xhosa.2376.beauty
Iinzipho
EZINTLE!
BUKEKA
SELE kuyinto exhaphakileyo ukufakela iinzipho ezithengwayo nokulungisa iinzipho zakho zendalo zibukeke kweli lizwe eliyibeka phambili inkangeleko yomntu yangaphandle.
Zintathu iindlela ingcaphephe yeenzipho engalungisa ngayo iinzipho zakho - igel, i-acrylic, okanye isilk. Zonke zenziwa ngeendlela ezingafaniyo, kwaye inye isetyenziselwa uhlobo oluthile lweenzipho.
I-Gel system
"Le indlela yeyona isondele kwindalo. Ayinavumba, ilungele nabani na ongasebenziyo ngamachiza. Yeyona ithandwayo kwezi zintathu, kwaye ke ayifane izonakalise iinzipho zakho zendalo," utsho uMariette de Vaal weBlue Earth Salon eseDurban North.
Igel uyiqaba ngokufanayo nenail polish kwaye ke ukhetha iFrench polish okanye igel enombala ize iqatywe ezinzipheni.
"Singafakela amaceba ekupheleni kweenzipho ukongeza ubude, afika emade kakhulu kodwa uyakwazi ukuwanciphisa ngokuwacheba, wenze ubude obuthandayo," utsho uMariette.
Le gel ihlala iiveki ezintathu ukuya kwezine, kuye nangokuba uziphethe kakuhle na okanye kuye nangokukhula kweenzipho zakho.
I-Acrylic system
Noxa ingeyiyo eyendalo njengegel system, i-acrylic yona yomelele. Kusetyenziswa umgubo namanzi athile kunxuzwa ibrashi enkulu kula manzi kuqala, ize ifakwe emgubeni ibunjwe ibe ligaqa phambi kokuba yakhelwe eluziphweni. Ilungele kakhulu abantu abathanda ukutya iinzipho okanye abasebenza ngezandla.
Yeyona inobuchule. "Ungenza okuninzi nge-acrylic kuba ifumaneka ngemibala emininzi kwaye yomeleza iinzipho ezibhetye-bhetye, ngoko ikulungele ukuhombisa iinzipho," utsho Mariette. Ihlala iiveki ezi-3 ukuya kwezi-4 kuye nangokukhula kwazo.
I-Silk system
Le indlela ayixhaphakanga. "Kulula ukuyenza. Ufakela nje icwecwe lesilika elibekwa phezu kozipho.
Kodwa okubi ngayo kukuba isebenzela abantu abazihoyileyo iinzipho zabo, kodwa iyahlala," utsho uMariette. Le kuphela kwendlela engaphumi nemibala, ingcaphephe eyenza iinzipho iwuqaba ngokwayo umbala xa umntu ewufuna.
Lithini ixabiso?
Iinzipho ezinamaceba ziyi-R300. "Kuxhomekeke nakwimeko yeenzipho zakho: Ukuba uyazinonophela kwaye zinde ngokwaneleyo, akukho mfuneko yamaceba," utsho uMariette.
Ukuzivuselela rhoqo emva kweeveki ezimbalwa kuxabisa phakathi kweR150 ne-R180. [x]
72 BONA XHOSA July 2008
GALLO
OMAWUKUKHUMBULE NGEENZIPHO EZIFAKELWAYO
Zifuna ukunonophelwa.
Zigcine zicocekile kuba kuzo zontathu ezi ndlela usecicini lokufumana ifangasi. Ukuba ziqala ukuphakama, bonana nengcaphephe ngokukhawuleza izilungise.
Nxiba iiglavu xa usenza imisebenzi yasekhaya - oku kunceda iinzipho zihlale ixesha elide.
Qiniseka ukuba umntu okufakela iinzipho ukufundele oko.
Ukusebenza nokudlala kungakwenzela ingxaki ezandleni, kodwa luninzi uncedo, xa iinzipho zakho zophukile, zikhuthukile okanye zilunyiwe... Kubhale uCharis Dawson
