xhosa.2491.beauty
BONA XHOSA - April 2008
Udiniwe ziinwele zakho ezirileksiweyo ezimfutshane" Ingcaphephe yethu yenwele ikubonisa indlela ezintathu zokuzilungisa...
IINWELEZAKHO
IBusiness Bun
Istayile esilula sokuya emsebenzi - sikwenza uzithembe ngakumbi!
Indlela yokuzenza
Thambisa i-oil moisturiser ukuze iinwele zakho zithambe, zikhazimle kwaye zondleke. Vula indlela ecaleni, zitsale iinwele ziye emva uzibophele phezu kwenqentsu. Fakela iinwele ezithengwayo ngeephini, zibrashe zicwangce uzisonge zibe liqhuma. Zitshize ngeholding spray usebenzise isheen spray ukuzikhazimlisa.
Ngoku ulungele nayiphi na imicimbi ye-ofisi!
Iingcebiso
Kufuneka uthenge iinwele ezifakelwayo, ubunjani bazo bakuxhomekeka kwixabiso lazo.
IiHuman hairpiece zona zixhomile ngexabiso kunezi zokuzenzela. Okulungileyo ngezi nwele zifakelwayo kuthiwa yihuman hair kukuba zona ungazisebenzisa ixesha elide ukwazi ukusebenzisa ubushushu, xa uzilungisa uzolula ngehair drier okanye uzijija ngentsimbi.
Kwiinwele zokuzenzela usebenzisa iimveliso ezithile .
I
INWELE ezimfutshane ezirileksiweyo zintle kwaye ungazijika-jika nangaluphi na uhlobo, ukanti kulula nokuzikhathalela. Kodwa uthini ngeentsuku apho ungenamdla, ube ufuna istayile esitsha ukuze ubemhle"
IBONA inayo impendulo - nazi iztayile ezithathu ongazenza ezinweleni zakho, ezikulungeleyo kwaye ungaya nakuwuphi na umsitho ngazo.
IPlayful Twist
Xa uzikhuphile uyokonwaba zama le indlela entle.
Indlela yokuzenza
Vula imiqolo emibini elinganayo macala entloko yakho, nangemva. Robhoza umqolo omnye ngexesha uphele phezulu ubophe ngephini.
Ziyeke inwele eziphezulu, zikame, uzitshize ngeholding spray. Yenza "isicholo" esithambileyo. Yibophe ngephini ephezulu entloko, uzitshize nje ngentwana yesheen spray ukuze zikhazimle emva koko sele ulungele ukonwaba okukhululekileyo.
Iingcebiso
Udinga iiphini zenwele, ikama, iholding spray nesheen spray.
Nazi
iztayile!
BONA XHOSA - April 2008
IiSwept-up Curls
Ilungele i-ofisi naxa uzikhupha neqabane lakho kwaye ikwenza ubukeke ulinenekazi.
Indlela yokuzenza
Khulula iinwele zakho zangaphambili uzijije zigobele ngaphambili. Qhaqha iqhuma langemva ususe ukoma kweholding spray ngebrashi. Zijije iinwele ezifakelweyo thambileyo, zibophe ngeephini, ezinye uziyeke zijinga, uze uzitshize.
Zibophe ngeribhoni ngaphambili ukuze ubukeke uchubekile xa uphuma ngobusuku.
Iingcebiso
Thenga intsimbi okanye ibrashi yokujij' iinwele, i-ayini yeenwele neeribhoni ezahlukeneyo eyeleyisi, isatini okanye ivelvethi zibe yimibala oyithandayo.
Buza umlungisi weenwele ngezixhobo ezikhuselekilyo zokulungis' iinwele zakho nezithambisi zokuzikhusela ebushushwini.[x]
nguFAITH SEUOE
kufote IVAN NAUDE
ulungiso-buso neenwele: FAITH SEUOE
imodeli: MATATSI weG3
