xhosa.2419.positive
BONA XHOSA - May 2006
Iingxaki Zomthetho
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Ingozi eziindleko
Ndapaka imoto yam ngaphandle kwevenkile ndathi xa ndiphuma ndafika itshayiswe yenye imoto eyayimiswe kwindawo eyehlayo eyasuke yazihambela ingenamqhubi. Ndathi kumnini wayo ubengayitsalanga ihandbrake, kodwa wandiphikisa wathi ubeyitsalile qha kunokuba kwenzeke ingozi. Wathi ukumtyhola kwam akunabungqina ngoko andinakumbek' ityala ngaloo ngozi.
Iindleko zokulungis' imoto yam zibe yi- R6 275 ngoko andiboni ukuba ndingahlawula imali engako kube kungeyompazamo yam.
nguElizabeth Nkosi, eThekwini
lZimbini izinto ezingafanelanga umntu anokuzenza komny' umntu: ulwaphulo-mthetho okanye umonakalo oziindleko. Umonakalo oziindleko ke kukuba umntu akwenze into embi kodwa ekungenakutshiwo ukuba lulwaphulo-mthetho ngaphantsi komthetho weli weCommon Law okanye iCriminal Procedure Act okanye eminy' imithetho yeli lizwe.
Xa kwenzeke olu hlobo lomonakalo umntu owonakaliselwe impahla okanye owenzakalisiweyo kusenokuba nguye othwal' iindleko zaloo monakalo. Ezo ndleko ke unako ukuzifuna kumntu owenze umonakalo.
Ukuze uzifumane kufuneka ummangali atyhole aze anike ubungqina ukuba yaba kukungakhathali kommangalelwa okwenze loo monakalo. Xa umangala ke kufuneka zibe nobungqina bokungakhathali izityholo zakho.
Umntu nomntu unoxanduva lokuzama ukungonakalisi impahla yomnye umntu. Ngoko umntu omise imoto yakhe kwindawo eyehlayo wayefanele aqinisekise ukuba imoto yakhe ayinakusuka izihambele iyokonakalis' iimoto zabany' abantu.
Intetho ethi "yenza kangangoko unako imbaxa gqitha", kodwa ke yayiluxanduva lomnini wemoto eyatshayisa eyakho ukuqinisekisa ukuba iziqhoboshi zayo ziyasebenza.
Kwicala lakho zikho izinto ongazithelekelela ukuba zenzeka.
Okokuqala kukuba kungenzeka ukuba ihandbrake kuloo moto yayingasebenzi okanye ke kube umqhubi akazange ayitsale iphelele.
Ingxaki yakho kukuba awuzange umbone kwaye akukho mntu wambonayo umqhubi engayitsali ihandbrake.
Phofu ke umthetho uza kuba ngakwicala lakho apho.
Kaloku kukho into emthethweni xa umntu ethelekelela into enokuba yenzeka ngenxa yokungakhathali komnye umntu, ibe loo nto ingakholeleka nokuba kungekho ngqina, "kuthiwa loo nto ibubungqina obuzithethela ngokwabo."
Oko ke kuthetha ukuba unako ukutyhola umqhubi wemoto ngokumisa imoto kwindawo ehlayo, wayishiya ingenamntu, yaza yasuka yaya kutshayisa imoto yakho yenza umonakalo.
Apha ubungqina obuzithethelayo buthi akazange ayitsale ihandbrake, ngoko ke akazange abe nankathalo. Xa uzimisele ngokummangalela loo mntu ufune iindleko zakho kuza kufuneka ufune igqwetha. [x]
Sizamile ukuqinisekisa ukuba iingcebiso esikunika zona zifanelekile. Kodwa ke imeko yengxaki nganye ifuna ukuphandisiswa. AbakwaScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, amalungu eengcali ezicebisayo, iBONA nabashicileli bale magazini abanakubekwa tyala nguye nabani na osebenzisa ezi ngcebiso.
Thumel' ingxaki yakho kule dilesi: BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060. AbakwaScorpion baza kunika wonk' umntu ofake isikhalazo sakhe ivawutsha yemizuzu engama-30 yokuncokola negqwetha e-ofisini yabo naphi na kweli okanye ngomnxeba.
XA UJONGA nayiphi na inkokeli yepolitiki, indwalutho okanye usomashishini onempumelelo, uya kufumanisa ukuba bayakholelwa kwiziqu zabo, kwaye oko kuyinxalenye enkulu yempumelelo yabo. Ngethamsanqa ukuzithemba yinto esuka ngaphakathi ngoko wonk' umntu unako. Into nje efunekayo kukwazi ukuzilawula, nokusebenzisa icebo lokukhuthaza ukuzithemba.
Linga la manyathelo alula alandelayo...
BHALA ULUHLU. Bhala izinto ezili-10 ebuncinaneni ezintle ngawe. Xa zingaphezulu kwe-10, zibhale zonke. Kokona kubhetele ukuba noluhlu olude! Xa ungaziboni ezinye, cela abahlobo okanye izalamane zikuxelele izinto ezizibona zintle kuwe.
