xhosa.2366.pastor
BONA XHOSA - November 2007
kubhale kwafota uTHANDI ZULU
NABANTU abangakhonzi ebandleni likaMfundisi Vusi Dube bayamazi ngokuva iintetho zakhe ezikhuthazayo kuKhozi FM nokufunda umhlathi wakhe kwiphepha-ndaba eliphuma kanye ngeveki. Abanye basenokuba bakhe badibane naye kuhambo lweAbstinence Walk (uhambo olukhuthaza ukuzikhwebula kwisondo) olubakho rhoqo ngonyaka nelunjongo yalo ikukufundisa abantu ngobhubhani weHIV/AIDS.
Xa echaza imvelaphi yakhe uthe "wakhula engumfana engazi ukuba unobizo lokushumayela iindaba ezilungileyo."
Kodwa ngoku unika ithemba abantu abaninzi abaphila neHIV/AIDS.
UVusi wazalelwa ePietermaritzburg kwaye wakhula ekholelwa ekubeni umntu ufanele umnike ithuba elimfaneleyo ebomini.
"Ndilizibulo kusapho olunabantwana abane kwaye ndakhulela kusapho olumkhonzayo uThixo. Into endayifundayo ekukhuleni kwam kukuba nethemba.
"Nkqu naxa iimeko zimaxongo ndandingalilahli ithemba kwaye oko kundincedile ebomini bam," utsho.
UMfundisi Dube ukholelwa ekubeni xa unokholo zonk' izinto onethemba lazo ungaziphumeza.
"Kodwa abantu abaninzi bayoyika ukwenz' izinto ezintsha kuba besoyika ukoyisakala. Xa ungazange woyisakala oko kuthetha ukuba akuzange wayilinga into entsha," utshilo.
Njengomntu osoloko eqal' izinto ezintsha uDube nenkosikazi yakhe engugqirha uTaki, bavula iziko ekuthiwa yiCentre Of Hope Clinic ngo-2001.
Wadibana noTaki ngo-1996 kwaye balizwe ngabantwana ababini uTehilah (8) noRuth (5).
"Abantu abeza kwiziko lethu befuna umntu oza kubanika ithemba ngobomi, hayi umntu oza kubagxeka. Bayazi ukuba ayinakunyangeka iHIV abanayo, bona bafuna nje ukuthandwa," utsho uMfundisi Dube.
Akumangalisi ke ukubona amawaka olutsha oluhamba enkonzweni yakhe.
Imiceli-mngeni
UMfundisi Dube wafundela ubutitshala kwaye ubesoloko ezibandakanye namaphulo oluntu ukususela oko waqala ukuzibandakanya neCare Centre esePietermaritzburg engumbutho ongekho phantsi korhulumente ofundisa ubugcisa nenkcubeko.
UDube wagqobhoka eDurban Christian Centre ngo-1998 waza wagqiba ekubeni afundele ubufundisi.
"Oko kwandenza ndajongisisa ukuba ndingawenza njani umahluko," utshilo.
"Esikolweni sabefundisi ndaqala inkqubo yokondliwa kwabantu neyokunik' abantu ithemba. Emva koko kwabakho imfuneko yokunceda abantu abaneHIV."
UMfundisi Dube waqonda ukuba ithemba lisebenza kakuhle kwindawo enik' inkxaso, waza washiya eDCC ngo-2004 waya kuzivulel' elakhe ibandla.
"Ibandla lethu lisekelwe eluntwini, yiloo nto ndabona kukho imfuneko yokuba sivule iCentre Of Hope Clinic," utshilo.
Eli ziko lixhobisa uluntu ngolwazi oluyimfuneko ngentsholongwane yeHIV ukuze lwenze izigqibo ezizizo ngempilo yalo nangeyezizalwane zalo.
Likhuthaza ukongiwa kwabantu abagulayo ukanti likwafundisa uluntu iindlela zokuthintela ukusasazeka kweHIV.
Uhambo
Ukukholelwa kwakhe kumaphulo abandakanya uluntu kwenze uMfundisi Dube waqala uhambo lwaminyaka yonke lweAbstinence Walk.
Kolu hambo kuphuma abantu abangama-30 ebandleni lakhe abathabatha uhambo lomgama we-250km olugqitha kwiindawo ngeendawo behamba bethetha nabantu bebakhuthaza ukuba bazikhwebule kwisondo bengekatshati, bayeke iziyobisi, utywala nolwaphulo-mthetho. Bakwakhuthaza nabantu ukuba baye kuvavanyelwa intsholongwane yeHIV.
"Uhambo olulandelayo silucwangcisele uMatshi 2008 kwaye luza kusuka Empangeni luye ePongola. Sizimisele ukuhamba umgama ophakathi kwe-30km ne-35km ngemini," utsho uMfundisi Dube.
"Sikhuthaza ukuziphatha kakuhle kwabantu nokubenza babuxabise ubomi babo. Asijonganga ingxaki kagawulayo kuphela, sikwazama nokulwa ulwaphulo-mthetho nokusetyenziswa kweziyobisi," utsho.
Utyelela neentolongo namaziko emfundo ephakamileyo eshumayela umyalezo wethemba.
"Kuyandanelisa ukudibana namabanjwa azibona engenakuba samkelwa luluntu, size siwaqeqeshe abe ngabeluleki bamabanjwa ebevalelwe nawo, sincede nokujika ingqondo yabesecinga ukuzibulala.
"Ndiyavuya nakukubona abantu ebebengamahenyukazi athengisa ngomzimba enkonzweni yam," utshilo uMfundisi Dube. [x]
'Xa ufun' eziny' iinkcukacha ngeCentre Of Hope Clinic, fowunela le nombolo: 031-304-3734.
Indlela uMfundisi Dube anika ngayo ithemba nathuthuzela ngayo uluntu lwakowethu...
Kufuneka ube nokholo olomeleleyo
Apho kuphilwa ngethemba
KUDE EKHOHLO NASEKUNENE: UVusi nomfazi wakhe uTaki bedlala neentombi zabo uRuth noTehilah.
EKUNENE: UMfundisi Vusi Dube nowakwakhe uTaki bayaqhubeka nokusebenza kwiiprojekthi zoluntu ezintsha.
BONA XHOSA - November 2007
