xhosa.2444.junk
ZIZA kupheliswa iibhega nezimuncu-muncu zabantwana ezihamba nezinto zokudlala ezithandwayo ngabantwana nezophuka msinyane.
Urhulumente uceba ukukuphelisa ukuthengiswa kweebhega ezihamba nezinto zokudlala neebhokisi ezinezinto eziswiti kwaneentengiso zokutya okungenampilo kwiivenkile ezisezikolweni.
Injongo yezihlomelo zomthetho weFoodstuff, Cosmetic And Disinfectants Act Of 1972 ezipapashwe ngoJulayi walo nyaka kukuphelisa iintengiso zokutya okungenampilo ezijoliswe ebantwaneni. IMedical Research Council ithi ukutyeba kwabantu beloMzantsi Afrika nokwanda kwenani labantwana abatyebileyo kuyingxaki yempilo yelizwe lethu.
Lo mthetho mtsha uza kubhangisa iintengiso ezihenda abathengi ukuze batye ukutya athi urhulumente akunampilo.
Ukutya okuthatyathwa njengokungenampilo kuquka "ukutya okuthengwa sele kuvuthiwe," iiswiti, iikeyiki, iisiriyeli eziswiti, iziselo ezihlwahlwazayo neziselo zemidlalo.
Iintengiso zezi ndidi zokutya kufuneka zingabhengezwa ebantwaneni abangaphantsi kweminyaka eli-16 - ezikolweni, ekhreshi nakwiituck shop.
Ezi mveliso zokutya kufuneka zibhalwe imibhalo ethi "Ungayityi ngokugqithisileyo kuba iza kukutyebisa," okanye "Ukuyitya rhoqo akuhambisani nokutya ngokusempilweni."
Ukulukuhleka
Isithethi seSebe lezeMpilo, uSbani Mngadi uthe injongo yezi zihlomelo ziqulunqwayo kukuthintela ishishini lokutya ukuze lingalukhuhli abantu ngomgangatho wesondlo weemveliso zalo.
"Lo mthetho uza kuthintela ukunikwa kwabathengi ulwazi olulukuhlayo kwaye uthintela ukutyiwa kokutya okungenampilo. Loo nto iza kubeka uMzantsi Afrika kumgangatho wehlabathi.
"Yinto eqhelekileyo ukubhangiswa kwezinto zokudlala zabantwana ezihamba nokutya okuthengiswayo neentengiso ezikhuthaza ukutyiwa kokutya okungenampilo," uhambise watsho.
Ukufakelwa kwezihlomelo kulo mthetho kungathabatha iinyanga ezili-18 kodwa umthetho ojongene nokutya okunamafutha kakhulu uza kumiliselwa kungekudala. Ezi nzame ziyinxalenye yephulo leli sebe lokukhuthaza abantu ukuba batye ukutya okunempilo likwanika abathengi ithuba lokuzikhethela lize liqinisekise ukuba ukutyeba kwabantu akubi yingxaki emandla kweli.
Iivenkile zeli ezithengisa ukutya zineembono ezahlukeneyo ngalo mba. Ingqonyela yezentengiso eWimpy uJackie Carnelly uthi lo mthetho uza kulichaphazela lonke ishishini lokutya.
AbakwaMacDonald bathi imithetho elolu hlobo kufuneka kuqale kuthethwane ngayo kwaye bathi "ukungena nzulu kulo mba okwangoku akuzunceda nganto kuba ishishini lokutya alikazivakalisi izimvo zalo."
Iindleko
Abanini bezpaza namashishini asakhasayo bathi le mithetho iza kuba ziindleko kubo.
Ingaba urhulumente uza kukwazi ukuqinisekisa ukusebenza kwale mithetho"
Isebe lezempilo liyavuma ukuba kuza kubanzima ukuqinisekisa ukusebenza kwemithetho yokubhalwa kokutya ngokomthetho omtsha.
Iingcali zokutya nemibutho yempilo ziwamkele ngothakazelelo olukhulu lo mthetho uyilwayo.
ULiezel Wiggett oyingcali yokutya uthi kumba wokutyeba kwabantu silandela ekhondweni leUK neUS.
"Ukutya okungekho sempilweni kufumaneka lula. Akunazinkcukacha ezenza abathengi bathathe izigqibo ezizizo ngokutya amabakutye," utsho uWiggett.
"Umyalezo weentengiso zikamabonakude ezikhuthaza ukutyiwa kokutya okungekho sempilweni ujoliswe ngqo ebantwaneni abahlala bebukele umabonakude. Abantwana abazulukuhlwa ke xa iintengiso zitshintshwa.
"Okwangoku ukutya kwaseMzantsi Afrika kuyatyebisa kwaye umntwana omnye kwabahlanu utyebe ngokugqithisileyo nto leyo ifuna ingqwalasela."
UWigget uthi amafutha asekutyeni okuthengwayo agqitha lula emafutheni afunekayo emzimbeni ngemini.
Ingozi enkulu ilele ekubeni ukutya okuthengwayo kunamafutha amaninzi kwaye kufuneka kungatyiwa.
UWiggett uthi kufuneka kwenziwe iinkqubo zokufundisa abazali kwaye kufuneka abazali bayikhathalele into etyiwa ngabantwana babo.
Mababaphathise ilantshi enempilo bangabaniki imali yokuthenga ukutya esikolweni. Urhulumente makanyanzelise iivenkile ezisesikolweni zithengise ukutya okunempilo hayi oku kunamafutha zikuthengisayo.
Noxa kunjalo asikho isiqinisekiso sokuba le mithetho iza kukuphelisa ukutyeba kweli lizwe - okanye iza kuthwalisa nzima ishishini lokutya. [x]
kubhale uTEDDY GOMBA
Iinzame zokunciphis' ukutyeba kwabantu
Umthetho omtsha
Iintengiso zokutya okungenampilo ziza kubhangiswa ukuthintela ukutyeba kwabantu...
BONA XHOSA - February 2008
u
t
Iinzame zokunciphis' ukutyeba kwabantu
