xhosa.2480.Lettersjan (2)
Ileta ezuze i-R100
Ukuze uphalaze izimvo zakho:
bhalela apha: Iileta eziya kuMhleli, Box 32083, Mobeni, 4060, South Africa
ifeksi: 031-912-2720
okanye i-e-mail: bona@dbn.caxton.co.za
Okubhekiswe kumaXhosa...
Esi sisibongozo ebantwini abathetha isiXhosa. Ndifun' ukuthetha ngokuhla komgangatho wolwimi lwesiXhosa olusetyenziswa ngabafundi beendaba nabasasazi beenkqubo zeTV nezikanomathotholo.
Umzekelo, ndive umsasazi wenkqubo yokholo esithi: "UThixo usisimanga." Kube bekufanele athi "ungummangaliso".
Omny' umzekelo: isibhengezo selayisensi yeTV siyabathuka abantu abatheth' isiXhosa. Kuso kuthiwa: "Makhe sizifake kulo mkhuba wokonga." Kanti bekufanele sithi: "Masikwenze umkhwa wethu ukonga." Kaloku igama elithi "umkhuba" livele ngokudityaniswa kwamagama amabini, elithi "umkhwa" nelithi "ombi,"!Ngaphezulu ulwimi lwethu lunamagama amaninzi "abiwe" esiZulwini. Ezi zinto ziza kulutshabalalisa ulwimi lwethu lwesiXhosa.
nguSobi Siyongwana, eMonti
#Ngaba amaXhosa ayakungqina okutshiwo nguMnu. Siyongwana" Ngaba ngenene uhlile umgangatho wesiXhosa" Bathini abezinye iilwimi" AbeSuthu namaZulu bona bathini ngomgangatho weelwimi zabo" Sibhalele usixelele uluvo lwakho...
Enjani yona inkcitho!
Ndabon' ezindabeni ngeny' imini ukuba urhulumente uza kutshabalalisa izihlangu ezizele ikhonteyina ezangena kweli ngondlela mnyama zivela emazweni aseMpuma.
Bendingaqali ukuva ngeempahla ezingena kweli ngokungekho mthethweni ezitshatyalalisiweyo - ndibona kuyinkcitho leyo kuba kukho abantu abasokolayo kweli.
Kutheni kutshiswa iimpahla nje" Kutheni zingakhutshwa imibhalo ukuze ziphiwe abantu abasokolayo"
nguNN, eBloemfontein
Konakalaphi"
Ndiyazikhumbula iimini zakudala apho abantwana babebahlonipha abantu abadala.
Ngezo mini babengenakratshi xa bethetha nabantu abadala.
Ngoku siphila kwilizwe elilahlekileyo nelinika abantwana amalungelo amakhulu.
Usizi ke lolokuba aba bantwana abaqondi ukuba imbeko inendima enkulu ekumanyeni isizwe nasekuziseni uxolo nenzolo eluntwini.
nguThando Ntombela, eDobsonville
Yiba ngumhlobo wakho kuqala
Ukuze ube nabahlobo, funda ukuba ngumhlobo wakho kuqala.
Awunakuthanda umntu wonke, kodwa ungaba nobubele kubo!
Ungazami ukuzithandekisa, mayibe ngabo abazithandekisa kuwe.
Yiba nethemba. Kaloku abantu abanethemba batsal' abanye abantu, ukanti abantu abangenathemba abatsali mntu.
Yiba nguwe, ulandele eli cebiso ukuze womelele yaye uphumelele.
nguIsaac Tema, eBirchleigh North
Eliny' icebiso elihle
Kutheni sibaphatha kakubi abantu abasincedisa emakhaya" Ngabo abasicocela amakhaya, abasihlambela abantwana nabasihlambela iimpahla - masiwuncome umsebenzi omhle abawenzayo.
nguEmely Langa, ePitoli
Yiba neqhayiya!
Ndineminyaka eli-17 yaye ndipase uGrade 12 ngo-2005. Abazali bam abaphangeli ngoko abanayo imali yokuhlawulela imfundo yam yonyaka ozayo. Ndiyamkele loo nto kwaye ayindicaphukisi. Njengokuba nam ndihlal' ezilalini ndikhathazekile ngabantwana abahlala khona njengam.
Bazijongela phantsi bazibone bengenako ukuziphucula.
Akuyonyaniso oko. Nathi bantu basezilalini singaziphucula siphumelele nokuphumelela.
Impumelelo akuyifumani ngokuba uvelaphi. Xa uzimisele, usebenza nzima, uzinikele yaye uzingisa uyaphumelela.
Ndenze izicelo zeebhasari zokufunda yaye kwezinye ndifumen' iimpendulo ezithembisayo. Ndiza kuba ndifund' eyunivesithi ngo-2006.
Bendingenako ukukuyifumana loo nyhweba ukuba bendilahl' ithemba.
