xhosa.2432.maintenance
Wazi amalungelo akho
Banelungelo lokufun' imali yesondlo oomama kooyise babantwana nokuba abatshatanga
BANEMINYAKA eli-10 behlala kunye uThandi noBrian yaye banabantwana abathathu. UThandi wayengaphangeli yena uBrian ephangela kwaye elondla usapho lwakhe. Ngeny' imini waxelel' uThandi ukuba uyahamba uyohlala nentombi athandana nayo.
Wathi uza kumondla uThandi nabantwana kodwa kwathi ngokuhamba kweenyanga yaya isihla imali de wayeka tu ukubanik' imali.
Kwanyanzeleka ukuba uThandi aye kuBrian ukuyofun' imali.
UBrian wathi, "Angeke ndikwazi ukukunik' imali ngoku kuba sele ndinomny' umntwana." Wamnika i-R50 waza wahamba apho uThandi enomsindo noloyiko.
Kutheni engafuni kondla abantwana bakhe" Uza kubondla, abafundise, abanxibise ngantoni uThandi abantwana abathathu bonke"
Wayecinga ukuba asoze akwazi ukufun' imali yesondlo kuba babengatshatanga waza wancedwa ngummelwane wakhe. Wamcebisa ngelithi lilungelo lakhe ukufun' imali yesondlo kuyise wabantwana nokuba abatshatanga.
UThandi waya kwi-ofisi yesondlo kwinkundla kamantyi waza wafumana umyalelo wenkundla onyanzelisa uBrian ukuba ahlawul' imali yesondlo qho ngenyanga. Okwangoku zisamhambela kakuhle izinto kuba uBrian uyamnika qho ngenyanga imali yesondlo. Kodwa xa enokuyeka ukuyihlawula le mali kungaqala idabi elibi nelide.
Umthetho nesondlo
Umthetho uthi kufuneka babondle bobabini abazali abantwana babo. Isondlo siquka ukutya, imfundo, indawo yokuhlala, iimpahla neendleko zempilo.
Xa uyise wabantwana inguye kuphela ophangelayo kunyanzelekile ukuba abondle nokuba utshatile na nonina wabantwana okanye abatshatanga. (Amatyeli amaninzi ngunina wabantwana ofuna isondlo kuyise wabantwana.)
Xa ingamadoda anikwa ilungelo lobuzali
Lo gama iba ngooyise babantwana abadla ngokuyalelwa yinkundla ukuba bondle abantwana, ooyise babantwana abanikwa ilungelo lobuzali banalo ilungelo lokufun' isondlo koonina babantwana. Nalapha inkundla ilandela inkqubo efana nqwa naleyo ilandelwa xa ingumama ofake isicelo sesondlo.
Indima kamakhulu notatomkhulu
Xa umama okanye utata wabantwana engakwazi ukubondla abantwana bakhe, luxanduva lukaninakhulu okanye uyisemkhulu wabo ukubondla.
"Ngaphambili umthetho weli wawungayilandeli ngokufanayo inkqubo yesondlo sabantwana abazelwe emtshatweni nabazelwe ngabazali abangatshatanga nto leyo yayisenza kubekho iyantlukwano eninzi," kuchaza uCindy Delomoney owayesebenza kwiFamily Law And Child Rights Project kwiCampus Law Clinic eUniversity of KZN.
"Ngoku iinkundla ziyakwazi ukunyanzelisa umakhulu noyisemkhulu wabantwana nokuba ngowakulonina okanye owakuloyise ukuba ondle abantwana nokuba bengazalwanga emtshatweni xa abazali bengakwazi ukubondla abantwana babo."
Nezalamane ezikhulis' abantwana ekungengabo abazo zingasifak' isicelo sesondlo kubazali okanye kumakhulu okanye uyisemkhulu wabantwana.
Ufumaneka njani umyalelo wenkundla wesondlo
Umba wesondlo udla ngokulungiswa ngexesha loqhawulo-mtshato.
Xa bengatshatanga abazali umama wabantwana angasifak' isicelo sesondlo xa uyise engabondli abantwana. Yinkqubo ende le kodwa ungayikhawulezisa ngokubanika ulwazi oluzeleyo ngoyise wabantwana.
