xhosa.2457.health
Olu hlobo lomhlaza lolona
lunyangekayo kwiintlobo zomhlaza ezikhoyo - xa ukhawuleze wabonwa waza wanyangwa ngokukhawuleza... Kubhale u-Isaac Kwela
AMANDLA EMPILO
KWABASETYHINI amagama athi "umhlaza webele" azisa uloyiko olukhulu. Kodwa emadodeni "ngumhlaza wamatapile" owoyikisayo. Noxa lo mhlaza wamatapile uvakala usothusa nje umahluko kukuba wona uchaphazela indoda enye kwangama-250 - kwaye ngowona mhlaza unyangekayo kwiintlobo zemihlaza ezikhoyo.
Kodwa ke kufuneka indoda isoloko ikulumkele okwenzeka "ezantsi phaya." Kaloku kunyanisiwe xa kusithiwa indoda yindoda ngamalungu obudoda bayo. Ngoko zivavanye...
Uyintoni
Xa kubekwa ngokucacileyo, umhlaza wamatapile ziiseli ezingalunganga, ezinomhlaza, ezikhula zande ematapileni akho.
Unobangela awaziwa ncam. Kodwa ke kukholeleka ukuba abantu abanentsholongane iHIV kwaye/okanye xa kuke kwakho ilungu losapho lakho elakhe lanomhlaza wamatapile unguyena usemngciphekweni. Kanti ke, akukho nto idibanisa uqhaqho lokuvala inzalo ebudodeni (olubizwa ngokuba yivasektomi) nokwanda kobungozi bokuba nalo mhlaza.
Kodwa ke, esi sifo singachaphazela nayiphi na indoda. Noxa umhlaza wamatapile uthatha i-1% kwiintlobo zomhlaza ezichaphazela amadoda, ngowona mhlaza uxhaphakileyo kumadoda aphakathi kweminyaka eli-15 nama-40.
Zivavanye
Njengoko umhlaza wamatapile unako ukunyangeka ngokupheleleyo xa ufunyaniswe usemtsha, iingcali zicebisa ukuba uzivavanye ngokwakho rhoqo ngenyanga emva kokuhlamba ngamanzi ashushu. Kaloku ngeli xesha isingxobo samatapile akho sukuba sisewaku-waku.
Eyona nto oyijongayo liqhuma elimile njenge-ertyisi.
Kwakhona: ingaba itapile lonke livakala njengeqhuma eliqinileyo kwaye livakala linamaqhuma xa ulibamba?
Itapile elinesilonda lingadumba libe nobukhulu obuphindaphindwe kathathu, ngelixa elinye itapile linciphile, ngenxa yesi silonda esithathela ubuninzi begazi liye esingxotyeni samatapile.
Ezinye iimpawu zesi sifo ziquka: iintluku ezingephi kumazantsi esisu okanye ecaleni kufutshane nobudoda; igazi kwincindi yobudoda; kunye nokuziva usoloko udiniwe.
Unyango
Ukuba kukho into ongayiqondiyo, yiya kugqirha okanye eklinikhi ngokukhawuleza! Musa ukulibazisa! Musa ukumane uziqhatha usithi ezi mpawu ziza kuziphelela! Ukuya kwagqirha akuzukwenza ube naso isifo nokuba besingekho!
Qina isibindi uye kwangoko kuba ukuba uyalinda uza kuzenzela enkulu ingxaki.
Sikugxininisa nje oku kukuba ukusinyanga esi sifo kuvakala kusoyikeka kunokuba kunjalo. Kaloku ukuba unawo umhlaza wamatapile, kuza kufuneka elo tapile lisusiwe.
Ukuba lo mhlaza uyakhawuleza ukunyangeka, uyakhawuleza nokunwenwa. Okunye kukuba, ukususa isilonda kuphela akuzukuzitshabalalisa iiseli "ezingalunganga" ezisenokuba zifihlakele ematapileni.
Ngoko ke licebo ukulisusa lonke itapile ukunqanda ukuvela kwesinye isilonda - nokunwenwa komhlaza.
Olu qhaqho lubizwa ngokuba yi-inguinal orchiectomy - nokwenza woyikise ngakumbi - kodwa inyaniso kukuba, linye itapile olidingayo xa ufuna inzalo, neminye imisebenzi yelungu lobudoda.
Emva koqhaqho - kuxhomekeke nakwinqanaba obhaqwe ukulo umhlaza lowo - kungakho imfuneko yonyango lwamaza ombane (iradiation therapy) kunye nonyango lwamayeza (ichemotherapy). Kodwa emva koko akukho sizathu esingenza ungabonwabeli ubomi - okanye ke masithi mancinane amathuba okuba esi sifo singaphinde sivele "emazantsi apho" - kwaye yiba nabo noba bangaphi abantwana.
Okokugqibela...
