xhosa.1436.gardening
BONA XHOSA November 2008
Kulula ukong' imali yokutheng' ukutya ngokuzilimela okwakho ukutya... Kubhale uThandi Zulu
AMANDLA OLIMO
ICEBISO
Yenza imbewu yakho ikhule kakuhle ngokuyityala ezitreyini. Uya kuthi ugqiba ukulungis' ibhedi yokuzityala zibe izithole sezikhule ngokwaneleyo ukuba zingatyalwa.
UKULIMA kuncede usapho lwam lwatya ukutya okusempilweni, lwangayi rhoqo kwagqirha, lwangabi nankcitho - ukanti kwenze nabantwana bam bachith' ixesha elininzi phandle. Oko kwenzeke ndakuziqalel' isitiya esincinane semifuno emva kokwenza izifundo zolimo kwiWoolworths Trust Eduplant Competition. Zilula izinto endizifundileyo kwaye ziyandisebenzela:
1. Qalisa
Kufuneka ubenomhlaba olingana nocango ukuze ulimele usapho lwakho ukutya okwanele ixeshana.
Kheth' indawo ofun' ukulima kuyo.
Ngoku yenza isicwangciso, uphawule iintyatyambo osele unazo nemithi, uze uwahlula-hlule umhlaba oza kulima kuwo imifuno.
Yenza uZone 1 abekwicala elingasendlwini. Apho ke ungalima izinto ezifun' ukunkcenkceshelwa nokunonophelwa. Kuyo lima imithana yokunonga, iitumato, iigreen beans neetapile.
KuZone 2 ungatyala izinto ezifuna isithuba esikhulu njengombona.
Yenza uZone 3 ujikeleze imithi yeziqhamo onayo uze kuwo uvalele iinkuku.
Xa yonk' into ihamba kakuhle yaye ufuna ukwandisa isitiya sakho unokwengeza ezinye iiZone.
2. Jonga uhlobo lomhlaba wakho
Zintathu iindidi zomhlaba:
Umhlaba oyintlabathi uyakhanya ngebala kwaye ugubeka lula esandleni.
Umhlaba oludongwe unendawana yokubabomvu, ugcina kakhulu amanzi yaye uba ngamagabade alukhuni xa uwuqhekeza.
Umhlaba omnyama ungumxube wale mihlaba yomibini - ubangamagabade amancinane xa uwuqhekeza ngesandla, kodwa awucoleki njengoyintlabathi.
3. Lungisa iibhedi zokulima
Lungisa indawo oza kutyala kuyo imbewu ibenobude obuyimihlakulo emibini ize ivuleke ngomhlakulo omnye - oko kuya kwenza ukwazi ukushiya isithuba esiyi-20cm phakathi kwezityalo.
Yiba nengca eyanele ukogquma loo bhedi yezityalo ukuze zingatshiswa lilanga.
Susa umhlaba okuloo bhedi ngomhlakulo. Umhlaba ongaphezulu ngowona utyebileyo.
Ngoku yimba umhlaba ongaphantsi utshone ulingane nomhlakulo - malunga ne-70cm ukuya kwi-100cm.
Kuloo mngxuma faka izinto eziza kubola - njengeziqhamo ezibolileyo amaxolo emifuno, ingca, amagqabi, amakhadibhodi namaphepha. Ungayifaki iplastikhi, iglasi okanye ifoyile.
Buyisela umhlaba owumbileyo, uze ugalele umhlaba wangaphezulu. Qiniseka ukuba uwubuyisela wonke umhlaba wangaphezulu - xa uphelelwa yindawo, ungawusebenzisa kweny' indawo. Yogquma umhlaba ngengca uze uqale ukutyala.
Xa ufun' ukusebenzis' ikhomposti, yifake ngaphantsi komhlaba ongaphezulu, uze ubuyisele umhlaba ongaphezulu ngaphambi kokutyala.
4 Qalisa ukutyala!
Iinkoliso yeepakethe zembewu zibhaliwe ukuba mayitshone kangakanani emhlabeni nokuba mayiphane izithuba ezingakanani. Ngaphandle kokuba unikwe myalelo wumbi kwipakethe...
Yenza imigca emibini ngeminwe.
Beka imbewu iphane izithuba kulo migca uyenzileyo. Imbewu encinane yixube neflawa ukuze uyibone.
Yogqum' imbewu ngomhlaba uze ufafazele ngentwana yamanzi, kodwa angabi maninzi. [x]
Nciphisa
iindleko zokutya
Kwinyang' ezayo: Yintoni ongayityala, uyityala njani kona, nanini...
