xhosa.2383.bully
kubhale uVIVIAN ATTWOOD
Le ngxaki iyanda
Khusel' umntwana wakho kubaqhitsi!
UKUQHITSWA komntwana ngabanye kungamenza adandatheke, angazithembi de acinge nangokuzibulala. Ukuqhitswa komntwana ngabanye ngumkhwa ombi ongatshabalalisa ubomi bomntwana. Kumazwe ngamazwe ehlabathi sele ixhaphake kakhulu into yokuqhitswa kwabantwana ngabanye.
Ibangelwa yintoni le ngxaki" Kona yintoni engenziwa ngabazali ukulwa lo mkhwa nokukhusela abantwana babo"
UMbongeni Mtshali oyinqununu yaseVelabahleke Secondary School eMlazi eKZN uthi nangona umgaqo-siseko weli unamalungelo abantwana, abanye abantwana abakakwazi ukuthobela amalungelo abanye.
"Ngumkhwa onenkqayi ukuqhitsana kwabantwana, kodwa kule mihla kwavalwa ukohlwaya ngokubetha akukho nto ungayenza ukuwunqanda ngaphandle kokuthetha nabantwana abaqhitsa abanye - kodwa oko akubayekisi lo mkhwa lonk' ixesha," utshilo.
Akukholwa yeyokosa amaxhoba okuqhitswa, azama indlela ezigabadeleyo zokuziphindezela. Ukucacisa loo nto uMtshali ukhuphe imela enkulu kwiseyifu yakhe.
"Le mela yohluthwa kumfundi owayenomsindo efun' ukuziphindezela kumfundi owayemqhitsa," utsho.
"Wabona kungekho ndlela angawuphelisa ngayo lo mkhwa ngaphandle kokuhlasela umfundi omqhitsayo. Ngethamsanqa wayengekho esikolweni loo mfundi wayemqhitsa ngaloo mini saza samohlutha le mela.
"Abazali badla ngokucel' uncedo kum besithi: 'Sicela usohlwayele lo mntwana' ndibe nam ndingenawo amandla okwenza oko. Kaloku nantoni na endiyenzayo ingandifaka engxakini," utshilo.
UMtshali uthi ingxaki kukuba abantwana sibathanda ngokugqithisileyo.
"Sibathanda ngokungaphaya abantwana bethu. Oko kubenza bakhule bengalindelanga ukudibana neengxaki zobomi. Ukungaqeqeshwa kwabo kubulala iintsapho. Esikolweni sithi emntwaneni: 'Nokuba uyakwenza oku kowenu, awunakukwenza aph' esikolweni.' Aze yena athi: 'Kutheni ndingenakuyenza"'
"Mna ke ndikholelwa kukufundisa umntwana ngemizekelo. Ndiqala ukumqeqesha ngokunyanzela ukunxitywa kweyunifom yesikolo. Emva koko ndilandelise ngokugcinwa kwexesha. Ndifundis' umntwana ukucinga ukuba: 'Kambe esi sisiqalo sengomso lam'," utsho uMtshali.
"Ndide ndibagrogrise nangokubagxotha esikolweni nangona ndisazi ukuba urhulumente akayifuni loo nto. Abantwana kufuneka bazazi iziphumo zezenzo zabo."
Ukubakhathalela
"Kubalulekile nokuba iititshala zibonise ukubakhathalela abafundi. Oko kuyanceda kunike amaxhoba okuqhitswa isibindi sokuxela inkohlakalo eyenziwa kuwo ngabafundi ababaqhitsayo," itshilo enye ititshala.
"Bambalwa abantwana abangeza kuwe bathi: 'Kukho umfundi ondiqhitsayo.' Udla ngokuyiva ngomzali okanye omnye umfundi loo nto.
"Mna ke ndiqale ndithethe nabazali, ndize ndibizele abantwana abachaphazelekayo e-ofisini yam ndibachazele ukuba abakwenzayo akwamkelekanga. Elo cebo liyasebenza ebantwaneni abasekumabanga aphantsi.
"Xa kungabantwana asebekhulile ndiqale ndibize abazali ndibachazele. Xa beba nomsindo ndiyabachazela ukuba akuzunceda ukubetha umntwana oqhitsa abanye. Icebo kukuba kuthethwe naye ukuze kufunyanwe unobangela wengxaki.
"Xa abantwana befunda uGrade 6 okanye u-7, ndithetha nabantwana abachaphazelekayo, ndize ndibashiye e-ofisini yam ndithi mabathethe ngengxaki yabo kodwa bangalwi.
"Amaxesha amaninzi iyasombululeka ingxaki yabo bakuthetha ngayo.
"Omawukwazi kukuba xa umntwana wakho esoyika kwaye eziva ngathi uyaqhitswa ngabanye, ngenene ke kunjalo. Ifuna ukulungiswa ingxaki yakhe, ingabethiswa ngoyaba."
Ukubek' ityala
Ingxaki iba kukuba abantwana abatsho xa beqhitswa ngabanye, ngoko nguwe ekufuneka usukume wakubona ukuba umntwana unengxaki yokuqhitswa, ngokutsho kwengcali yengqondo kwezemfundo, uFelicity Tonkinson.
