XHOSA.2498.office
AMACEBISO
Okumelana nepati yeKrismesi
Yiba nobu-hlobo, kodwa unga-phatha-phathi abantu
EMSEBENZINI
Ukuphepha kanjani ukugqibela uyintlekisa xa utywala bubuninzi kwaye wonke ubani esiya ngokuya efudumala
kwipati yeKrismesi...
UKUSUKA ungayi kwitheko leKrismesi lase-ofisini yakho kungabonakala kuyindlela elula yokuzihlangula kulo nyaka. Kodwa ungangathi ungumntu ozikhethayo ongasebenzisaniyo nabanye - itsho loo nto ikumoshele namathuba okonyuselwa. Kodwa ke nokuzibeka phambili kwabathi "Maliqale itheko!" kungakufaka engxakini.
Kodwa ikho indlela engenza wonwabe singachaphazeleki isidima sakho, esomtshato okanye umoshakalelwe emsebenzini...
NXIBA FANELEKILEYO
Kuhle amanenekazi angazinxibi iimpahla ezinomtsalane, ezivez' umzimba, ukanti amadoda wona makangavezi izifuba. Ilungile ibhulukhwe emnyama netophu eqaqambileyo.
UNGABAXI
Musa ukwenza ulonwabo lwakho lwethutyana ludale unxunguphalo lweminyaka elishumi ezayo. Ewe konwatyiwe, kodwa loo nto ayithethi ukuba uthetha nakanjani na kumphathi okanye ugxa wakho.
VALA UMLOMO WAKHO
Sukuhamba uthetha kakubi ngoogxa bakho. Kaloku neendonga zineendlebe.
Kananjalo, zinqande ungahambi uthetha ngokuba kutheni unganyuselwanga umrholo wakho - enyanisweni eli akulo xesha lokuthetha ngezinto zomsebenzi. Buza ngezinto zosapho bhetele, izicwangciso zeholide njalo-njalo.
UNGADE UQHUBE AMATAKANE
Ukudanisa phezulu kwetafile uyophule ugoduke ngemoto yezigulane, ubhaqwe utsib' iziko, uhlanzel' ebantwini - ezi zezinye zezinto ezimbalwa ezingenzeka xa ungawuthobeli lo mthetho.
KHULULEKA
Khumbula ukuziphumza - kungenjalo, nokuba uzile, usenokubonwa njengomntu ophakamileyo ongakhange abhekise nelimdaka ngoko ke ongenakusebenza neqela.
YAZANA NABANTU
Sebenzisa eli xesha ukwazana nabantu ngakumbi. Kuza kukunceda ukwazi umhla wokuzalwa womphathi wakho, umbala awuthandayo nezinto athanda ukuzenza.
Kuvakala kungumsebenzi,
kodwa kungakunceda kakhulu emsebenzini.
GCINA IZANDLA ZAKHO KUWE
Kuhle ukukhululeka, kodwa sukuphatha-phatha, qiniseka ukuba awuzifumani sele usebhedini yomntu. Kuba kungenzeka uzisole. Phambi kokwenza izithembiso zothando ziqode ukuba awunxilanga na!
ABAMENYIWEYO KUPHELA
Iinkampani ezininzi zonga ngokuthi zimeme abasebenzi kuphela kumatheko okuphela konyaka. Unako ukuza nondwendwe, kodwa bazise kuqala ukuze ungaphoxeki wena nondwendwe lwakho.
SIGCINE ISIMILO SAKHO
Ewe, umama wayenyanisile xa esithi yiba nesimilo. Ziphathe kakuhle kangangoko kwaye ubenabo nobubele.
GODUKA!
Hamba kuselithuba ungekade ugxothwe okanye uqukwe neqela elingalawulekiyo elihlala endaweni de likhutshwe ngetshova.[x]
Umbhali: Thandi Zulu
