xhosa.2493.bec recipe-tips
UMZANTSI Afrika lilizwe elikhulayo ngokuthandwa ngabakhenkethi kwihlabathi jikelele kwaye unika amathuba amaninzi koosomashishini abasakhulayo. Zininzi iindlela ezilula zokuphuhlisa ishishini elincinci ngokusebezisa isiphiwo sokuyila nangokunika iindwendwe ezikufunayo.
Yazi abahambeli bakho
Kubalulekile ukwazi iimfuno zabahambeli bakho uze usebenzele ukubanika nokuba liphi na ishishini lakho. Xa unehostele yolutsha olungabantywili kufuphi nomlambo uMkhomazi, luza kufuna indawo yokuhlala efikelelekayo, ukutya kwakusasa okumnandi, indawo yokugcina izixhobo zalo neenkcukacha malunga neendawo zokuzonwabisa ebusuku.
Kodwa xa unehotele yodidi oluphezulu elunxwemeni lolwandle lweAtlantic, uya kuba ulungiselela abahambeli abohlukileyo abafuna indawo entle, izidlo ezimnandi nokuphathwa kakuhle.
Oosomashishini abaninzi abakwezokhenketho batshatshele ekwazini iindwendwe zabo nasekuzilungiseleleni, bangabanini bamashishini ukanti akwaqhutywa ngabo.
Nangona kunjalo, ikho imibuzo abangazibuza yona ukuze babe neendawo zokuhlala neenkonzo ezisemgangathweni kweli shishini.
n Ziindawo ezinjani zokuhlala ezifunwa ziindwendwe ezikhoyo ngoku neziza kufika kwixesha elizayo" Ingaba bafuna izindlu ezinamagumbi amabini, ezinendawo yokuhlamba ngaphakathi, abangakwazi ukwenza ukuqhuela ushishino kuwo okanye anezinto ezithile"
n Ingaba bafuna izidlo ezinjani" Ingaba banendlela abatya ngayo eyahlukileyo" Umzekelo kufuneka ubenokutya kwabantu abangayityiyo inyama okanye ezinye izinto"
Ingaba iindwendwe zakho zinemfuno ezahlukileyo, ukhuseleko, iindawo zokupaka, ezokuhlambela, ezabantwana, ezinekhompyutha nezabantu abaneziphene emizimbeni"
n Ingaba indawo yakho yahlukile" Ungazinika indawo ebonisa ulwandle, ikhona indawo enendalo abanokuhamba kuyo okanye ukwindawo enembali"
n Ingaba ikho into eyahlukileyo kwizinto zakho, into oyenzayo omnye umntu ongayenziyo, nokuba yinto encinci" Uyazamkela iindwendwe ngeziselo, okanye ishishini lakho lihonjisiwe kwaye liqhutywa ngokomxholo othile"
n Zintoni ozenza kakuhle nezikubethayo" Jonga kwezi uzenza kakuhle uzame ukuphucula ezo zikubethayo.
Yiba nobuchule kwaye ungaguquki
Phendula imibuzo ngokukhawuleza kwaye ukuba awukwazi ukuzenza iimfuno zeendwendwe yiba nezinye iinkonzo. Zininzi iindawo ezinika iindwendwe amagumbi okulala neeB&B ezinezinto neenkonzo ezifanayo, kodwa ulungiselelo olukhawulezayo lusoloko luphumelela ngalo lonk' ixesha. Ukungatshi-ntshatshintshi kukhuthaza iindwendwe ukuba zibuye yaye zixelele abanye abantu ngeshishini lakho. Ukuba ubeka ilekese emiqamelweni, yenza njalo yonke imihla. Ukuba unomxholo onawo wenze kuyo yonke into. Fumana indawo eyahlukileyo ekuthengisayo uze uqhubeke nokusebenzisa yona. [x]
Ukuthengisa ishishini lendawo yeendwendwe okanye iB&B
BONA XHOSA - December 2006
Zama le resiphi ilula nemnandi yesidlo se-oatmeal. Mayiphekwe ngabantwana bakho wena ubancedise.
ISTRAWBERRY OATMEAL
Izithako
1 ikomityi yamanzi
1/2 sekomityi ye-oats
intwana yetyuwa
1/4 yekomityi yeStrawberry Mageu Number 1
intwana yecinnamon
2 iitispuni zeswekile emdaka.
Indlela yokuyenza
1. Galela amanzi, i-oats netyuwa embizeni esesitovini.
2. Pheka umxube ubile, uze wehlise ubushushu besitovu.
3. Zamisela iMageu Number 1 necinnamon ngecephe lokhuni.
4. Pheka ngobushushu obuphantsi uzamise imizuzu emihlanu.
5. Yigalele esityeni, ufafazele iswekile.
6. Yiyeke iphole umzuzu ngaphambi kokuba uyitye.
Yanela: 1
Ixesha lokuyenza: 10 imizuzu
Kweli xesha leziyunguma zonwabise ngokupheka nabantwana bakho. Ikhitshi lingayindawo entle
yokudibana nizonwabise ekhaya.
BONA - August 2005
