xhosa.2520.jobs
ABANTU bathanda ukuthetha ngemisebenzi yabo yamaphupha kodwa babe bevuka qho kusasa beyotyebisa abanye abantu ngokusebenza kwabo nzima. Loo nto ithetha ukuba umsebenzi yindlela yokuphila esisinyanzelo kuthi ngenxa yeemeko...
Mhlawumbi akukho kubi kakhulu. Abanye bethu abayithandi imisebenzi abayenzayo kodwa ibhetele kuneyenziwa ngabanye abantu. Kukho imisebenzi emibi kangangokuba ubona kubhetele ukuba ungaphangeli kunokwenza olu hlobo lwemisebenzi.
Xa ubona le misebenzi ilandelayo uya kuthi ugqiba ukuyifunda ube sele uwuncoma umsebenzi wakho ngobuhle bawo...
1Ukusel' iyeza elibulala izitshabalalisi
Imagazini iDiscover ithi eMelika ungafumana malunga ne-$200 ngemini xa usenza lo msebenzi. Ayikho imithetho yaseUS elawula lo msebenzi kwaye isithethi seli candelo sithe: "Ubulala abantu abambalwa lo msebenzi kunotywala kwaye uyawahlawula amaxhoba awo, ayingawo ahlawulayo."
2Ukucoca isigadla esithwal' udaka lwesamente
Ezi zigadla siye sizibone endleleni zithwele isamente exoviweyo ziyisa kwiindawo ekwakhiwa kuzo kwaye zisebenza kakuhle.
Umgqomo ongaphakathi kwesi sigadla unento ejikelezayo etyhala udaka ukuze lungene nzulu kulo mgqomo.
Uyajikeleza lo mgqomo xa uthwelwe sesi sigadla kwaye ukujikeleza kwawo kuthiwa "uvuselela" into yokuxova.
Sisakufika kwindawo yokwakha isigadla, umgqomo ujikelezela kweliny' icala luze luphume udaka.
Emva kwexesha umgqomo uzala ludala olomileyo. Kufuneka umntu oza kungena kuwo ephethe ihamile efake isigqubuthelo sobuso asuse olu daka. Ngumsebenzi onzima lo...
3Ukususa
i-asbestos
Iasbestos ibangela umhlaza wemiphunga, isifo sentliziyo neengxaki zolusu. Bayibona sele konakele abantu loo nto kuba yayikade isetyenziswa xa kusakhiwa izindlu nakuphahla lwe-ofisi. Ngoku iyakhutshwa kwaye lo msebenzi unobungozi...
Omnye wabantu abayisusayo uthi: "Ndisebenza enkunkumeni, kukho izigcawu ezingena kwimpahla yam yangaphantsi, ndinxiba isuti endipitsayo ndifake nento enceda ukuphefumla endiphatha kakubi. Ndihlalwa yi-asbestos emehlweni nasezinweleni..."
4Ukucoca umzimba wesilwanyana esifileyo
Xa usiya kwiziko lembali yendalo ufika kukho amathambo amahle amhlophe ezilwanyana kuboniswa ngawo. Iingcali ziwacoca ngeendlela ngeendlela la mathambo.
Elinye igcisa ngezilo lityisa imizimba yezilwanyana ngezilo ezitya inyama, elinye lifaka iminenga namahlengezi azenzele kwisilwanyana eso. Abanye bayawabilisa amalungu omzimba...
5Ukukhuph' imbewu yenzala kwizilwanyana
Ukuze izilwanyana zizaliswe kufuneka imbewu eninzi. Kufuneka ikhutshwe ngumntu esilwanyaneni.
Ungafaka intonga yombane kumva wesilwanyana uwuzama-zamise. Siyayikhupha imbewu isilwanyana ngokuthundezwa yile ntonga yombane. Kungenjalo ungasebenzisa ilungu lesini lebhinqa elingelilo elokwenene - ziyayithanda le ndlela iinkunzi.
Iihagu zona azikhutshwa ngento yombane, zikhutshwa "ngesandla."
6Ukwahlu-kanisa izini zeenkuku
Kulo msebenzi wahlukanisa izini zeenkuku, wahlule imiqhagi kwizikhukukazi ukanti iinkuku ziqandusela amantshonstho amaninzi yonk' imihla.
Uzahlula njani" Kufuneka ulibambe intshontsho uliqinise de likhuphe ilindle ukuze ukwazi ukubona ilungu lalo langasese, ngaloo ndlela uza kukwazi ukuba ngumqhagi na okanye sisikhukukazi.
Loo nto uyenza imini yonke entshontshweni ngalinye...
7Ukwalusa izilwanyana ezinobungozi
Lo msebenzi uvakala ngathi ubhetele wona kodwa akunjalo. Umzekelo, kwiziqithi zaseHawaii kukho iintaka ezingama-34 ezikuluhlu lweentaka ezinobungozi. Uninzi lwazo azizange zibonwe kwiminyaka engaphaya kwama-20 edlulileyo - kodwa akukho mntu ufunayo ukuvuma ukuba sele zaphela.
Kukho abantu abaqeshelwe ukujonga izilwanyana esele zaphela.
Ungacingi ukuba umsebenzi wakho awubalulekanga...
Ingaba umvuzo owufumanayo mncinane kakhulu, ingaba usebenza ngamandla okanye umqeshi wakho uyakukhathaza" Unethamsanqa wena kunabantu abenza imisebenzi enganiki mdla konke-konke...
kubhale uISAAC KWELA kufote abeGREAT STOCK!
Imisebenzi emibi
Isimente eyomileyo iqokelelana kumgqomo wesigadla esiyithwalayo esinjengesi - kuze kubekho umntu ekufuneka ayicoce.
Nguwuphi umqhagi sisiphi isikhukukazi...Amawaka eenkuku ezilindele ukohlulwa ngokwesini...
Imisebenzi esi-7 engathandekiyo kwihlabathi
Imbali yemisebenzi engacacanga...
Ezimbalini kukho imisebenzi engathandekiyo. Umzekelo, ngo-1600 eLondon owona msebenzi ungathandekiyo owawunokuwenza kukuqokelela imizimba. Xa kuhlasela izifo wawuba mninzi lo msebenzi kodwa ubeka lowo uwenzayo esichengeni zokosuleleka aze afe.
Kungenjalo wawungaya esilarheni uze ukhuphe amathumbu egusha esandul' ukuxhelwa. Emva koko kwakufuneka wahlule ususe amanqatha emathunjini uze uwaxove ukuze kuphume ilindle.
Emva koko uwafaka emanzini abandayo uze uwenze imizu uwajije wenze ngawo imitya.
Le yimitya ekhethekileyo esetyenziswa xa kusakhiwa iivayolina, iiviolas njalo, njalo.
Kwakunzima kakhulu kwezolonwabo ngezo ntsuku kwaye xa ufuna ukuba yimvumi ye-opera kwakufuneka usele amanzi ashushu, utywala bexabiso eliphantsi nesikere esibukhali kwaye ukwazi ukuzilungiselela.
kwakufuneka usikwe amatapile ukuze ukwazi ukuqhubeka nokucula!
