xhosa.2359.pep
84 BONA - March 2008
Intuthuzelo ngexesha losizi
Musa ukuxhalaba ngeendleko zokungcwaba
XA intsimbi yecawa ikhala, bonke abantu baqonda mhlophe ukuba kukho ilungu lecawe elisutywe kukufa.
Kwakhona wonke ubani uyazi ukuba kunzima ukushiywa ngumntu ikhaya ebelixhomekeke kuye. Inkonzo yesingcwabo endilisekileyo iqikelelwa ukuba iqala kuma-
R20 000. Oku kuquka:
Umkhumbi, iimpahla nenqwelo yomfi.
Iimpahla zosapho lomfi.
Iintyatyambo, isidlali-mculo okanye eyokuthath' imifanekiso.
Intente nezithuthi ezilungiselelwe usapho nezihlobo.
Ukutya nemihombiso yentente.
Mhlawumbi ungafuna kuthathwe nemifanekiso yevidiyo.
Ngoko ke amaxesha amaninzi, usizi enikulo longezwa ziintlungu zokuhlazeka ngenxa yemizamo yokubolek' imali kwizihlobo, abahlobo nabaqeshi ukuze nibenakho ukuwuthwala umsebenzi welungu losapho elisutywe kukufa ngesaquphe.
Kodwa nabani na ongaphantsi kweminyaka engama-65 angakhuselwa kule ngxaki ukuba uya kwivenkile yakwaPep athenge iPEP Funeral Policy. Nayiphi na imali ekhutshwayo ayinarhafu kwaye uyifumana zingaphelanga iyure ezingama-48 xa uswelekelwe.
Zikhethele
Khetha phakathi kweSilver Family Funeral Policy i-R19,99 ngenyanga. Okanye iGold Family Funeral Policy kuyo uhlawula i-R34,99 ngenyanga.
Iquka iqabane elinye, ungabafaka nabantwana abahlanu kwipolisi yakho. Imali eza kukhutshelwa abantwana ixhomekeka eminyakeni yabo nohlobo lwepolisi oyikhethileyo.
Abanye abathengi bathanda ukuthenga ikhava yenyanga phambi kwala maxesha anobungozi, njengePasika neKrisimesi. Kodwa ukuba uyaqhubeka nokuhlawula rhoqo ngenyanga,ukusukela kwiinyanga ezintandathu ukuya phambili usapho lwakho luza kukhuseleka naxa bebulewe kukugula okuziveleleyo.
Xa umntu esweleke ngokugula iSilver Policy yakho ihlawula i-R5 000 ize ihlawula i-R10 000 xa umntu ebulewe yingozi; ngelixa iGold Policy yona ihlawula i-R10 000, ize ibeyi-R20 000 xa eswele ngengozi. Kwaye akukho mfuneko yakuxilongwa!
Ibhaliswe ngaphantsi kwabanikezi zinkonzo zemali abagunyazisiweyo bakwaHollard Life. U-PEP umele abakwaHollard. Ukufumana ulwazi oluthe vetshe, tsalela kwaHollard kwinombolo mnxeba yabo ethi: 0860-737-7777.[x]
Ukhuseleko olulula, olufumaneka kwangoko
Yiya kwaPEP, khetha iSilver okanye iGold PEP Family Funeral Policy evenkileni, uhlawule ethilini, unike umamkeli-mali inombolo yakho yomnxeba - akukho mfuneko yeencwadi zebhanki.
Wena nosapho lwakho sele nikhuselekile ngoko nangoko xa kukho osutywa kukufa ngengozi.
Zingaphelanga iiyure ezingama- 72 ubhatele,abakwaHollard baqhagamshelana nosapho kunye nababhaliselwe ukufuman' imali ukuze bafumane iinkcukacha zabo.
Qho ngenyanga uzakufuman' iSMS ekukhumbuza ukuba uhlawule imali yakho yenyanga. Kubalulekile oku ukuze ukhuseleke.
Ungahlawula ngemali kwaPEP okanye itsalwe ebhankini yakho.
inqaku elihlawulelweyo
BONA XHOSA - March 2008 85
