xhosa.1437.letters
Bhotani bahlobo
Kwiinyanga ezimbalwa ezidlulilleyo kwabakho indibano yamabhinqa yasebusuku emzini womhlobo wam. Omny' umhlobo wathi xa esela iglasi yewayini, intombi yakhe yambuza ukuba usela "iyeza" lakhe kwakhona na.
Kaloku wayekhe wayiqhatha intombi yakhe wathi usela iyeza xa esela iglasi yewayini yePinotage.
Oko kundenze ndacinga ukuba: Ingaba yinto embi ukusel' utywala kukamama phambi komntwana wakhe? Kwikhasi lama-30 sizam' ukuphendula loo mbuzo.
Luthini uluvo lwakho ngalo mba? Sibhalele okanye usithumelele i-SMS kuba inkulu impikiswano ngawo.
Kumhlathi wethu Wamayez' esintu kwikhasi lama-83 sithetha ngendlela yokwamkel' igama "elibi" owalithiywa emva kokuzalwa.
Baninzi abantu abanagama angooGwababa, ooNontsokolo okanye ooDikeledi abangonwabanga nabacing' ukuba amagama abo abenza bangazithembi okanye achaphazela indlela abantu ababaphatha ngayo.
Nam ndandingalithandi igama lam lesikolo nangona "lalingalibanga". Kwiminyaka eli-12 yokufunda kwam ndandibizwa ngoMarjorie!
Ngethamsanqa ndafumana ithuba lokulisusa elo gama ndakupasa imatriki kwaye ngoku ndisebenzisa igama lam lenkobe.
Sicela usixelele nawe xa unegama ongalithandiyo - usenokufumana ukuba alilibanga njengokuba ucinga.
De kube yinyanga ezayo!
Nisikeleleke,
IILETA ZENU
Sbu
Mpungose
Ileta egqwesileyo
SIBHALELE IIMBONO ZAKHO
Iileta Eziya kuMhleli, Box 32083, Mobeni, 4060
fax: 031-912-2720 e-mail: bona@dbn.caxton.co.za
Ungalisebenzisa igama elingelilo elokwenyani, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi. Izimvo ezikweli khasi zezabafundi, ayizozethu kwaye lilungelo lethu ukuzihlela iileta esizikhuphayo.
I NTO endiyiqapheleyo kutshanje kukuba abazali bawulahlile umsebenzi abawunikwa nguThixo wokukhulisa abantwana babo nokuqinisekisa ukuba bakhula babe ziinkokeli zangomso ezikwaziyo okulindelwe kuzo.
Kule mihla ubona imveku ene-12 leminyaka inxile ingazazi negama layo ihamba esitratweni, abantu abadala bayibethise ngoyaba loo nto.
Yayaphi intetho eyayisithi: "Abantwana bakho ngabam, nabam ikwangabakho, ngoko masibakhulise kunye"?
Kuyenzeka naxa uzihambela ubethwa ngumoya, uze ubone isimanga senkwenkwe ene-15 leminyaka isel' utywala abazali bayo beyibukele.
Eyona nto ibuhlungu ngokusel' utywala kwabantwana bebancinci kukuba bonakalisa iiseli ezithile zobuchopho. Singalindela njani ke ukuba obo buchopho bukhuphe oogqirha neenjineli.
Wonk' umntu uthi "ulutsha lulingomso lethu" - ingaba oko kusenjalo nakulutsha lwale mihla?
Kucacile ukuba uninzi
lwalo alukhathali ngengomso!
Ndingumntu osemtsha onqwenela ukubona
abazali betshintsha indlela abakubona ngayo ukuqeqeshwa kwabantwana.
nguMankgele Mahlatse, eRiba Cross
Khawuzicinge uvakalisa zonke iimvakalelo zakho ngeSamsung M620. AbakwaNashua Mobile bakunika iindlela zokuqhagamshelana nabantu ngeemveliso neenkonzo zeeselfowuni.