Ukuba awunyangwa umhlaza wamatapile uza kunwenwela kwezinye iindawo zomzimba kwaye uza kukubulala. Uza kungcungcutheka ngaphezulu kokususwa itapile elinye. Masiyibethelele kwakhona into yokuba xa kukho into
oyikrokrelayo yiya kwiingcaphephe zezempilo.
Kwaye uqhube ngokuzivavanya! [x]
Xa ufuna ulwazi oluthe vetshe
Xa ufuna iingcebiso ezivakalayo nezikunika isikhokelo esisiso kwi-intanethi yiya ku-checkemlads.com. Igama lale Website lithi zivavanye - nekuyiyona nto ifunekayo.
BONA XHOSA September 2008
Umhlaza wamatapile
Ngo-1996 umhlaza wamatapile kaLance Armstrong wawusele unwenile - ukwinqanaba lesibini - sele usengqondweni nasemiphungeni. Siyingozi esi sifo xa singanyangwa. Unyango lwakhe lwaluquka utyando lwengqondo nolwamatapile nonyango lwamayeza oluphezulu, intelekelelo yokuza kwenzeka ayibangantle kwaphela. Kodwa wasinda kwaye waphumelela neTour de France esophula irekhodi yokuphumelela olu gqatso iminyaka esixhenxe ilandelelana, ukusukela ngo-1999 ukuya ku-2005 - waza waba sisithethi esihloniphekileyo kwiphulo elikhuthaza abantu ngokubona umhlaza wamatapile ngokukhawuleza ukuze unyangwe kusekutsha.
1. MUSA UKUSEBENZISA AMAYEZA AMADALA
Oogqirha bakunika amayeza afanele eso sigulo ngelo xesha - umzekelo iyeza lokhohlo-khohlo olomileyo alifani neyeza lokhohlo-khohlo olunezikhohlela. Ngoko ke awunakuthatha naliphi na iyeza onalo lokukhohlela kuba uvukwa lukhohlo-khohlo, umkhuhlane kungenjalo irashi.
Njengokutya amayeza amadala emva kwexesha elithile. Amanye akasebenzi xa ephelelwe lixesha.
2. WALAHLE RHOQO AMAYEZA AMADALA
Yijong' imihla aphelelwa ngayo amayeza ubuncinane kanye ngonyaka, ulahle aphelelweyo. Ukuba iyeza alinamhla ubhaliweyo eliphelelwa ngawo kwaye sele lineenyanga ezi-6 lihleli, lilahle.
Sebenzisa izinto ezifana nezitya ze-ayisikhrim ukohlula amayeza oncedo lokuqala, ezigulo ezingapheliyo asetyenziswa rhoqo ngomnye welungu losapho ukuya kwasetyenziswa kanye. Ukuze kube lula ukuwafumana naphelelweyo.
3. WALAHLE KWINDAWO EKHUSELEKILEYO AMAYEZA
ULorraine Osman wePharmaceutical Society Of SA uthi siyibonile ingxaki yenkunkuma yezibhedlela elahlwa nje kwiindawo zenkunkuma ezifikelelekayo - kodwa abathengi mabangabi ngunobangela wengxaki mababe yinxalenye yesisombululo. Ngoko amayeza ofuna ukuwalahla wase kwivenkile yamayeza ekufutshane kuwe ukuze alahlwe ngendlela ekhuselekileyo nesemthethweni.
Musa ukuziflasha kwindlu yangasese iipilisi ezindala, amayeza nezinye izinto ezifana neenaliti ezisetyenziselwa i-insulin. Ungawachithi edreyinini amayeza - okanye usuke uwalahle nje nenkunkuma yasendlwini - kuba yonke le nto ingcolisa amanzi ethu esiwafumanayo, izityalo esizityalayo, iintlanzi esizilobayo, nkqu nomoya esiwuphefumlayo kuba iindawo zethu ezicoca amanzi azenzelwanga ukucoca ukungcola kwamayeza. Ngale ndlela amayeza agqibela kwilindle lethu okanye kumhlaba wokufihl' inkunkuma.
Patricia McCracken [x]
XA UFUNA ULWAZI OLUTHE VETSHE
Funda amaphepha-ndaba asekuhlaleni kwiveki ebekelwe bucala ukujongana nezamayeza ekuthiwa yiPharmacy Week engomhla woku-1 ukuya kowesi-7 kuSeptemba 2008.
Iindlela zokuzikhusela emayezeni
BONA XHOSA September 2008
AMANDLA ABATHENGI
INYANISO: Uninzi lwemijelo yamanzi ifumaniseke inokungcola kwamayeza xa ivavanywa, kunye namadlala enzalo, oku kufunyaniswe kuphando olwenziwe ngabase-US kunyaka ka-2002. Inzalo eneziphene iboniwe kwiintlanzi, nomehluko kwinani lenkunzi xa zithelekiswa neemazi zazo. Kodwa asikayazi indlela abantu abachaphazeleka ngayo.
