xhosa.2460.computers
Yazi inkqubo ekufaneleyo!
BONA XHOSA - March 2007
Ukuthenga ikhompyutha
NGABA awuzazi iikhompyutha" Ngaba la magama asetyenziswa kwiikhompyutha ayakubhidisa" Ungakhathazeki wena akukho nzima kangako yaye kufuneka kungakuxhalabisi ukuzingela ikhompyutha oza kuyithenga
Ukutheng' ikhompyutha ekulungeleyo
Inyathelo lokuqala lokwazi ukuba yiyiphi ikhompyutha ekufaneleyo kukwazi ukuba uyifunela ntoni na.
Ngaba uza kwenza ngayo umsebenzi wakho, uza kudlala ngayo (imidlalo, umculo okanye uyifunela iInternet), iza kunceda abantwana bakho kwizifundo zabo okanye ufuna ukwenza imifanekiso noshicilelo ngayo"
Ngaba uza kuyisebenzisela iInternet nokuthumela nokuthunyelelwa kuyo ii-e-mail"
Xa sele uyazi into oyifunela yona ikhompyutha jonga inkqubo ekufuneka uyisebenzise kwezi njongo zakho kwanokuba ziziphi izixhobo oza kuzisebenzisa kunye nale nkqubo.
Thenga ikhompyutha elingeneyo xa uza kuchwetheza kuyo, xa uza kufundisa abantwana ngayo, uza kwenza umsebenzi ekhaya, uza kusebenzisa iInternet okanye uthumelele abahlobo bakho ii-e-mail.
Xa ufuna ukuqhuba ishishini kufuneka uthenge ikhompyutha enamandla.
Theng' ikhompyutha entsha
Sele zifikeleleka ngoku iikhompyutha ezintsha ngoko kubhetele uthenge entsha. Xa intsha iza kuhlal' ixesha elide yaye iza kusebenza kakuhle.
Kubalulekile ukuba xa utheng' ikhompyutha uyithenge kwinkampani eyaziwayo yaye ibe negaranti (igaranti mayibe ngunyaka ubuncinane) nekunik' inkxaso nasemva kokuba uthengile kuyo.
Iingcali zeekhompyutha zikutyabul' imali enkulu xa zikulungisel' ikhompyutha kungoko kubalulekile ukuba igaranti yekhompyutha ibe ngunyaka.
Uninzi lweekhompyutha zinenkqubo yokuzisebenzisa ezifana neWindows XP. Ezinye zihambisana neenkqubo zazo ngoko jongisisa ngaphambi kokuba uthenge.
Inkqubo nezixhobo
Izixhobo zekhompyutha zezi zinto ziphathekayo ezifana nekeyboard, imouse, imonitor, iprinter njalo-njalo.
Yikhompyutha buqu.
Iinkqubo ezisetyenziswa kwikhompyutha ezifana neWindows, imidlalo, iWordPerfect, ziyinkqubo yekhompyutha.
Izixhobo azitshintshi ukanti yona inkqubo iyahluka.
Iikhompyutha azikwazi ukuzenzela izinto koko ziyayalelwa izinto emazizenze ngokweenkqubo zazo. Inkqubo yekhompyutha singayifanisa nemiyalelo eyalela ikhompyutha into emayiyenze.
Inkqubo yekhompyutha ebaluleke kakhulu yileyo yokusebenza kwekhompyutha (operating system). Xa ingekho ayisebenzi ikhompyutha. Eyona yaziwayo yiWindows efakwa kwikhompyutha yakho ngaphambi kokuba uyithenge.
I-Internet
NgeInternet ufikelela kwihlabathi liphela!
Ufumana ulwazi oluthe gabalala ngayo nantoni na oyifunayo. Uyakwazi ukuhlawula amatyala akho, uthenge amatikiti, ubhanke wenze neziny' izinto eziliqela ngeInternet.
Nge-email uqhagamshelana nosapho nabahlobo bakho abakude nabakufuphi nawe, iyakhawuleza yaye ixabiso layo lilingana nelomnxeba.
Ikunceda ukwazi ukuthumela nokufumana iifoto neziny' izinto ezibalulekileyo.
Abantu abasebenzis' iInternet ungabeva besithi abaziboni bephila ngaphandle kwayo.
Xa utheng' ikhompyutha uyayifumana nenkqubo ye-e-mail.
