xhosa.2476.food
AMAXABISO OKUTYA - 1
Yintoni unobangela wale ndlala?
Amaxabiso okutya ayaqala ukuxhoma ngolu hlobo kweli kwaye abemi boMzantsi Afrika batsala nzima, kunzima nokondla iintsapho zabo. Yintoni engunobangela wale ntlekele? IBONA iyaphanda ngonobangela woku, ifumanise nokungenziwa ukuhlangabezana nale ngxaki...
Kubhale uWilma den Hartigh
OKUGUGISE IIPOKOTHO!
BONA XHOSA July 2008
AMAXABISO okutya kweli akazukuhla, zitsho iingcaphephe. Kwaye zithi unobangela akuzovenkile okanye abalimi. Abavelisi bokutya bakufumanisa kunzima ukuvelisa ukutya okufunwa leli lizwe.
Ukonyuka kwamaxabiso e-oyile nokonyuka kwepetroli kutshanje kwenza kube nzima ukushishina kubalimi. Kwaye le nto yinto eyenzeka kumazwe amaninzi, ngoko ke akusithi sodwa esisengxakini.
Ubuninzi bokutya okuziinkozo okuveliswayo ehlabathini buqale ukwehla ukusukela ngonyaka ka-2000, yaza imeko yaqala ukuxhalabisa kunyaka ophelileyo.
Ziliqela izizathu ezibangela oku...
Imo yezulu embi eYurophu kunye nembalela e-Australia ngunobangela wokunqongophala kweemveliso yokutya okuziinkozo.
Ukukhula kwezoqoqosho kumazwe asentshona kwandisa iimfuno ze-oyile nepetroli. Ukunqongophala kokutya okuziiinkozo nokwanda kweemfuno zepetroli nako konyusa amaxabiso okutya.
Ukonyuka kwexabiso lepetroli kubabeka kwimeko embi ngakumbi abalimi boMzantsi Afrika. Kwenze ipetroli nezichumiso zaxhoma ngexabiso, kwatsho kwanyuka amaxabiso okutya.
"Ngaphandle kokuba kwehla iindleko zokuvelisa ukutya kusezakuba nzima kubathengi," utsho uLouw Steytler ongumongameli we-Agri Free State.
Iinkcukacha zibonisa ukuba iindleko zokuvelisa ingqolowa zonyuke nge-62%, kanti umbona wona nge-50%.
Ukonyuka kwamaxabiso okuchaphazela abalimi kuphakathi kwe-14% ukuya kuma-400%, kuye ngendawo umlimi athenga kuyo iimveliso azisebenzisayo, utsho uLindie Botha oyingcali yezoqoqosho kwezolimo kwi-Agricultural Business Chamber.
Uhambisa athi ngoku eli loMzantsi Afrika liza kutsala nzima ngakumbi kuba ixabiso leemveliso elizithenga kumazwe angaphandle liphezulu kunezo elizithumelayo.
"Le yingxaki kuba ngoku sixhomekeke kumaxabiso amazwe angaphandle," utsho.
Kanti nokukhula kwezoqoqosho kumazwe afana neChina, i-India, i-Brazil, i-Russia noMzantsi Afrika ngunobangela wokukhula kweemfuno zokutya, utsho uNjing. Johan Willemse, oyingcali yezoqoqosho kwezolimo kwiYunivesithi yaseFreyistata.
Akwandi nani labantu nje kuphela, kodwa ngokuya abathengi besiba nemali iyatshintsha nendlela yokutya.
Abathengi abanemali bakhetha ukutya inyama ebomvu, loo nto ithetha ukuba kufuneka umbona omninzi ukuze kondliwe iinkomo ukuhlangabezana nezo mfuno.
KWELI kukho nombandela omawuqwalaselwe malunga nokonyuka kwamaxabiso okutya: ukubuyiselwa kwemihlaba.
UBotha uthi iingxelo ezisuka kwii-ofisi kamasipala waseLimpopo zakutshanje zithi eli phondo seliqalile ukungcamla iziphumo ezikrakra zokwabiwa ngokutsha kwemihlaba.
"Iimveliso zolimo zehle zaya kuma kuma-50% kwaye oku kungenxa yokwabiwa ngokutsha kwemihlaba."
"Kodwa ke kubalulekile ukuba siqonde ukuba ingxaki ayikokwabiwa kwemihlaba," utsho.
Iingxaki ziqala xa abantu ababuyiselwe umhlaba benganikwa nkxaso wakube umhlaba ungakubo.
"Oku akubalungeli kuba abakwazi ukulima bavune okubonakalayo ngaphandle kokuncedwa," utsho uBotha.
Abakudingayo ziinkonzo eziza kubanceda, nolwazi lwendlela yokulima nokuphatha.
Akunakuvele kunikiswe nje ngomhlaba. Kwiminyaka eli-15 edlulileyo bangama-15 000 abalimi abayekileyo ukushishina ngolimo, uyongeza uNjing. Willemse.
Sithetha nje abalimi bangama-40 000 kweli - sakuba nengxaki ukuba singaphulukana nabanye. Imveliso yokutya iza kutshabalala.
Urhulumente makaqwalasele indlela ilizwe laseChina elenza ngayo, utsho Willemse.