Ngeziny' iinkcukacha fowunela ku-0861-531-531 okanye uye ku-www.nashuamobile.co.za
IINGCEBISO ZOLUTSHA
Umbhali weleta egqwesileyo kule nyanga uya kuzuza iSamsung M620 from Nashua Mobile
exabisa i-R1 200
UKUFUNDA yeyona ndlela iyiyo yokuzenzel' ingomso eliqaqambileyo. Impumelelo awuyifumani ngokuba mhle okanye ngokunxiba impahla entle. Impumelelo ixhomekeke ekubeni ungumntu onjani nakwindlela oziphethe ngayo.
Esikolweni kulapho kulungiswa khona isimilo sakho.
nguLebogang Mpudi, KwaXuma
YIBA NESIMILO. Cinga ngokwakho. Yenza okulungileyo kuphela. Yithande into oyenzayo yaye ungachith' ixesha. La ngamanqwanqwa eleli ekusingisa kubomi bempumelelo.
nguBK, eSoweto
IMFUNDO isisitshixo sempumelelo. Akuyonto xa ungafundanga. Funda ukulwa nobuvila, uyeke nokuzithethelela - ingomso lakho lisezandleni zakho. Ukuze uphile njengekumkani, kufuneka usebenze njengekhoboka!
nguRantlo Mlangeni, eSebokeng
ULUTSHA lwakowethu lufanele lwamkele oko abazali abanamandla ako luyeke ukufuna izinto ezingaphezulu kwamandla abo.
Imfundo iphambili kunempahla entle!
Yaneliswa kokuphiwa ngabazali yaye ubabulele ngoku usenako.
nguMBM, eWelkom
Ngoobani ingomso?
Ulutsha lwethu luyatshabalala ngenxa yokulathiswa indlela ngabazali
Akahlonitshwa amabhinqa
Ndandisoloko ndicing' ukuba amadoda adalelwa ukukhusela isizwe, kodwa ngathi izinto zatshintsha. Amadoda ayefudula ewahlonipha yaye ewakhusela amabhinqa, kodwa ngoku akusenjalo. Nkqu nabantwana abakhuselekanga.
Mlisela wakowethu masisebenzisane yaye sisebenze nzima. Sityhefa isizwe sakowethu ngokuziphatha ngolu hlobo.
nguNkululeko Shabangu, eNcome Prison
Uzibona namhlanje, zithi shwaka ngomso
Ndifun' ukuvakalisa imbono yam ngeenkokeli zethu zepolitiki. Ziyeza kuthi xa zisafuna sizivotele, zize ziphel' emehlweni emva kokuba sizivotele. Bayandikhathaza nabantu abanikwa imisebenzi baze bangayenzi kakuhle. Urhulumente wethu makasebenzisane nabantu ekwakheni ilizwe elibhetele.
nguBrian Langa, eMlazi
Ukumelana nokuswelekelwa
Enkosi ngenqaku elithi Ukumelana nokuswelekelwa eliphume kushicilelo lukaDisemba 2008. NgoDisemba abantu baba semoyeni weholide, belindel' imini yeKrismesi, kodwa kukho nabangalithandiyo elo xesha lonyaka!
Ebantwini abaninzi uDisemba yinyanga yoxinzelelo. Inqaku lenu libancedile abo bebeshiywe zizihlobo nezalamane kwaye bengakwazi ukujongana nentlungu yabo ngeli xesha leholide!
Kwabo bashiywe zizihlobo ndibacebisa ukuba bagcine ibhokisana yesikhumbuzo saloo mntu uswelekileyo. Kuyo bangafaka iifoto, iileta kunye nayo nantoni na loo mntu obeyithanda. Bangaba namaxesha okuyivula loo bhokisana nabanye abantu ebebemthanda ukuze babuke ezo zinto xa bemkhumbula.
Ndiyathemba loo bhokisana ingabanceda ekupheliseni intlungu yabo. Kaloku masikhumbule ukuba kukho ubomi emva kokufa, ngoko masazi ukuba abantu esibathandayo baphila kunye nathi ngokomoya nasemva kokuba belishiyile eli phakade.
ngu-E Conradie, ePitoli