Abantwana basezilalini mabayeke ukucinga ukuba impumelelo isezidolophini kuphela.
nguMM, eMphahlele
Ukulwa nolwaphulo-mthetho
Ndibongoza abemi boMzantsi Afrika ukuba balwe nolwaphulo-mthetho kunyaka omtsha. Masimilisele uxolo nozinzo kuyo yonke imimandla yeli. Ulwaphulo-mthetho lusichaphazela sonke, ngoko sonke masilwe nalo.
nguAK, eLimpopo
Igam' elilula
Igama elithi "Uxolo" ligama elifutshane kodwa ekunzima ukulitsho komnye umntu. Kukangaphi uba nesibindi sokuthi 'uxolo' emntwini omonileyo ngandlela ithile"
Uzifumana sele nifana nempuku nekati naloo mntu kuba uzama ukumphepha xa nibonana naye. Ude umcaphukele loo mntu ngokungathi nguye okwenza ungakhululeki!
Into esibethayo kukuba nekratshi, size singakwazi ukuthi siyaxolisa.
Ndikhe ndabona ikratshi libulala imitshato, iicawe namakhaya.
Uyazi ukuba kuyingozi ukungatsho ukuba uyaxolisa" Uxinzelelo lwengqondo oba nalo lungaba yingozi empilweni. Awuzifumani iintsikelelo zikaThixo xa usoloko unomsindo.
Ngenxa yezi zizathu ndicel' umngeni kubo bonke abafundi beBONA ukuba baye ebantwini ababonileyo bayoxolisa.
Wakuxolisa uya kububona ubomi bakho buguquka.
nguGloria Motsi, ePitoli
Iileta Zabafundi
BONA XHOSA - January 2006
u
Iileta Zabafundi
t
I-HIV/AIDS - ngaba olu lolona nyango lulungileyo"
Ndicinga ukuba singawulwa ngempumelelo lo bhubhane xa...
lSisamkela ukuba oogqirha namagqirha akanachiza lokunyang' iHIV/AIDS - kwaye akubonakali liza kufumaneka msinya.
lSisazi ukuba iHIV/AIDS ayizanga nabelungu yaye ayibangelwa kukuthakathwa.
lUkuthetha ngeHIV/AIDS akusosiqalekiso. Abantu mabathethe ngayo kwaye bangazifihli xa benayo ukuze bakhusele abanye.
lBekhuthazwa abantu ukuba bavavanywe, bolulekwe.
lAbantu mabayeke ukubacalula abantu abanale ntsholongwane - ingakumbi xa nabo bengafuni ukuvavanywa.
nguAM, eLady Frere
Omnye othetha ngeAIDS...
Ndibulela iBONA ngokufundis' abantu ngeHIV/AIDS. Ulutsha lweli lizwe aluyikhathalelanga - kwaye oko kuyingozi.
Kutheni lungafuni ukusabela izilumkiso luze lube neendibano zesondo ezikhuselekileyo"
Kubuhlungu ukubona abantu bebeka ubomi babo esichengeni. Kwayaphi ukuzibamba, isimilo nokuthembeka kumntu othandana naye"
nguWN, eBloemfontein
BONA XHOSA - January 2006
Enkosi, BONA!
Ndibhalela ukubulel' iBONA ngezinto ezintle le magazini endenzele zona kunye nekreshi endiphangela kuyo.
Imagazini yenu iyasinceda sifundise uluntu ngokwenzeka kweli nakwamanye amazwe ehlabathi. Sisebenzisa neefoto zemagazini yenu ekufundiseni abantwana.
nguEzekiel Themba, eHazyview
Ungalisebenzisa igama ozithiye lona xa usibhalala, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi yakho. Asitsho ukuba siyavumelana nazo zonke izimvo zabafundi kula makhasi, kwaye sinelungelo lkuzihlela ezo siza kuzipapasha.
Wonk' umntu uyathandana, ngaba kubalulekile"
Omnye wabafundi bethu abasebatsha usixelela uluvo lwakhe ngokuthandana...
Inkoliso yolutsha lwale mihla lwenza ngathi ukuba nenkwenkwe okanye intombi oncuma nayo yinto efanelekileyo ebomini.
Ndineminyaka eli-17 yaye andifuni mntu endiza kuthandana naye ukuze ndonwabele ubomi. Sifanele sikhuthaze ulutsha ukuba lungabi nabantu oluthandana nabo.
Inkoliso yabo bakhe bathandana basala neentliziyo ezibuhlungu, nto leyo ibaphazamisa kwizinto ezibalulekileyo njengokupasa iimviwo zesikolo.
Uninzi luthandana kuba luzicingela lona. Asikuko ukuba bafun' uthando, qha nje bafuna ukwanelisa inkanuko yomphefumlo neyomzimba.
Ulutsha malungazidodobalisi. Eli lixesha lokuxhamla ubomi nokudibana nabantu abatsha.
Ungakuhoyi kakhulu okutshiwo ngabantu ngawe. Ungavumeli abany' abantu balawule ubomi bakho. Awufuni "qabane" ukuze uzibone ungumntu okhethekileyo. Ungumntu okhethekileyo yaye akakho ofana nawe.
nguTeboho Masoabi, eThekwini [x]
