xhosa.247.drugs
t
UWhitney uthengise iimpahla zangaphantsi ukuze ahlawule amatyala
ka-2007 kuthengiswe amakhulu eempahla ebezinxiba xa eseqongeni uWhitney Houston kuba engasakwazi ukuhlawula imali yokuzinonophela.
Kwathengiswa nesitulo awayesithanda uWhitney, ipiyano yakhe enkulu neembasa ezili-16 zikaBobby Brown.
Ngaba oku kuza kuba nesiphelo"
"UWhitney akasokuze aziyeke iziyobisi. Uzisebenzisa yonk' imihla. Sonke sinexhala lokuba ngeny' imini uza kuzisebenzisa ngokugqithisileyo," utsho uTina Brown.
Uloyiko lokuba iziyobisi ziza kumbulala lukho nakunina kaWhitney, uCissy Houston, ovumileyo kutshanje ukuba ukhe wayidomboza intombi yakhe ukuba iyeke iziyobisi ikhulise uBobbi.
"Inkulu intlekele eyenzekileyo apha - ngaphandle kokutshabalala kwetalente nokungabi nampilo kakuhle kwakhe, kuphele nembeko ebesimnika yona njengemvumi nomntu ebantwini," itshilo eny' intatheli.
"Asifanelanga simhleke okanye singamhoyi. Esifanele sikwenze kukugxwal' emswaneni." [x]
BONA XHOSA - March 2007
Iimvumi ngabona bantu kulula kubo ukuba ngamakhoboka eziyobisi - sincokole nebezingabakhoboka eziyobisi ukuze sive ukuba zazikhupha njani kulo mkhwa ubulalayo
SIYE kudlan' indlebe nemvumi ebisandul' ukuphuma kwiziko elilumla abantu kwiziyobisi, kodwa sifike ingakwazi nokuma. "Aninako ukuthetha naye ngoku kuba unxilile," utshilo umphathi wayo.
Oko kusenze sacinga ukuba singazithemba kanjani iimvumi kuba zisithi ziziyekile iziyobisi emva kokuya kwiziko lokulungisa izimilo yaye ziphila ubomi "obucocekileyo" zibe zingathethi loo nto"
Ngaba yeyona ndlela esetyenziswa ziimvumi leyo ukuze sivelane nazo size sithenge neeCD zazo"
Ngaba ikho yona iCD echaza izilingo egqithe kuzo imvumi ngaphambi kokuba izikhwebule kulo mkhwa mbi"
"Kunzima ukuzilumla kwiziyobisi," utshilo uSenyaka owaduma ngengoma ethi Chesa Mpama - kwaye yena ubonakala wazilumla kwakuko.
"Xa udibana nabahlobo bakho abasatshay' umya okanye eziny' iziyobisi uyahendeka.
"Kunzima ukuzilumla kwiziyobisi kuba kufuneka ulahle nabahlobo bakho ukuze ungahendeki futhi," uhambise watsho.
"Ndaziyeka iziyobisi sele ndibona ukuba ndiyaphalala. Ndathengisa kwanto yasendlwini ukuze ndithenge icocaine.
"Ndandingenayo nemali yokutheng' isepha yokuhlamba. Eyona nto nje endandiyifuna kukutshaya.
"Ndandichitha i-R1 500 nditheng' isiyobisi ekuthiwa yi-'moon' ndize ndisitshaye ndisigqibe ngobusuku obunye. Ndandibhukha ehotele ukuze ndibe ndedwa kwindawo ekhuselekileyo. Ndandigoduka kusasa ndize ndiphindele ehotele ebusuku. Ndandimshiy' elele yedwa umkam elokishini kodwa naye ethubeni wabona ukuba ayingangaye," utsho uSenyaka.
Ngobuny' ubusuku weva ilizwi lomntu ongamaziyo lisithi makaziyeke iziyobisi. "Ndazixelela ukuba makhe ndilinge ukuziyeka. Ndasuka ehotele ndagoduka, ndathenga igrosa ngemali endandisele nayo.
