XHOSA.142.yourfamily_child
Ubuciko boonomngqusho
Ukuthenga izinto zeKrismesi nomntwana
Enye yezinto ezinzima kumzali kukuya kuthenga ehamba nabantwana ingakumbi xa ethengela iKrismesi.
Izibane ezikhanya ngamandla, umculo, nezinye iziphazamiso zenza kube nzima ukumhoya ngokupheleleyo umntwana wakho. Yiyo kanye loo nto eyenz' ukuba umntwana abenomsindo. Eyona nto ibhetele ongayenza kukuba ungahambi nabantwana xa uyokuthenga izinto zeKrismesi, kodwa awunako ukubaphepha. UJudy Ford, oyingcali kwezobuzali, usinika amacebo okumelana nale meko.
Abantwana bayakhawuleza ukudikwa. Xa kunyanzelekile uhambe nabo, khawulezisa. Abantwana abasabhadazayo banyamezela iiyure ezi-2 ukuya kwezi-3, abangaphezulwana kunaba banganyamezela iiyure ezine.
Kulula ukuba umntwana wakho avuye onwabe xa kusiyiwa kuthengwa izinto zeKrismesi. Ukuze angaziphathi kakubi, mxelele ukuba kufuneka aziphathe njani kungekahanjwa. Akuyonto imbi ukumthembisa into xa eye waziphatha kakuhle.
Kuhle ukuphatha ukutya kokulibazisa okusempilweni akuthandayo umntwana wakho njengeyogathi okanye isiqhamo asithandayo. Zamela ukuba umntwana wakho angatyi ukutya okungenampilo kuba oku kungamgulisa okanye kumenze angalawuleki.
Abantwana bayathukuthezeleka kwiindawo zoluntu, ingakumbi xa bediniwe okanye belambile. Qiniseka ukuba nobabini nityile kwaye niphumle.
Ukuhamba kuyadinisa ebantwaneni abancinane. Qiniseka ukuba banxibe iimpahla nezihlangu ezibenza bakhululeke. Thenga endaweni enye.Akulunganga ukuhamba ukhangela izisulu uhamba nabantwana.
ICEBO: Ezinye iindawo zokuthenga ezinokrozo lweevenkile zinendawo elungiselelwe abantwana. Jonga ukuba indawo oya kuyo inayo na indawo enjalo. [x]
Wenza ntoni esikolweni?
Ndibhala izinto encwadini.
Ubhala ntoni?
Yonk' into endifuna ukuyibhala kuba utsho njalo utitshala.
Ithini inombolo yakho ye-ID?
Ngumhla woku-1 ku-Agasti.
Utata wakho uneminyaka emingaphi?
Mdala kodwa akamdalanga kakhulu.
Ingaba uyasebenza?
Ewe, usebenza emapoliseni. Ubamba abantu abangalunganga.
Abantu abangalunganga benza ntoni?
Bayeba izinto.
Ufuna ukuba yintoni xa umdala?
Ndiza kuba ngugqirha, ndisebenze esibhedlele ndincede abantu.
UMNTWANA WAKHO
Kule nyanga sincokola noMpendulo Nkosi oneminyaka emithandathu waseVryheid KwaZulu-
Natal
Ukuba unqwenela "sidlan' indlebe" nonyana okanye intombi yakho eneminyaka ephakathi kwemithathu nemithandathu, sibhalele kule dilesi: BONA/Kidspeak, Box 473014, Parklands, 2121. Sithumelele ifoto yakhe usinike nenombolo yomnxeba esiza kukufumana kuyo emini.
UMZALI OYINDUMASI
Umsasazi wezemidlalo uCarol Manana usixelela indlela esingenza ngayo ukubonisa abantwana bethu uthando
UCAROL ungumzali ongatshatanga wamakhwenkwe amathathu kwaye ukholelwa ekubeni wonke umzali unoxanduva lokunika inkuthazo emntwaneni wakhe. Ngaphandle kokutya, indawo yokufihl' intloko nemfundo, abantwana bafun' ikhaya elinothando. Ukuze bazive bekhuselekile kwaye bazithembe, bafuna inkxaso nenkuthazo yakho. UCarol uyasicebisa:
Konwabele ukubona abantwana bakho ubabulise ngokubawola okanye ubancamise maxa onke.
Sebenzisa amazwi enkuthazo kuba oko kwenza umntwana azithembe.
Dlala nabantwana bakho. Oku kuza kubenza bazive bebalulekile.
Bavuze abantwana xa benze kakuhle. Oku akuthethi kuthi bathengele izipho - ukuthi nje "wenze kakuhle" okanye wongeze imizuzu engama-30 udlala nabo umdlalo
we-TV abawuthandayo kwanele.
Zama kangangoko ukuba ubekho kumatheko abo esikolo, okanye imidlalo.
Ukuba umntwana wakho wenze into embi, thetha naye ngakwenzileyo, kodwa ungamsoli.
Umqulunqi: Kamogelo Sebola
