xhosa.2414.bully
BONA XHOSA - February 2008
Le ngxaki iyanda
Ungamgxeki umntwana xa evuyelelwa ngabanye - kaloku oyena mntwana unengxaki ngulowo uvuyelela abanye.
Ukuba lixhoba lokuvuyelelwa ngomny' umntwana kungabu-tshintsha ubomi bomntwana wakho. Funda indlela yokunqanda lo mkhwa...
UKUVUYELELWA komntwana ngabanye kungamenza adandatheke, angazithembi de acinge nangokuzibulala. Ngumkhwa ombi ongatshabalalisa ubomi bomntwana kwaye sele uxhaphake kakhulu kumazwe ngamazwe ehlabathi.
Ibangelwa yintoni le ngxaki" Kona yintoni engenziwa ngabazali ukulwa lo mkhwa nokukhusela abantwana babo"
UMbongeni Mtshali oyinqununu yaseVelabahleke Secondary School eMlazi eKZN uthi nangona umgaqo-siseko weli unamalungelo abantwana, abanye abantwana abakakwazi ukuthobela amalungelo abanye.
"Ngumkhwa onenkqayi ukuvuyelelana kwabantwana ngabanye, kodwa kule mihla kwavalwa ukohlwaya ngokubetha akukho nto ungayenza ukuwunqanda ngaphandle kokuthetha nabantwana abavuyelela abanye - kodwa oko akubayekisi lo mkhwa lonk' ixesha," utshilo.
Akukholwa yeyokosa amaxhoba okuvuyelelwa, azama indlela ezigabadeleyo zokuziphindezela. Ukucacisa loo nto uMtshali ukhuphe ubhushu kwiseyifu yakhe.
"Lo bhushu wohluthwa kumfundi owayenomsindo efun' ukuziphindezela kumfundi owayemvuyelela.
"Wabona kungekho ndlela angawuphelisa ngayo lo mkhwa ngaphandle kokuhlasela. Ngethamsanqa wayengekho esikolweni loo mfundi ngaloo mini saza samohlutha le mela.
"Abazali badla ngokucel' uncedo kum besithi: 'Sicela usohlwayele lo mntwana' ndibe nam ndingenawo amandla okwenza oko. Kaloku nantoni na endiyenzayo ingandifaka engxakini," utshilo.
UMtshali uthi ingxaki kukuba abantwana sibathanda ngokugqithisileyo.
"Sibathanda ngokungaphaya abantwana bethu. Oko kubenza bakhule bengalindelanga ukudibana neengxaki zobomi. Ukungaqeqeshwa kwabo kubulala iintsapho. Esikolweni sithi emntwaneni: 'Nokuba uyakwenza oku kowenu, awunakukwenza aph' esikolweni.' Aze yena athi: 'Kutheni ndingenakukwenza"'
"Ndide ndibagrogrise nangokubagxotha esikolweni nangona ndisazi ukuba urhulumente akayifuni loo nto. Abantwana kufuneka bazazi iziphumo zezenzo zabo."
Ukubakhathalela
"Kubalulekile nokuba iititshala zibonise ukubakhathalela abafundi. Oko kuyanceda kunike amaxhoba okuvuyelelwa isibindi sokuxela inkohlakalo eyenziwa kuwo ngabafundi ababavuyelelayo," itshilo enye ititshala.
"Bambalwa abantwana abangeza kuwe bathi: 'Kukho umfundi ondivuyelelayo.' Udla ngokuyiva ngomzali okanye omnye umfundi loo nto.
"Mna ke ndiqale ndithethe nabazali, ndize ndibizele abantwana abachaphazelekayo e-ofisini yam ndibachazele ukuba abakwenzayo akwamkelekanga. Elo cebo liyasebenza ebantwaneni abasekumabanga aphantsi.
"Xa kungabantwana asebekhulile ndiqale ndibize abazali ndibachazele. Xa beba nomsindo ndiyabachazela ukuba akuzunceda ukubetha umntwana ovuyelela abanye. Icebo kukuba kuthethwe naye ukuze kufunyanwe unobangela wengxaki.
"Xa abantwana bekuGrade 6 okanye u-7, ndithetha nabantwana abachaphazelekayo, ndibashiye e-ofisini yam ndithi mabathethe ngengxaki yabo, bangalwi.
"Amaxesha amaninzi iyasombululeka ingxaki yabo bakuthetha ngayo.
"Omawukwazi kukuba xa umntwana wakho esoyika kwaye eziva ngathi uyavuyelelwa ngabanye, ngenene ke kunjalo. Ifuna ukulungiswa ingxaki yakhe, ingabethiswa ngoyaba."
