xhosa.2437.yourman_coaching
AMACEBISO
Ukufund' ukukhaba
NGEENYAWO ZOMBINI
Indlela ootata abanganceda ngayo oonyana babo bafunde ubuchule bokudlal' ibhola
USihle Cindi nonyana wakhe,
uSimphiwe one-11 leminyaka.
UKUZE ubengumdlali ophambili webhola, kufuneka ukwazi ukukhaba ngeenyawo zombini. Kulula ukufunda oko ngokutsho kukaJohannes "Rhyder" Mofokeng owayedlalel' iKaizer Chiefs. Njengoko sisebenzisa unyawo lwasekhohlo okanye olwasekunene, kubanzima ukufunda ukusebenzisa iinyawo zombini xa unyana sele eneminyak' engaphezulu kwe-12, utsho uJohannes. Kaloku ngelo xesha sukuba seqhele ukukhaba ngonyawo oluthile.
Ngoko luxanduva lootata ukubafundisa ukukhaba ngeenyawo zombini!
Uya kufunda ngamanqanaba amane ukukhaba ngeenyawo zombini:
Kuxhomekeka ekubeni ufunda ngokukhawuleza kangakanani unyana wakho ukuba nigqithela nini kwinqanaba elilandelayo - kungaba semva kweentsuku okanye iiveki. Kodwa ungamleqi.
Le mithambo ingenziwa ngamakhwenkwe amadala afuna ukufund' ukukhaba ngeenyawo zombini.
UQEQESHO LWEBHOLA
1 INQANABA LOKUQALA: Bek' izitena ezibini kumanyathelo amathathu ukusuka apho kume khona unyana wakho. Kufuneka akhabe ibhola ngomphakathi wonyawo ibethe ezo zitena. Makayikhabe kalishumi ngonyawo ngalunye. Oko kuya kufundisa unyawo angakwazi ukukhaba ngalo abe eqeqesha nolo akhaba ngalo.
Akukwazi ukubeth' ibhola kwezo zitena ngonyawo ebengakwazi ukukhaba ngalo, susa esiny' isitena. (Oko kungaba semva kweentsuku ezimbalwa eziqeqesha, okanye emva kweeveki ngaphambi kokuba aqhele - kubalulekile ukungamleqi.)
Ngoku makakhabel' ibhola kwisitena esinye kali-10 ngonyawo ngalunye.
2 INQANABA LESIBINI: Ngoku makaziqhelis' ukukhaba ngomphezulu wonyawo. Qala ngokumbekel' iziten' ezibini ayikhabele kuzo ibhola kali-10 ngonyawo ngalunye. Akuzichan' izitena ezibini, susa esinye kusale sibe sinye.
3 INQANABA LESITHATHU: Ngoku makafunde ukuqhub' ibhola ngoluny' unyawo aze ayikhabe ngolunye. Oko akwenze kali-10 etshintshanisa iinyawo. Emva koko makayeke ukuyiqhuba ngomphakathi wonyawo ayiqhube ngomphezulu wonyawo, akuzichana kakuhle izitena ezibini, sisuse esinye.
4 INQANABA LESINE: Akuwazi la manqanaba angasentla, angakwenza oku yonk' imihla xa ezimisele ngebhola. Makakhabe ibhola ibethe eludongeni ngeenyawo zombini. Makaqale ngomphakathi wonyawo aze ayikhabe nangomphezulu wonyawo. [x]
Umbhali: Force Khashane
Umfoti: Hylton Spencer
