xhosa.2440.beauty
EZOBUHLE
Iinyawo ezintle
Intwasa-hlobo sele ifikile, kwaye ngokuya imo yezulu isiba shushu, iya isiba lixesha lokunxiba iimbadada - ngoko ke kuza kufuneka uzinonophele iinyawo zakho uzenze zibe ziinyawo ezibukekayo... Kubhale uCharis Dawson
NANJENGOKO iinyawo zakho bezikhe zazimela ezihlangwini nasezikawusini iinyanga ezintathu zonke, zimelwe ukuba bezingahoyekanga noko, ngoku lixesha lokuzinika ipedicure.
Ipedicure yeyona ndlela ilula abantu ababona ngayo ukuba uyihoyile indlela obukeka ngayo - kwaye ndikholwe xa ndisithi, abantu bayaziqaphela iinyawo!
Zenze ipedicure kabini ngenyanga, usebenzisa la manyathelo alula, ukuba wenza njalo awusokuze uphinde ube nantloni zokuveza iinyawo zakho.
Izinto oza kuzisebenzisa
INail polish remover (Sebenzisa: iCutex, R10,49; iyafumaneka kwaClicks)
ICotton wool (Sebenzisa: iTLC Cotton Wool, R13,99 inephedi ezingama-80; kwaClicks)
INail clipper (Sebenzisa: iBeauty Essentials, R19,99; kwaClicks)
Ipumice stone (Sebenzisa: iFeet First pumice stone, ziyi-R19,99 xa zimbini; kwaClicks)
I-orange stick (Sebenzisa: iDischem orange sticks, ziyi-R6,95 xa zili-11; zifumaneka kwaDischem)
IMoisturising Lotion (Sebenzisa: iDawn, Vitamin E hand and body cream, R11,99; kwaPick n Pay)
Okokugqibela, kufuneka nesitya esinamanzi afudumeleyo anesepha, netawula efumileyo.
Kunye nenail polish yakho oyithandayo. Okanye utshintshe enombala usebenzise engamanzi ukuze iinzipho zibe nombala wendalo...
Omawukwenze
1 Susa yonke ipolishi esezinzitsheni zeenzwane zakho.
2 Sebenzisa ukumila kweenzwane zakho usike iinzipho zakho ngqalileyo uyophumela ekugqibeleni uze iikona uzenze ngqukuva kancinci. Musa ukuzenza mfutshane kakhulu ezikoneni - oku kungazenza zikhulele phakathi enyameni zibebuhlungu.
3 Hlalisa iinyawo zakho emanzini afudumeleyo, anesepha imizuzu engama-15-20. Ngelixa iinyawo zisemanzi, sebenzisa ipumice stone - ukhuhle ngokwenza izangqa, susa ufele olomileyo. Oku kuza kushiya iinyawo zakho zimpuluswa okwesilika kwaye zithambile.
4 Sula iinyawo zakho ngetawuli, uze ke usebenzise icala elitsolo le-orange stick, susa konke ukungcola okuphantsi kweenzipho zakho zeenzwane. Qaphela ungatyhaleli phambili ngamandla. Sebenzisa elinye icala le-orange stick ukutyhalela emva inyama yeenzipho.
5Thambisa ilowushini ezinyaweni nasezinzwaneni, uze usonge iinyawo zakho ngetawuli emanzi imizuzu emi- 5 ukuya kweli-10. Oku kwenzelwa ukuba zithambe ngakumbi iinyawo, okanye xa zome kakhulu okanye zichachamba. Ziwalaze ngamanzi emva kwemizuzu eli-10.
6 Sula uzipho ngalunye ngecotton wool ethiwe nkxu kwinail polish remover ukuze ususe ilowushini eshiyekileyo.
7Hlukanisa iinzwane zakho ngokuhlohla phakathi kwazo nganye intwana yecotton wool. Ziqabe umaleko wokuqala wombala uziyeke zome. Yongeza owesibini ukuze umbala ucace.
8 Ukuba usebenzise ipolishi enombala ezinyaweni zakho, gqibezela ngokuqaba engamanzi ngaphezulu okanye isealer ukuze ihlale ixesha elide. [x]
BONA XHOSA September 2008
BONA April 2008
