xhosa.2449.soccer homecoming
BANINZI abadlali baseMzantsi Afrika ebebedlala phesheya ababuyileyo kutshanje bazodlalel' amaqela ePremier Soccer League. Phakathi kwabo singabalula uKatlego Mphela weSupersport United, uJosta Dladla noDillon Sheppard beMamelodi Sundowns.
Yintoni bethu ebenza babuyel' ekhaya"
UJosta Dladla uthi wabuyiswa kukuba kwakufuneka akhethe phakathi kokudlalel' iAGF Aarhus yaseDenmark okanye iBafana Bafana.
"Ndandingabizwa kwiqela lelizwe nangona ndandidlala kakuhle kwiAGF Aarhus. Mhlawumbi oko kwakusenziwa kukuba likude ilizwe endandidlala kulo," utshilo.
"Ndacinga ukuba mhlawumbi ukubuyel' ekhaya kuza kundenza ndibonwe ngabaqeqeshi beBafana Bafana."
Nangona uDladla ebe nendyweba yokukhetha ekubeni adlale phesheya na nokuba abuyele eMzantsi Afrika, akukhange kubenjalo kuDillon Sheppard noKatlego Mphela.
"Ndaba neengxaki nabanini beqela lePanionios yaseGreece ebendiyidlalela," utshilo uSheppard.
"Andizange ndamkeliswe umvuzo wam iinyanga ezimbini kwaza kwafuneka ndiqwalasele imeko yam yemali. Ndaqonda nokuba ukubuyel' ekhaya kuza kuvuselela ibhola yam."
Emva koko wenzakala waza wangadlali rhoqo.
"Ndabuya ndafika ndaziqeqesha neSundowns."
UMphela yena obedlalela iBrusburg yaseFrance ngelo xesha ube neengxaki nabaphathi beqela lakhe.
"Ndabona ngathi umqeqeshi akandithandi kuba ubengandidlalisi.Ndacela kubaphathi beqela ukuba babolekise ngam kwiSupersport United kuba ndandifuna iqela eliza kundidlalisa," utshilo uMphela
Nangona zingazange zimhambele kakuhle izinto uSheppard eGreece, uthi akazisoli ngokuya kudlala khona. "Ukudlala phesheya kuwuphucule umdlalo wam," utshilo.
NoDladla uyavumelana naye. "Phesheya kusetyenziswa namandla emdlalweni. Ndafika khona ndaqonda ukuba kufuneka ndijime ukuze umzimba wam womelele."
UMphela uthi wancedwa kukuqale adlale kwiqela elincinane leBrusburg. "Oko kwandinik' ithuba lokuba ndiphucul' ukomelela komzimba wam," utsho.
Ngoku aba badlali bafun' ukufundis' abanye izinto abazifunde phesheya.
"Abadlali baseMzantsi Afrika banobuchule ngaphezu kwabadlali baseYurophu, kodwa ingxaki yabo abakwazi ukuziphatha, kwaye oko kuboniswa yindlela esingakwazi ngayo ukudifenda iifreekick."
UDladla uyamngqinela. "Ndingathi nje abadlali baseYurophu banxanelwe impumelelo ngaphezu kwethu.
"Ngokomzekelo ndahamba kweli ndingumdlali waphambili ohlaselayo, ndingakwazi ukubuya ndizokuncedisa abadlali basemva yakuphuncuk' ibhola.
"Ukudlala phesheya kwandifundisa ukuba ngumdlali opheleleyo. Ngoku xa ndiphulukana nebhola ndiyabuya ndizokuncedisa emva."
Nangona kunjalo ibhola yeli iya kusoloko inomahluko.
"Kufuneka sidibanise ubuchule bethu nokuziphatha kwabadlali baseYurophu.
"Singakwenza oko, ingakumbi njengokuba abanye bethu bekhe badlal' eYurophu.
"Oko kungasenza sikwazi ukuwabetha amaqela aphesheya naphambili aseAfrika xa sidibanise okwabo nokwethu," uhambise watsho uDladla.
UMphela uthi amava awafumene phesheya sele ebonakala. "Ndineenyanga ezili-18 kuphela ndidlala kwiPSL kodwa sendifake amanqaku ali-10."
Ukhuthaze abadlali abaselula ukuba bawasebenzise ngokukuko amathub' okudlala phesheya.
"Xa ungumdlali wodidi lwabahlawulwayo kufuneka uyazi indlela yokuziphatha ebaleni nangaphandle kwebala. Yiloo nto kanye esiyifunde xa besidlala phesheya," utshilo uDladla.
Uza kuxhoma nangakumbi umgangatho webhola kweli njengokuba besanda abadlali ebebedlala phesheya ababuyayo. Ingakumbi xa sinokukwazi ukudibanisa okwenziwa ebholeni yaseYurophu netalente entle yabadlali beli. [x]
BONA XHOSA - December 2006
UDillon Sheppard.
Okwenza abadlali bebhola
Okutsha ebholeni yeli
babuyel' ekhaya
Bahamba
bayodlala phesheya, ngoku babuyile basebenzisa amava abawafumeneyo
kubhale uTEDDY GOMBA
kufote abeTOUCHLINE PHOTO
UKatlego Mphela.
UJosta Dladla.
BONA XHOSA - December 2006