Ungafaka nezi zinto zilandelayo: uyakwazi ukuphulaphula; uliyolisa; unobubele... njalo-njalo.
Ncamathisela olu luhlu kwindawo oza kulubona yonk' imihla - lufunde uluphinda-phinde yaye ulongeze xa kukho izinto ozikhumbulayo!
Ngoku yenza uluhlu lwezinto oqondayo ukuba ziyakubetha okanye ziyakoyisa.
Lujongisise uze ujonge ukuba yintoni ongayijika ibe yinto entle .
Ngokomzekelo ungajika ukuthi, "Ndimkhulu" uthi "Ndimile kakuhle yaye ndinomtsalane."
Kwenze rhoqo oko - ukucinga izinto ezintle ngawe kuya kukhawuleza kutshintshe indlela ocinga ngayo ngesiqu sakho.
Xa uqonda ukuba kukho into ofuna ukuyitshintsha, zibekele izinto ongakwazi ukuzenza - yaye ungayeki ukuzama ukuzenza.
Kukho izinto esingenako ukuzitshintsha kuthi - ezo ke zamkele, uze uzame ukuphucula iindawo ongaziphucula.
ZIKHATHALELE. Yitya isidlo esinempilo yonk' imihla kusasa uze uzikhathalele ukusuka elunweleni ukuya elunyaweni.
Zama ukwenza umthambo imizuzu eli-10 ukuya kwengama- 20 - oko kukuyiqala kakuhle imini.
Xa usiya ebantwini khetha iimpahla ezifanele umcimbi oya kuwo neemfuno zakho. Xa usiya kwintlanganiso okanye kudliwano-ndlebe lomsebenzi, qinisekisa ukuba impahla oyinxibileyo iyafanelana nento oyiyele apho.
Ukufaneleka yimpahla oyinxibileyo kukwenza uzithembe - xa ukunxiba ibhlukhwe kukwenza ukhululeke ngaphezu kokunxiba iskeyiti , okanye imibala emnyama ikwenza ukhululeke nxiba yona!
YIMA UTHI NKQO. Indlela oma ngayo yenza umahluko omkhulu kwindlela oziva ngayo nakwindlela abanye abantu abakujonga ngayo. Yima uthi nkqo, uhlukuhle amagxa ukuze uphelise uxinzelelo, yaye intloko yakho uyiphakamise. Xa uhamba yiba ngathi unezipringi ezinyaweni!
NCUMA! Phambi kokungena kwigumbi oza kudibanela kulo nomntu obalulekileyo, okanye uya kubonana nomntu okuncwasileyo okanye uya kubonana nomphathi wakho, yiba noncumo.
Uya kuzibona ngathi awubhadlanga imizuzwana emithathu uze uqalise ukuzihleka. Oko kuya kukwenza ungene kwelo gumbi ngomzimba okhululekileyo.
Enye yezona zinto ezinceda abantu abanempumelelo kukuzithemba. Ukuzithemba wena ngokwakho kungakwenza uphumeze okuninzi ebomini okanye emsebenzini - kwaye kungakunceda unyuse umgangatho wakho!
KWAZI UKUZIMELA.
Xa uvuma ukuvunyiswa, ziqhelise ukuthi "hayi". Yima phambi kwesipili uze uliphinda-phinde eli gama. Xa kuphinda kuthiwa yenza into ongayithandiyo, uya kuba sele uqhelile ukuthi "hayi"!
Amabhinqa asoloko eziva kukho into ethi makachaze ukuba alela ntoni ukwenza into - aze axolise nangokungakwazi ukwenza loo nto. Ziqhelise ukuthi "hayi" uze unganiki sizathu uya kuwuva umahluko.
Zithembe wena
BONA XHOSA - May 2006
Amacebo okuziphucula
IZINT' OFUN' UKUZENZA! Zibekel' izinto ofun' ukuzenza, uzenze! Zibhale ozenzileyo uqale ngezinto ezingenzeka ngokukhawuleza ukuze zikunike amandla okwenza ezinzima. [x]
kubhale uANNE ZUMA
kufote abeGREAT STOCK!
YIBA NEBHOKISI EGCINA IIMPUMELELO ZAKHO. Zibhale izinto oziphumezileyo. Ikopi yelayisensi yokuqhuba owawungacingi ukuba ungayifumana, ikhadi leminqweno emihle elivela kumhlobo, isatifiketi sematriki okanye esesidanga, ingxelo entle yezifundo okanye eyomsebenzi, iifoto zakho nabahlobo okanye nabantu abakhulu, irisithi yento entle owazithengela yona.
Ezo zinto ziya kukukhumbuza ukuba uyathandwa, uyahlonitshwa, yaye uyazana nabantu. Jonga zona xa ubona kusihla ukuzithemba kwakho.
