xhosa.2356.church
ABANTU BETHU
IIMVABA ngeemvaba zeli ziqhubela iinkonzo zazo nakwiindawo obungenakuzicinga - njengaphantsi kwemithi. Kubo akukho ndawo bayibona engafanelanga ukudunyiswa kuyo uThixo, kwaye oko kuyakuchukumisa nokuba wena ukhonza kweliphi ibandla.
Uncedwa sisivatho ukuze ukwazi ukwahlukanisa amabandla amaninzi abapostile kweli anezigidi zamarhamente.
Kutheni amabandla enezivatho ezahlukeneyo nje? Ingaba ikho into ethethwa yimibala yazo?
"Umbala omdaka nomhlophe yimibala yethu," utsho uBhishophu Ben Donaldson Padi oyinkokeli yeHoly Ebenezer Apostolic Church.
Ngokutsho kukaBishophu Padi, le mibala inamandla "okuphilisa". Kaloku uPadi ungumprofethi onyang' abantu abagulayo ngamanzi angcwele, umthuthu ongcwele nesiqhumiso.
Ngokutsho kwakhe ngelingekho ibandla leHoly Ebenezer Church namhlanje ukuba bebengayisebenzisi le mibala.
Baqala ukuyisebenzisa ngolu hlobo...
U-Archbishop Daniel Batho Shuping ongasekhoyo ongumlanya kaPadi nongumseki weli bandla wayenengulo yesifuba.
"Imeko yakhe yaba mandundu. Saphelelwa lithemba lokuba uza kuphila kuba wayebhitye engumcinga. Oogqirha besoyiswa kukumnyanga kwaye usapho lwamncama emva kokulaliswa esibhedlele," utsho uPadi.
Emva koko uShuping waba nombono - kuloo mbono waxelelwa ukuba angaphila xa engasebenzisa umbala omdaka nomhlophe.
Wachacha ngokumangalisayo emva koko, wakhutshwa esibhedlele.
"Sasiba nemithandazo rhoqo siphilis' abant' abagulayo kuyo. Umlanya wam waba ngumprofethi onemibono waza waseka ibandla," utsho uPadi.
Isivatho samabhinqa angamarhamente alo sasingumnqwazi omhlophe ophethwe ngombala omdaka, itophu emhlophe nesikeyiti esimdaka. Amadoda ayenxiba isivatho esimhlophe namdaka nawo.
Waluphala uShuping wangakwazi ukuya kwiindawo ngeendawo ezinebandla lakhe. Aphela amasebe eziny' iindawo kwashiyeka elise-Orange Farm.
Amalungu osapho aba namaxesha "okutyelelwa" ngamahobe anombala omhlophe nomdaka. Kwangena amahobe amabini emzini wodadeboPadi ahlala phezu kwefriji.
"Oko sakubona njengophawu lokuba sifanele silivuselele eli bandla. Sathunga izivatho ezinombala omhlophe nomdaka, kodwa saqonda ukuba asinako ukuvuselel' ibandla engekho u-Archbishop Shuping.
"Sammemela enkonzweni, kodwa sangamxeleli ukuba siza kuvuselela ibandla owalisekayo."
Ibandla lavuselelwa ngaloo mini ngeentsikelelo zakhe.
"Ayikhethwa ngumntu imibala yesivatho sebandla. Ikhethwa nguThixo encediswa zizinyanya," utsho uPadi.
IMIBALA yezivatho yamabandla esintu inento eyithethayo, utsho u-Archbishop Mshengu Muzi Tshabalala webandla leBelievers In Christ engaphantsi kwe-Ikhaya Le Zion enamabandla angaphezulu kwama-500 amaZiyoni angaphantsi kwayo.
"Umbala oluhlaza okwesibhaka-bhaka umele usindiso. Usindiso ke luvela kuThixo kuphela," utsho uTshabalala.
"Umbala oluhlaza okwengca umele ubomi. Silibandla eliphilis' abantu ngokubabek' izandla. Umbala oluhlaza umele ukuphiliswa emzimbeni nasemphefumlweni. Ukwabonisa ubudlelwano obuhle onabo noThixo.
"Umbala omhlophe umele ubungcwele nobunyulu. Isivatho sethu kufuneka sibengcwele. Awunakuthi ungcwele ibe intliziyo yakho izele ububi. Umbala obomvu ugxoth' imimoya engendawo, ukanti ophepli umele ubukumkani. Kaloku njengoonyana neentombi zikaThixo, siziindlalifa zobuKumkani bukaThixo. Otyheli umele uxolelo yaye ugxotha nezihendo," utshilo uTshabalala.