Ucebisa ukuba uyikwekwe le ngxaki xa uthetha ngayo xa uqonda ukuba umntwana wakho uyoyika ukuyitsho. Mbuze imibuzo enjengokuthi: "Ngubani umfundi oqhitsa abanye kwiklasi yakho" Ngubani othanda ukumqhitsa" Uye athini okanye enze ntoni""
Ungambeki ityala umntwana ngokuqhitswa kwakhe, okanye uthi: "Mus' ukuba ligwala."
"Asiloxhoba lokuqhitswa elinengxaki. Ngumntwana oqhitsa abanye onengxaki," utsho uFelicity.
Ulumkise nangokuba xa umntwana wakho ekuxelela ukuba uyaqhitswa ngumntwana othile, ungamxeleli ukuba uza kuyenza ihlebo loo nto nokuba uthi uyoyika loo nto ukuba yaziwe ngabany' abantu.
Oko kufana nokunika umntwana amqhitsayo ilungelo lokuqhubeka nokumqhitsa.
Umgaqo-nkqubo
"Zonke izikolo zifanele zibe nomgaqo-nkqubo wokulwa nokuqhitsana kwabafundi, kwaye zibe nezohlwayo ezimiselwe abafundi abaqhitsa abanye," utsho uTonkinson.
Ngokomzekelo iGlenwood Boys High School eseThekwini inenkqubo eyimpumelelo yokufundisa abafundi indlela yokuziphatha.
"Le nkqubo iyanceda ekwenzeni abafundi bazibone belingana," utsho uTrevor Kershaw oyinqununu yesi sikolo.
"Abafundi bakaGrade 8 ukuya kuGrade 11 bayadibana yonk' imihla kusasa baxoxe ngokungahambi isikolo, izinto abazenza emva kwesikolo nangeendlela zokuziqhelisa esikolweni.
"Abafundi bakaGrade 11 bakhuthazwa ukuba babe nobudlelwane obuhle namakhwenkwe asemancinane baze bakwazi ukubakhusela."
Esi sikolo sineminyak' emine sisebenzisa le nkqubo.
"Ndiqinisekile ukuba inegalelo ekuncipheni kweziganeko zokuqhitsana nokugrogrisana kwamakhwenkwe ali-1 150 afunda apha," utsho uKershaw.
Iyasebenza
Nangona kunjalo kubalulekile ukwazi ukuba nayiphi na inkqubo esetyenziswa sisikolo ukulwa ukuqhitsana kwabafundi, isebenza xa yenziwe sisikolo sonke, ukusuka kwikomiti elawula isikolo, abazali, iititshala nabafundi ngokwabo.
"Kufuneka bonke abo bantu babe negalelo ekuqulunqweni nasekusetyenzisweni kwaloo nkqubo," utsho uFelicity.
Ngaphezulu loo nkqubo kufuneka icacise ukuba yintoni eyamkelekileyo nengamkelekanga.
"Eyona nto ibalulekileyo ekulweni nokuqhitsana kwabafundi kukubafundisa ukungoyiki ukutsho nantoni na nokuqinisekisa ukuba bayazi ukuba mabaye kubani xa befun' uncedo." [x]
BONA - August 2007
Ukuba lixhoba lokuqhitswa ngomny' umntwana kungabutshintsha ubomi bomntwana wakho. Funda indlela yokunqanda lo mkhwa...
Abantwana kufuneka bafunde ukutsho okungaphakathi kubo ngaphandle koloyiko
3RD PAGE O/FLOW HEAD (IF NECESSARY):
BONA - August 2007
Ongakwenza!
u Khuthaza isikolo somntwana wakho sibe nenkqubo yokulwa nokuqhitsana nabantwana.
u Qinisekisa ukuba uyazazi iimvakalelo zomntwana wakho ngokumkhuthaza ukuba athethe ngeengxaki zakhe.
u Ungalubethisi ngoyaba uloyiko lomntwana.
u Khuthaza umntwana wakho ukuba avane nabanye, kwaye akhe ubuhlobo obunokuthembana.
u Qinisekisa ukuba uyazi ukuba akwenziwa yimpazamo ayenzileyo ukuqhitswa kwakhe.
u Funda ukuzibamba ungabi neengcwangu xa kukho into ongayithandiyo. Kaloku umntwana ufunda kuwe.
u Fundis' umntwana wakho ukuzithemba. Umntwana ozithembileyo akanakufane abe lixhoba lokuqhitswa.
Iimpawu ezilumkisayo
Ubona njani ukuba umntwana wakho uyaqhitswa" Jonga ezi mpawu...
Ukusoloko 'elahlekwa' yimali omphe yona ukuba ayitye esikolweni.
Ubuya enemikruzuko, ukusikeka nomnye umonzakalo.
Ukubuya neempahla ezikrazukileyo.
Ukubelwa izinto zakhe.
Ukuba namaxesha okuthi khunubembe; angathethi; ukuba namaxesha okulila nokuba nengcwangu.
Ukuyeka ukudlala nabahlobo.
Ukuqala ukungaqhubi kakuhle emsebenzini wesikolo.
Ukungabi nabuthongo.
Ukungathandi kutya.
Ukuxhalaba nokudakumba.