Omawukwenze
Yiya kwi-ofisi yesondlo ekwinkundla kamantyi ekufuphi nawe ucel' uncedo lomyalelo wenkundla wesondlo kwigosa lesondlo.
Uphathe ezi zinto zilandelayo:
n Igama nedilesi kayise wabantwana neenkcukacha zasemsebenzini wakhe.
n Ifoto yakhe, xa unayo.
n Isazisi sakho
n Iziqinisekiso zabantwana zokuzalwa.
n Ileta evela kwinqununu yesikolo xa sele befunda. (Ukuqinisekisa ukuba bayafunda.)
n Ikopi yencwadi yoqhawulo-mtshato (xa naqhawul' umtshato waza awasifak' isicelo sesondlo okanye xa ufuna ukuba inyuswe imali oyifumanayo).
n Ubungqina bomvuzo wakho, xa uphangela. (Uxwebhu olubonis' umvuzo wakho.)
n Iimpepha zonke ezibubungqina bemali oyichithayo qho ngenyanga. (Kuquka imali yerenti, eyokukhwela, eyombane, amanzi, umnxeba, amatyala, ukutya, iindleko zesikolo, iimpahla neziny' iindleko ohlangabezana nazo.)
Igosa lesondlo liza kuthumela iisamani kuyise wabantwana limcele ukuba abonane nalo kwii-ofisi zesondlo. Ngalo mhla kufuneka niye nobabini nithethe ngemali ekufuneka ayihlawule.
Xa engafiki e-ofisini yesondlo ngalo mhla ityala lenu liza kugqithiselwa enkundleni.
Maxa wambi uyise wabantwana uye abaphike abantwana. Xa kunjalo ke inkundla iyalela ukuba kuhlolwe igazi.
Igosa lesondlo liyanincedisa kwiindleko zonke linik' ingqwalasela kwimivuzo yenu (xa niphangela nobabini).
Xa nivumelana ngemali aza kuyihlawula uyise wabantwana, igosa lesondlo liza kunisayinisa nobabini umyalelo wenkundla ocacisa ukuba uyise wabantwana kufuneka ahlawule imali ethile ekuvunyelwene ngayo qho ngeveki okanye ngenyanga.
Xa ningavumelani ityala lenu lisiwa enkundleni nize naziswe ukuba liza kuthethwa nini na.
Umantyi uza kuphulaphula abazali bobabini aze abale imali abayichithayo ngenyanga. Emva koko uza kubeka imali emayihlawulwe nguyise womntwana qho ngenyanga.
Lo ngumyalelo oza kube ukhutshwe yinkundla ngoko uyise womntwana kufuneka ayihlawule qho le mali. Unina womntwana angaya kuyilanda enkundleni okanye uyise womntwana ayifake ebhankini.
Xa engasayihlawuli imali yesondlo
Umntu xa eyalelwe yinkundla ukuba ahlawule imali yesondlo aze yena ayeke ukuyihlawula, wophula umthetho ngokwenjenjalo. Xa lo mntu efunyanwa enetyala angatshutshiswa ade agwetywe.
Xa inkundla yakhupha umyalelo wokuba uyise wabantwana ahlawul' imali yesondlo aze yena angayihlawuli kufuneka anyanzeliswe ukuba ayihlawule kwiintsuku ezili-10 ludlulile usuku lokuyihlawula.
Kufuneka umxele kwigosa lesondlo xa engayihlawuli imali yesondlo. Inkundla iza kumthumelela ileta imbizele enkundleni ngemini ethile ukuze azochaza unobangela wokuba angayihlawuli imali ekwakuvunyelwene ngayo.
Xa esiza nesizathu esingavakaliyo inkundla iza kumnyanzelisa ukuba ayihlawule imali leyo kungenjalo uza kuphoswa ngaphaya kwezitshixo.