Mininzi ke nemithetho elawula izivatho zamaZiyoni. Zithungwa ngabantu abathanda-zelweyo nabahla-njululweyo.
"Asithengwa isivatho evenkileni. Abathungi bazo benza isifungo sokuba baya kuzithunga benyulu. Kufuneka bazile ukutya bangabi neendibano zesondo xa bezithunga. Nomnxibi wesivatho kufuneka "acoceke." Oko kuthetha ukuba makangaseli, angatshayi okanye asebenzise amayeza esinxibile.
AMADODA ebandla leGuta Ra Mwari elasekwa eZimbabwe anxiba isivatho sekhakhi engathi yeyamajoni. "Kaloku singamajoni kaThixo alwa nemimoya kasathana," utsho umvangeli u-Andrew Ratema ongusekela-sihlalo weGuta Ra Mwari eMzantsi Afrika.
Esi sivatho siquka ibhanti ebotshwa esifubeni nebotshwa esinqeni.
"Abashumayeli nabafundisa amarhamente ebandla banxiba ihempe emhlophe nothayi wekhakhi ekuthiwa sisambatho sikaNjengele," utsho u-Amos Mbangiseni ongunobhala weli weGuta Ra Mwari.
Libhinqa elalibizwa ngoMama Chaza owaqhekeka kwiMethodist Church waya kuthandazela aphilise abantu ezitratweni owaseka iGuta Ra Mwari ekuligama lesiShona elithetha "isiXeko sikaThixo."
UMbangiseni uthi amabhinqa alo anxiba isivatho esimhlophe ukusuka entloko kuye ezinyaweni.
Njesabo isivatho asithengwa evenkileni. "Usithenga ebandleni kuphela," utsho uMbangiseni.
Iimvaba ngeemvaba azivumelani kwimiba ethile ngobuKrestu, kodwa ukuba nezivatho kwazo kuyazimanya. Nokuba azifani, kuwo simele into efanayo - ukuzinikela nokwenza isifungo sokukholwa ekulinyathelo elincomekayo kule mihla yeembandezelo. [x]
Udumisa uThixo ngomculo - ithetha ntoni imibala ayinxibileyo?
BONA XHOSA August 2008
SIQHAQH' IBHOLO!
Okuthethwa
UBhishophu Ben Donaldson Padi (ohleliyo) weHoly Ebenezer Apostolic Church namanye amarhamente ebandla.
zizivatho zamabandla
Iimvaba ngeemvaba zeli zahlukaniswa ngezivatho zazo ukanti zikhonzela kumagumbi ezikolo, emathafeni nasezigaraji zemizi ethile. Ungatsho ukuba abantu baseMzantsi Afrika bamdumisa ngemibala eyohlukeneyo uThixo. Sithe makhe sijonge ezinye zezi zivatho nezikuthethayo... Kubhale uForce Khashane
Amarhamente eGuta Ra Wari Church. Njengoko nibona amabhinqa anxiba isivatho esiyeleleyo kweseMethodist Church.
BONA XHOSA August 2008
Amabhinqa namadoda amaZiyoni esenkonzweni. Umbala oluhlaza umele usindiso lwebandla lamaZiyoni. Otyheli ugxotha uhendo, ukanti omhlophe umele ubungcwele.
Kwayithabatha malunga neminyaka eli-10 iSt Paul's Apostolic Faith Mission International "ukuyila" isivatho sayo, utsho u-Archbishop Peter Kelelo Moloi oyinkokeli yeli bandla ngoku.
"Utat' omkhulu wayesiboniswa yonke loo minyaka isivatho sebandla."
UMoloi ukwathe uyis' omkhulu waboniswa nokuba ngeny' imini elo bandla liya kukhokelwa ngumzukulwana wakhe oya kulenza libenozinzo.
"Kwenzeka ke ngenene oko. Xa ndandingena ezihlangwini zikatata zazingevani iinkokeli zebandla, kodwa ndayisombulula mna loo mbambano," utsho uMoloi.
BONA XHOSA August 2008
YAKHIWA IMINYAKA ELI-10
Amabhinqa eGuta Ra Mwari ecula eqhwab' izandla.
U-Archbishop Peter Kelelo.