"Andizange ndibuye ndizichukumise. Ndabuyela kusapho lwam nalo lwandixhasa kwilinge lam," utshilo uSenyaka.
Ukwathe ingxaki butywala. "Uqala ngokusel' utywala emva koko ugqithele kwiziyobisi," utsho.
"Kunzima ukuzilumla ngokupheleleyo kwiziyobisi. Kufuneka usoloko uzigadile," utshilo uKabelo "Booga Luv" Mabalane.
"Ndaphuma kwiziko elilungisa izimilo ngomhla woku-1 kuSeptemba ngo-2002. Kum umhla wokuqala enyangeni undikhumbuza apho ndisuka khona."
Kusoloko kukho kona ukunqanqatheka. "Kufuneka ungaziyekeleli kuba kusoloko kukho ukunqanqatheka ekufuneka uxhathise kuko," utsho uKabelo.
Ucebisa ngelithini" "Ungahlali nabantu obuzisebenzisa nabo kwaye uhambele kude neendawo ebenidibana kuzo. Kufuneka ubutshintshe ngokupheleleyo ubomi bakho."
Nokuba yindumasi abantu abafuna ukulandela ekhondweni layo kuyamnceda. "Oku andikwenzeli mna kuphela, kuba xa ndingabuyela kwiziyobisi ndingadanisa abalandeli bam."
ULundi Tyamara oyimvumi yegospile naye obuya kuzo iziyobisi uthi akanangxaki yena usabutha nabahlobo bakhe abasazisebenzisayo iziyobisi
"Bayasihlonipha isigqibo sam sokuziyeka ngokunga-zisebenzisi xa ndikhona.
"Ndakuziva ndihendeka ndiya kucela uncedo kwiziko elandinceda ndaziyeka," utsho uTyamara.
Ukucula umculo wokholo akuthethi kuthi akanako ukuhendeka.
"Kaloku nam ndifana nabany' abantu, zikho izinto ezindihendayo kwaye ndiyazenza neempazamo njengomntu wonke."
Uthe uncedwa kukuya ecaweni ukuze aphephe iziyobisi.
UJoe Nina yena usandul' ukukhupha icwecwe elitsha elithi Travel The Gravel, kulo ucula ngokusebenzisa kwakhe iziyobisi.
"Ndandisoloko ndinokratya xa ndisebenzisa iziyobisi. Endaweni yokutshaya iqhekeza elinye lesiyobisi ndanditshaya amabini," utsho.
"Ndaba nethamsanqa lokuba namandla okuwukhaba ngazo zone lo mkhwa. Phofu ke akuzange kubelula kuba lukhulu uhendo emculweni."
Wazikhwebula njani yena kwiziyobisi" "Ndaqala ndamkela ukuba ndenze impazamo. Emva koko ndahambela kude nabantu abandifundisa iziyobisi. Ndabakhupha ngokupheleleyo ebomini bam, ndabuyela kubahlobo bam abadala baselokishini.
"Ndacela noncedo lukaThixo nolwezinyanya zakowethu." [x]
"Ukusebenza nzima nako kuyandinceda ekuxhathiseni uhendo lweziyobisi," utsho uNina.
USenyaka esemzini wakhe eSoweto - akasafekethi ngemali ngokuthenga iziyobisi.
MOLEFE SEBATIE
kubhale uFORCE KHASHANE
Udumo, ubutyebi neziyobisi (2): Abanye abasindileyo
Baphum' ebunzimeni
"Ndiya kucela uncedo kwiziko elandinceda ndayeka iziyobisi xa ndikhe ndaziva ndinqanqathekile," utsho uTyamara.
BONA XHOSA - March 2007
Kufuneka uyitshintshe ngokupheleleyo indlela ophila ngayo," utsho uKabelo. ROELENE PRINSLOO
