zabazali kungakwenzela amashwa. Ukuba akuzange kungxengxezwe de balandulela abo boniweyo, ingqumbo yabo isenokungachaphazeli abantwana babo ngqo kuphela, koko nabazukulwana. Fumanisa unobangela wengqumbo ukuze wenze isiko elililo lokungxengxeza. Ukuba loo mntu omdala usadl' amazimba, kufuneka uxolise.
5 UBIZO. Ukungavumi ubizo lokuba ligqirha kungadala iingxaki ezininzi kuwe nakusapho lwakho.
6 amakhaya namadlaka. Iintsapho zilwa ngamakhaya abazali. Ixesha elininzi le nto ikhokelela ekubeni uthengiselwe abanye abantu loo mihlaba, zize ziqumbe ke izinyanya.
Onke amangcwaba makakhathalelwe. Xa singazilibali izihlobo ezilele ukufa, nathi aziyikusilibala xa sikumagumbi okufundela.
7 IMIMOYA EMIBI. Awunakuyikhuphela ecaleni kwizinto ezingangunobangela wokusilela komntwana wakho esikolweni. Kodwa kuza kufuneka uncedo lwegqirha kule meko. [x]
Bhalela kuForce Khashane: Muthi Talk, Box 473014, Parklands, 2121, e-mail: muthi@caxton.co.za
UNYANGO LWESINTU
Awunakuyi-khuphela ngaphandle
imimoya emdaka
njengonobangela wale ngxaki
EZAMAYEZA