Ukusebenzisa iInternet
Ukuze ukwazi ukusebenzisa iInternet kufuneka ube nekhompyutha, imodem neWeb Browser efana neMicrosoft Internet Explorer. Kufuneka urhumele iInternet Service Provider (ISP). (I-ISP yinkampani enika abantu neenkampani iInternet. Umntu ngamnye orhumayo uhlawula imali qho ngenyanga ukuze aqhubeke nokusebenzisa iInternet.) [x]
Xa ufuna ukuthenga ikhompyutha uze nawe ube yinxalenye yezigidi zabantu abaneInternet kufuneka uzixhobise kangangoko unako ngolwazi ngaphambi kokuthenga ikhompyutha...
kubhale uGRACE KHUZWAYO
Ukukhuselwa kwevirusi
Iivirusi ziinkqubo eziveliswa ngabantu abangalunganga ngenjongo yokuphazamisa ukusebenza kweekhompyutha. Ezinye iivirusi zenza omkhulu umonakalo zosule okanye zilahle iifayili ezibalulekileyo kwikhompyutha. Iivirusi zisasazwa ngamakhasi athile eWeb, ngee-e-mail ezifakwe ivirusi nangokufaka iidiski ezinevirusi kwikhompyutha. Ukuze ukhusele ikhompyutha yakho kwivirusi kufuneka ufake inkqubo elwa nevirusi neza kuhlola zonke iifayili zakho kwikhompyutha ize iyikhuphe ivirusi eyifumanayo.
Iingxaki Zomthetho
Thumel' ingxaki yakho yomthetho kule dilesi BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama-30 kwii-ofisi zalo naphi na kweli okanye uthethe nalo ngomnxeba.
Uxinzelelo emsebenzini
INGXAKI: Umlawuli wam emsebenzini usoloko endingxolisa. Ndicele ilungu elimele umbutho wabasebenzi ukuba lithethe naye kodwa loyisakala ukumcenga ukuba athethe kakuhle nam. Ndifun' ukuyeka emsebenzini kuba ndiphil' ubomi bentshontsho. Ingxaki kukuba ndiyayifun' imali.
Ummeli wombutho undixelele ukuba umlawuli wam ugrogrise ngokundigxotha kuba olu xinzelelo ndikhala ngalo lwenza ndingawenzi kakuhle umsebenzi wam! Ndithini"
ICEBISO LAKWASCORPION: Xa ushiya emsebenzini ngoku kuza kufuneka ushiye ngenxa yento ebizwa ngokuba "kukukhokelelwa ekushiyeni emsebenzini." ILabour Relations Act iyichaza ngolu hlobo "ukushiya emsebenzini ngenxa yokuphathwa kakubi ngumqeshi."
Kufuneka ubungqina bokuba ngenene umqeshi uyenze yaba maxongo imeko yokusebenza yaye awunacembo limbi ngaphandle kokuba ushiye emsebenzini.
Bhalela umqeshi wakho ileta uxele iingxaki zakho, amanyathelo owathabathileyo nombutho wabasebenzi ukuzama ukufumana isisombululo kule ngxaki.
Kufuneka umnike ixesha ukuze athabathe amanyathelo afanelekileyo ukulungisa le ngxaki yakho nomlawuli wakho. Mxelele umqeshi wakho ukuba uza kushiya emsebenzini xa ingalungiswa le ngxaki kwiintsuku ezintathu ubuncinane uza kunyanzeleka ukuba ushiye emsebenzini ngenxa yokuphathwa kakubi ngumlawuli wakho.
Kubalulekile ukuba ubonise ukuba uzame ngako konke okusemandleni akho ukuyisombulula le ngxaki. Ungabonisa nokuba ubonene nomanejala wemicimbi yabasebenzi okanye nengqonyela yenkampani ukuzama isisombululo yaye sikucebisa ukuba ubonane naba bantu ngaphambi kokufak' isicelo sokushiy' emsebenzini.
Abaqeshi banyanzelekile ukuba bazilumkele izinto ezenza abasebenzi babe noxinzelelo oluza kubachaphazela emsebenzini.
Umthetho uthi umqeshi makamphandisise unobangela woxinzelelo kubaqeshwa. Xa kufumaniseka ukuba uxinzelelo awunako ukuluthintela kodwa abasemagunyeni bangaluthintela (njengomlawuli okuphatha kakubi) umqeshi uyanyanzelwa ngumthetho ukuba ayisombulule ingxaki ngaphambi kokugqiba kwelokuba awukwazi ukuwenz' umsebenzi.
Xa ungalifumani igqwetha okanye umnxulumanisi wemisebenzi qhagamshelana ne-ofisi yeScorpion siza kukunceda ufumane umntu oza kukumela. [x]
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ke ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
BONA XHOSA - March 2007
OFOTIWEYO UYABONISA NJE