Ukubek' ityala
Ingxaki iba kukuba abantwana abatsho xa bevuyelelwa ngabanye, ngoko nguwe ekufuneka usukume wakubona ukuba umntwana unengxaki yokuvuyelelwa, ngokutsho kwengcali yengqondo kwezemfundo, uFelicity Tonkinson.
Ucebisa ukuba uyikwekwe le ngxaki xa uthetha ngayo xa uqonda ukuba umntwana wakho uyoyika ukuyitsho. Mbuze imibuzo enjengokuthi: "Ngubani umfundi ovuyelela abanye kwiklasi yakho" Ngubani othanda ukumvuyelela" Uye athini okanye enze ntoni""
Ungambeki ityala umntwana ngokuvuyelelwa kwakhe, okanye uthi: "Mus' ukuba ligwala."
"Asiloxhoba lokuvuyelelwa elinengxaki. Ngumntwana ovuyelela abanye onengxaki," utsho uFelicity.
Ulumkise nangokuba xa umntwana wakho ekuxelela ukuba uyavuyelelwa ngumntwana othile, ungamxeleli ukuba uza kuyenza ihlebo loo nto nokuba uthi uyoyika loo nto ukuba yaziwe ngabany' abantu.
Oko kufana nokunika umntwana amvuyelelayo ilungelo lokuqhubeka nokumvuyelela.
Umgaqo-nkqubo
"Zonke izikolo zifanele zibe nomgaqo-nkqubo wokulwa nokuvuyelelana kwabafundi, kwaye zibe nezohlwayo ezimiselwe abafundi abavuyelel' abanye," utsho uTonkinson.
Ngokomzekelo iGlenwood Boys High School eseThekwini inenkqubo eyimpumelelo yokufundisa abafundi indlela yokuziphatha.
"Le nkqubo iyanceda ekwenzeni abafundi bazibone belingana," utsho uTrevor Kershaw oyinqununu yesi sikolo.
"Abafundi bakaGrade 8 ukuya kuGrade 11 bayadibana yonk' imihla kusasa baxoxe ngokungahambi isikolo, izinto abazenza emva kwesikolo nangeendlela zokuziqhelisa esikolweni.
"Abafundi bakaGrade 11 bakhuthazwa ukuba babe nobudlelwane obuhle namakhwenkwe asemancinane baze bakwazi ukubakhusela."
Esi sikolo sineminyak' emine sisebenzisa le nkqubo.
"Ndiqinisekile ukuba inegalelo ekuncipheni kweziganeko zokuvuyelelana nokugrogrisana kwamakhwenkwe ali-1 150 afunda apha," utsho uKershaw.
Iyasebenza
Nangona kunjalo kubalulekile ukwazi ukuba nayiphi na inkqubo esetyenziswa sisikolo ukulwa ukuvuyelelana kwabafundi, isebenza xa yenziwe sisikolo sonke, ukusuka kwikomiti elawula isikolo, abazali, iititshala nabafundi ngokwabo.
"Kufuneka bonke abo bantu babe negalelo ekuqulunqweni nasekusetyenzisweni kwaloo nkqubo," utsho uFelicity.
Ngaphezulu loo nkqubo kufuneka icacise ukuba yintoni eyamkelekileyo nengamkelekanga.
"Eyona nto ibalulekileyo ekulweni nokuvuyelelana kwabafundi kukubafundisa ukungoyiki ukutsho nantoni na nokuqinisekisa ukuba bayazi ukuba mabaye kubani xa befun' uncedo." [x]
Khusela umntwana wakho kubavuyeleli!
kubhale uVIVIAN ATTWOOD
BONA XHOSA - February 2008
UMtshali ebonisa ngobhushu owohluthwa kumfundi owayefuna ukuziphindezela ngawo kumfundi owayemvuyelela.
u
t
BONA XHOSA - February 2008
Abantwana kufuneka bafunde ukutsho okungaphakathi kubo ngaphandle koloyiko
Iimpawu ezilumkisayo
Ubona njani ukuba umntwana wakho uyavuyelelwa" Jonga ezi mpawu...
Ukusoloko 'elahlekwa' yimali omphe yona ukuba ayitye esikolweni.
Ubuya enemikruzuko, ukusikeka nomnye umonzakalo.
Ukubuya neempahla ezikrazukileyo.
Ukubelwa izinto zakhe.
Ukuba namaxesha okuthi khunubembe; angathethi; ukuba namaxesha okulila nokuba nengcwangu.
Ukuyeka ukudlala nabahlobo.
Ukuqala ukungaqhubi kakuhle emsebenzini wesikolo.
Ukungabi nabuthongo.
Ukungathandi kutya.
Ukuxhalaba nokudakumba.
Ofanele ukwenze
UFat Charlie uthetha ngokuvuyelela...
SIBONE kuyinto entle mlisela nomthinjana ukuba siqwele inqaku leBONA elithetha ngabantwana abavuyelela abanye ngokuba uFat Charlie abhekise kwabo benza lo mkhwa. Uyicingile into yokuba kuza kunceda ngantoni oku.
