xhosa.2488.lifeguide_motivation
Yiba ngokhethekileyo!
Umntu ngamnye unenjongo ayibekelweyo apha emhlabeni ukuze akhetheke
NDINAMAGAMA amabini kuphela endiza nawo kule nyanga: Yiba ngokhethekileyo! Ndicela ukuba ubengokhethekileyo hayi kuba unako, kodwa kuba udalwe wanjalo.
Cinga nzulu ngale nto, kaloku imbewu yobudoda eyayithwele ubuwena yakwazi ukudlula izigidi ngezigidi zeembewu ukuya kufika eqandeni likamama wakho. Waba yintshatsheli ungekazinto. Uhlala kwihlabathi elikhethekileyo neyunivesi ekwanjalo ezidalwe nguThixo omangalisayo.
Ubuhle bendalo nokwahluka kwayo kubonakalisa ukuba uMdali uyamangalisa. Izibhalo zisixelela ukuba thina singabantwana Bakhe. Ngoko ke mhlobo wam, wena usisidalwa esintsusa yaso imangalisayo.
Sisuka kude sesilapha nje. Senze izinto ezingabothusa ookhokho bethu, njengokuthumela umntu ezinkwenkwezini. Kodwa noxa abantu benolwazi olungaka, abakabi nako ukudala umntu.
Ingaba uyaqonda ukuba noxa abantu beziibhiliyoni ezintandathu ehlabathini, akukho nomnye one-DNA okanye imigca yeminwe efana neyomnye? UMdali ukwenze wangokhethekileyo kangangokuba akukho nomnye umntu emhlabeni onokuba nguwe. Ufana wedwa, kwaye awunakuthengwa nangegolide!
Inyaniso kukuba umntu ngamnye unomahluko kwaye udalelwe injongo ethile. UMdali ubenezicwangciso ezijongene nawe ngqo ngexesha ekudala. Izinto ozithandayo, nongazifuniyo zibalulekile zixela isizathu sokuba ube ulapha.
Izinto ezikukhalisayo, ezikucaphukisayo, okanye ezikukhuthazayo ziimpawu ezibalulekileyo ezibonisa iingxaki afuna uMdali uzisombulule. Ubaluleke ngokulingana neengxaki ozisombululayo, kwaye uyinkathazo ngokulinganayo neengxaki ozidalayo.
Abantu abaninzi baphilela ukonwaba, hayi injongo! Baphilela ukutya, iimpahla, iimoto, izindlu nolonwabo. Akukho nenye engalunganga kwezi zinto, eneneni ziyafuneka xa ufuna ukuphila ubomi obulungileyo.
Ngenene usikelelekile xa unazo zonke ezi zinto, kodwa ubomi bakho buba ngobukhethekileyo xa ukhuthazwa yinjongo yobomi. Abantu, amashishini, imibutho neecawe ezibonakalayo zezo zingakhelwanga kwisiseko semali sefuthe labantu nempumelelo - kodwa kwisiseko senjongo.
UHenry Ford ongumakhi-zimoto wayenenjongo xa esithi nomntu ongesosityebi umel' ukuba nako ukuthenga imoto - kuba kwakuzizityebi kuphela ezazinazo phambi kokuba avule elakhe ishishini. Waze weza neModel T watshintsha ihlabathi unaphakade.
UBill Gates ongumseki weMicrosoft wakhuthazwa kukufuna ukubona abantu beneekhompyutha zabo. Wayengxame kangangokuba wayeka phakathi esikolweni ukuze afezekise injongo yakhe yobomi - ngoku malunga ne-90% zeekhompyutha zisebenza ngeeprogrem zakhe.
Asizukuba zizityebi, sidume okanye sithandwe sonke, kodwa sonke singaba zizimangaliso ebomini bethu nakwizinto esizenzayo. Usenokuba nguweyitala okhethekileyo, unogada, umqhubi okanye umncedisi wasekhaya. Ungangugqirha okhethekileyo, igqwetha, unjingalwazi okanye umntu okwezopolitiko.
Abantu abaguqula ihlabathi abakhuthazwa ludumo okanye ubutyebi. Bafuna ukudlal' indawo yabo ukuze bafezekise injongo.
Ndakhe ndeva umcuphi esithi elona thuba elibalulekileyo ebomini bakhe kuxa ekhonkxa isikrelemnqa, kwaye ke ngokulindelekileyo esona sandi simnandi sesokuvaleka kwesango lwentolongo - evalela isihange ukuze singaphinde sikwazi ukulimaza omnye umntu. Ndiya kuxelela, leya indoda iyifumene injongo yayo ebomini kwaye ixabiso loko alinakulinganiswa namali.
UMother Teresa wayekhathalela amahlwempu, imilwelwe nabaselukhukweni lokufa. Wayengakwenzeli udumo okanye imali, kodwa ekugqibeleni, wazifumana zonke ezi zinto.
Nokuba wenza ntoni, zinikele kuyo ukuze ushiye uphawu. Yiba ngokhethekileyo! [x]
UMfundisi George
Shiya iimpawu apho unyathele khona ebomini
INKUTHAZO