Ukunyanzelisa ukuhlawulwa kwemali yesondlo
Inkundla ingayalela enye yezi nkqubo zilandelayo:
n Ukutyiwa kuthengiswe iimpahla zalowo ungahlawuliyo ize imali efunyanwa ngokuthengisa ezi mpahla ihlawule isondlo.
n Ukuthatyathwa kwemali emvuzweni wakhe ngumqeshi wakhe ngaphandle kwemvume yakhe ize iye kuhlawula isondlo asityalayo.
n Ukuyalelwa komntu otyala umntu lowo okufanele ukuba ahlawule isondlo ukuba ahlawule egameni lakhe.
n Iimali zenkam-nkam nezee-inshorensi zingamiswa ukuze zihlawule isondlo somntwana.
Ukulibaziseka
Akukho mfuneko yegqwetha xa ufun' imali yesondlo njengoko kukho amagosa ajongene nesondlo enkundleni ancedisa akhokele abantu abafuna isondlo. Akho amanye amatyala athath' ixesha angapheli ngenxa yabantu abanyamalalayo bebaleka ukuhlawul' isondlo.
"Ngamawaka-waka amabhinqa ajongana nobunzima ekufumaneni imiyalelo okanye izinyanzeliso zesondlo," utsho uSharita Samuel oligqwetha nomququzeleli kazwelonke weWomen's Rights Project of the Legal Resources Centre eseThekwini.
"Unobangela woku kukungavumelani kwabazali ngemali emayihlawulwe.
"Umama uye afune imali ethile aze utata angakwazi ukuhlawula loo mali. Loo nto ikhokelela ekubeni kwenziwe iimvavanyo eziliqela ukuze kucace ukuba kutheni efun' imali engako kwanokuba iza kuhlawulwa njani na.
"Xa ingasombululeki le ngxaki kuyiwa enkundleni lize ityala lithath' iinyanga lithethwa."
Eziny' iingxaki ziquka ukungabikho kwemali (yokukhwela xa kusiyiwa enkundleni), ukucel' emsebenzini okoko xa usiy' etyaleni, ukunqongophala kwabasebenzi abaqeqeshiweyo, ukungakwazi ukufuman' igqwetha xa igosa lesondlo lisoyisakala. Amabhinqa abhenela kwimibutho efana neLegal Resources Centres, iiCampus Law Clinics okanye kumagqwetha azimeleyo xa enayo imali."
Ixesha lokuhlawul' isondlo
EMzantsi Afrika abazali kufuneka babondle abantwana de babe neminyaka engama-21 okanye bazimele. Loo nto ithetha ukuba abazali okanye umzali owondla umntwana kufuneka amondle de afikelele kweli nqanaba.
Esakuba neminyaka engama-21 umntwana uyazikhethela yena ukuba uyafuna na ukuqhubeka esondliwa. Maxa wambi umntwana uye afune ukuhlawulelwa iindleko zokufunda kumgangatho ophezulu kodwa loo nto ixhomekeka ekubeni unayo na imali umzali. Yinkundla eyenza isigqibo.
Xa umntwana engxwelerhekile emzimbeni okanye engqondweni okanye engakwazi ukuzimela, uyaqhubeka nokondliwa yaye kumana kujongwa ukondliwa kwakhe. Umzali ohlala nomntwana oyingxwelerha nguye omenzela izigqibo nokuba sele eneminyaka engaphaya kwama-21 ubudala. [x]
BONA XHOSA - March 2007
Ubuzali - isondlo
kubhale uGRACE KHUZWAYO
Iindawo zoncedo
ECampus Law Clinic, University of KZN, Room 49, Howard College, King George V Avenue, Durban.
Umnxeba: 031-260-2446
Eziny' iindawo: IiCampus Law Clinic ziyafumaneka kwiiYunivesithi ezinkulu zaseMzantsi Afrika. Zinika abantu abangenayo imali yamagqwetha iingcebiso zomthetho zasimahla. Qhagamshelana neyunivesithi ekufuphi nawe ubuze ngeLaw Clinic.
IiLegal Resources Centres:
EThekwini: 031-301-7572
ERhawutini: 011-836-9831; 011- 403-0902
EKapa: 021-481-3000
ERhini: 046-622-9230
I-website: www.lrc.org.za
IWomen's Legal Centre, eKapa: 021-421-1380
www.wlce.co.za
BONA XHOSA - March 2007
u
t
Ubuzali - isondlo
BONA XHOSA - March 2007