Kuvakala kuyinto entle ukubona umntwana owaziyo ukuba uvuyelela abany' abantwana efunda eli nqaku aze acinge nangokuwuyeka lo mkhwa mbi. Qha ke abantwana abawenzayo abenzi kanjalo, oku kuyinxalenye yento ebenza bavuyelele abanye.
Wena kungenzeka uyiyeke into embi obuyenza emva kokufunda ngobubi bayo, kodwa abantwana abavuyelela abanye abenzi njalo. Kaloku bazizibhanxa ezingamavila. Abathandi kufunda kwanto, ndingasathethi ke ngenqaku elikwimagazini abalibona lingabhadlanga.
Kaloku umntwana owenza lo mkhwa akawuboni ukuba awulunganga. Kuyenzeka kodwa ngaphakathi kuye aqonde ukuba akwenzayo akulunganga.
Nangona kunjalo akwenzeki ake azicinge xa kunguye ovuyelelwayo. Akayiboni intlungu ayivisa abanye abantwana.
Oko kwenziwa kukuba abantwana abavuyelela abanye nabo babevuyelelwa ngabanye - kunokwenzeka nokuba basavuyelelwa ngabantu abathile, ngoko ingqindi abethwa ngalo kunokwenzeka ukuba naye uza kulifumana komnye umntu.
Oko bayakufunda baze bashiyeke bengenanto bayaziyo ngaphandle kokuvuyelel' abany' abantwana.
Ingaba oko kufanele kusenze sibaxolele" Asinakubaxolela, kodwa kufuneka sikwazi ukumelana nabo.
Ingaba nawe ulixhoba lokuvuyelelwa" Yazi oku: nokuba ugeza kangakanani, ufanele umsizele. Uya kusoloko womelele kunaye!
Usenokungakwazi ukumyekisa ukukuhlupha, kodwa ungawubamba umsindo wakho.
Nokuba wenza ntoni na, ungamvumeli umvuyeleli akungene entloko. Ungachithi ixesha lakho ngokuzikhathaza ngaye.
Xa ekuhlupha, khumbula ukuba: icebo kukuhamba kwindawo akuyo.
Into omawuyazi kukuba awulogwala ngokuxelela ititshala ngomfundi okuvuyelelayo.
Oko kufana nokuya kugqirha xa ugula kuba awunako ukuzinyanga ngokwakho kwaye awuguli kuba uthanda, ngoko akwenziwa nguwe ukuvuyelelwa ngabantwana.
Xa ititshala oyixeleleyo ingakuncedi, yiya kuxelela enye.
Abany' abantu abadala abakwazi ukuvuyelelwa - kungenjalo basenokuba bavuyelela abanye nabo - ngoko ungalindeli ukufuman' uncedo kumntu wokuqala.
UFat Charlie ufuna ukukuxelela noku kubalulekileyo...
Usenokuba wena awubavuyeleli abany' abantwana, kodwa xa ubona umntwana evuyelelwa ngomnye uze ungenzinto ngaloo nto, okanye uyamhleka umntwana ovuyelelwa ngomnye, ungoyena wenaza into embi ngaphezu komntwana ovuyelela abanye!
Umntwana obetha athuke abanye kuba ebavuyelela uyafana nesaphuli-mthetho, ngoko xa ungamnqandi ufana noyithandayo into ayenzayo kwaye oko kungamkhokelela ekwenzeni ulwaphulo-mthetho olubi kakhulu.
Nawe kunokwenzeka ngeny' imini kuvuyelelwe wena, xa ke ubungabancedi abany' abantwana bangakunceda njani wena"
Ongakwenza!
u Khuthaza isikolo somntwana wakho sibe nenkqubo yokulwa nokuvuyelelana kwaabantwana.
u Qinisekisa ukuba uyazazi iimvakalelo zomntwana wakho ngokumkhuthaza ukuba athethe ngeengxaki zakhe.
u Ungalubethisi ngoyaba uloyiko lomntwana.
u Khuthaza umntwana wakho ukuba avane nabanye, kwaye akhe ubuhlobo obunokuthembana.
u Qinisekisa ukuba uyazi ukuba akwenziwa yimpazamo ayenzileyo ukuvuyelelwa kwakhe.
u Funda ukuzibamba ungabi neengcwangu xa kukho into ongayithandiyo. Kaloku umntwana ufunda kuwe.
u Fundis' umntwana wakho ukuzithemba. Umntwana ozithembileyo akanakufane abe lixhoba lokuvuyelelwa.
Fundisa umntwana wakho ukuzithemba. Kaloku umntwana ozithembileyo akululanga ukuba abe lixhoba labavuyeleli.
BONA XHOSA - February 2008
