xhosa.2423.wwe
KUKHO imidlalo apho umdlali ogqwesileyo ebonakala ukuba ngenene ubefanele ukuphumelela. Kodwa emdlalweni wewrestling kukhaliswa umculo kakhulu, abalandeli bayo benza ingxolo enkulu kwaye abadlali bayo batsho ngezixinga-xinga zemizimba enezihlunu ezikhulu. Abadlali bayo ufika bengqulana ngaloo mizimba yabo. Abanye ufika benobuso obubonakalayo ukuba baselula nababizwa ngooFaces.
Kukho naboyikekayo ekuthiwa ngooHeels. Abo uthi umjonga nje ubone ukuba angakutyumza xa engakunyathela.
Abadlali bewrestling abathandwa kakhulu nguUndertaker, uBooker T, uJohn Cena, uChris Benoit noBathista...
Ngaba babethana nyhani"
Amajelo eendaba ayesithi umdlalo wewrestling yinkqatho kwakudala ngo-1908. Ukususela ngoko amajelo eendaba ebesoloko eveza indlela abaqhathwa ngayo ababukeli. Kodwa oko akukhange kubenze abantu bayeke ukuwuthanda lo mdlalo.
Kaloku iwrestling ineminyaka engaphezulu kwekhulu yaye yaqala idlalwa kwiindibano zolonwabo nakwiisekisi. Apho amadoda omeleleyo ayecel' umngeni kubabukeli befuna umntu ongalwa nawo.
Kwakudla ngokuba kuvele indoda enesiqwana esincinane eyayizincama ilwele ukufa nokuphila kodwa ibethwe seso sinqini-nqini sibe sihewulwa ngababukeli. Kwakusenzeka loo ndoda incinane ilwe iphumelele ibe ifumana nenkxaso yababukeli.
Ngaba balwa nyhani"
Iwrestling iyinto yokonwabisa ngaphezulu kokuba ngumdlalo, kwaye kule mihla ibubugcisa.
Oko kube ngenxa kaVince McMahon oyintloko yeWorld Wrestling Entertainment (WWE). Abantu bakowabo baqala ukubandakanyeka kulo mdlalo ngeminyaka yoo-1900. Ngeminyaka yoo-1950 uyise wayengomnye wabaququzeleli balo mdlalo bokuqala abacinga ngokuba uboniswe kumabonakude.
Emva kokuba uVince ethathe iintambo kwishishini lakowabo ngo-1981 yayiliqela imibutho yewrestling kwaye ngamnye wawulawula iingingqi ezithile eUSA.
Waseka iWrestleMania eyayiququzelel' imidlalo "elizweni lonke". Ezinye iinkampani yazicaphukisa loo nto kuba zibona le nkampani ingena emhlabeni wabo.
Wathenga iinkampani ezaziphikisana naye uMcMahon kancinane kancinane waza wazivala.
Emva koko kwafika imidlalo yeevidiyo neeTV. Ngoku iWWE ifumana ngaphezulu kwe-$350 yezigidi ngonyaka ngokuboniswa kwemidlalo yayo kwiTV.
Emva kokuba ingasenambutho ikhuphisana nawo, iWWE izahlukanise kabini ngokweenkqubo zayo zeTV, iRAW neSmackDown!
Inkqubo nganye kwezi inezinqini-nqini zayo nokhuphiswano olwahlukeneyo.
Ngaba balwa nyhani"
Umdlalo ngamnye waziwa ungekadlalwa ukuba kuza kuphumelela bani kwaye indlela abalwa ngayo baqale baziqhelise yona.
Xa besilwa bayazi ukuba omnye uya kuphumelela xa kutheni. Usompempe ngoyena ujongayo ukuba balwa ngendlela ebekucwangciswe ngayo na.
Amaxesh' amaninzi xa ubona umdlali wewrestling esopha, sukuba esopha nyhani kwaye oko bekuyinto ecwangcisiweyo. Uzisika yena ngereyiza efihlakeleyo, kwaye udla ngokuzisika emashiyeni. Phofu ke kuyenzeka nokuba umdlali engazisikanga. Kuyenzeka ukuba umdlali angalwi ngendlela ebexelelwe yona aze afune ukuphumelela umlo nokuba bekucwangciswe ukuba uza koyiswa. Phofu ke loo nto abadli ngakuyenza kule mihla.
Mandulo iiNtshatsheli zeHlabathi zazikhethwa ngokuthi kube ngabantu abaya kukwazi ukuzikhusela xa kunokwenzeka umlo ujike ube ngowenene.
Iminyaka emininzi abaququzeleli bomdlalo wewrestling babezama ukuwenza ukhangeleke ungumlo nyhani. UVince McMahon wayiguqula yonke loo nto. Wasebenzisa ubulumko bakhe ngoo-1980 wafundisa abalandeli balo mdlalo ukuba isiphumo somdlalo asaziwa kwangaphambili. Oko kwenza abantu banomdla wokubukela lo mdlalo ngenxa yobuchule obuboniswa ngabadlali. Umsebenzi wakhe ubonakala uphumelele kuba nabantu baseMzantsi Afrika abathanda ibhola nombhoxo bathe phithi yiwrestling.
Ngaba balwa nyhani"
Xa abantu befumana ukuba ungumlandeli wewrestling badla ngokuthi, "Uyazi ukuba niyaqhathwa akuliwa nyhani"" Wakumncoma ubulumko ngokuba eyazi loo, mkhumbuze ukuba iwrestling yodidi lwabahlawulwayo ifuna ube ujimile yaye uva ubuhlungu bokwenene xa ungumdlali wayo.
Nkqu nokuba indlela abalwa ngayo icwangcisiwe, kufuneka womelele ukuze umelane nokubethwa phantsi. Ngaphezulu koko akukho nanto zinxitywayo zokuzikhusela! Kodwa ke ikho impendulo elula nangakumbi yaloo mbuzo...
Iwrestling yodidi lwabahlawulayo ingumlo wokwenene xa kukho imfuneko! [x]
BONA XHOSA - January 2006
Umdlalo wokungqulana
Umdlalo wokungqulana (wrestling) kudidi lwabahlawulwayo usele ungomnye wemidlalo ethandwayo eMzantsi Afrika - sithi masikuvezele okwenzeka kulo
mlo-jijiswano...
1. UBooker-T esazama ukungena emfuthweni.
2. U-Eddie Guerrero ongasekhoyo.
3. Iwrestling yabahlawulwayo iyathandwa eMzantsi Afrika.
Babethana nyhani"
BONA XHOSA - January 2006
kubhale uWALTON GOLIGHTLY