Urhulumente waseChina ufudusa abalimi basezilalini abazilimela bona ubasa ezidolophini abanike imisebenzi. Ukuze umhlaba lowo usetyenziselwe ukuvelisa ukutya kwelizwe. Iziphumo zoko kukutya okugcwalis' iivenkile namaxabiso aphantsi.
YINTONI enye engenziwa? Simise amaxabiso? Hayi, utsho u-Ernst Janovsky, oyintloko yecandelo loshishino lolimo kwa-ABSA. "Yingozi leyo kuqoqosho.Abalimi baza kuyeka ukulima kuba akuzukubakho ngeniso ze ke ngoku kunqongophale ukutya - yimeko esimelukuba singazikhathazi ngayo okwangoku."
"Ukumisa amaxabiso ndawonye yeyona nto imbi kwezingenziwa," uyongeza u-Louw Steytler we-Agri Free State. "Ndiyavelana nabantu abachitha phantse wonke umvuzo wabo ekutyeni, kodwa masicinge ngeziny' izisombululo," utsho.
Inyaniso kukuba sinye isisombululo sale ngxaki yamaxabiso okutya axhomileyo. Abalimi beli mabavelise ukutya ngakumbi. Akuyonto ilula le.
Okokuqala nje, kufuneka kufakwe imali kwezolimo - kwaye ibanki yehlabathi itshilo ukuba akwenzeki oku kumazwe asakhulayo.
Okwesibini, xa kuxhaswa ezolimo ngemali kukwathetha ukuba urhulumente makaxhase ngakumbi uphando oluza kuphucula kwakhona imeko yezolimo kweli.
Kuza kubanzima nkqu ukuziphilisa kumafama kumaxesha onyaka okulima ezayo, kukodwa ke ngoku ukuzama ukwandisa imveliso ulumkise watsho uLindie Botha we-Agricultural Business Chamber.
Ukuba ukulima amasimi kuyaphuculwa abalimi baza kuba nesivuno esihle. Uthi umbona kokunye kokutya okubalulekileyo okudinga uphando olunzulu kuba ayikokutya nje kwabantu kuphela, kodwa nezilwanyana ziyawutya. Iinkomo neenkukhu zixhomekeke emboneni kwaye ukuba umbona unqongophele, ukondla imfuyo kuza kuxhoma ngexabiso.
Loo nto ke yonyuse ixabiso lenyama.
Ukuxhaswa kwezolimo kuphinde kuthethe ukuba urhulumente ufanele afake isandla ekuphuculweni kwendlela zeli, ingakumbi ezilalini.
Umzekelo oku kungawehlisa ngamandla amaxabiso afana nelesonka.
"Ama-37% kwixabiso lelofu yesonka ziindleko zokusithutha. Ukuba urhulumente angalungisa imizila yoololiwe angehla amaxabiso aziindleko kubalimi nabathengi," utsho uBotha.
XA SIQWELA masigqibele ngeendaba ezincumisayo, noxa le ngxaki yokutya ikhona kwaye idinga ukuqwalaselwa ngokukhawuleza - yaye nebhanki yehlabathi isithi la maxabiso axhomileyo asezakubanje nakwiminyaka esi-7 ukuya kwezi-8 ezayo - uBotha uyasiqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika awukabikho sengozini yokuphelelwa kukutya okwangoku.
Eli lizwe lilindele i-11 lezigidi zeetoni kwisivuno sombona - esi sivuno sandile xa usithelekisa nesi-6 sezigidi zeetoni zonyaka ophelileyo.
"Abalimi beli loMzantsi Afrika bayasihlangula," utsho uBotha. [x]
1 ILITHA YEPETROLI
750ml YECOOKING OIL
6 AMAQANDA AMAKHULU
ILOFU YESONKA ESIMDAKA
Jonga ngezantsi indlela ukutya okuyimfuneko nelamafutha ezithuthi elinyuke ngayo kubomi bomfundi wematriki.
1 ILITHA YOBISI
BONA XHOSA July 2008
1kg YERAYISI
ABAZOBI: PATRICIA McCRACKEN & KYLE YOUNG
kwixabiso lelofu yesonka ziindleko zokusithutha
IZITAMPU ZOKUTYA
Enye yeendlela zokuhlangabezana nabantu abangathathi-ntweni zizitampu zokutya nezibonelelo zokutya.
U-Ernst Janovsky wase-ABSA ukholelwa ukuba le yimbono entle, xa isenziwa ngendlela.
Uthi enye indlela ekungenziwa ngayo kukudibanisa ezi zibonelelo zokutya negranti yabantwana. "Abantu ebebesele befumana izibonelelo zemali baza kuzidinga nezokutya," utsho.
UTobias Doyer oyintloko yoshishino lolimo eSantam uyangqina ukuba izitampu zokutya yimbono entle.
Kodwa ke, uyalumkisa ukuba akuyondlela intle xa ulungiselela ixesha elide kuba ungazibona sele uxhomekeke kuyo.
"Ewe simelwe kukubanceda abahluphekileyo, kodwa masingabahluthi ithuba labo lokuzivelisela okwabo ukutya. Kodwa amahlwempu angenanto ngawona angcungcuthekayo kwaye kufanele kwenziwe into ngaloo nto.
"Ukuba usebenzisa ama-50% omvuzo wakho ekutyeni kuze ukutya kunyuke ngama-50% awusenako ukuzondla kwaphela," utsho uDoyer.
