xhosa.233.Project
Bona
Amakhasi eProjekthi
BONA XHOSA - September 2006
Izibaso zokwakuphila mandulo
Izibaso zokwakuphila mandulo zenziwe ngezityalo nangezilwanyana ezaziphila kudala zaza zajika zangamatye. Amalahle, i-oyile negesi zizibaso zokwakuphila mandulo ezajikwayo zenziwa izinto ezivuthayo ezivelisa amandla. Amashumi asixhenxe ekhulwini amandla ombane waseMzantsi Afrika enziwa ngamalahle.
Iitoni ngeetoni zezibaso ezenziwa zizinto ezaziphila mandulo
zizo ezihambisa oomatshini neemoto, nezenza umbane.
Izibaso zezinto ezaziphila mandulo ezivelisa amandla njengamalahle azivuselelwa kwaye zisebenzisa amandla amaninzi ngokuphindwe kali-1 000 kunokuba uMhlaba uzivelisa.
Kungenzeka kutshanje ukuba nikhe naphelelwa ngumbane kwingingqi yakho ngenxa yokungoneli kwamandla ombane okanye kukho abantu obaziyo abangenambane kwindawo abahlala kuyo. Kushicilelo lwale nyanga sijonga izinto ezivelisa umbane yaye sizonwabisa ngokwenza i-electromagnet.
Esi sicatshulwa sithatyathwe kuluhlu lweencwadi zeScience TODAY ezishicilelwa ngabakwaMaskew Miller Longman. Iincwadi zeTODAY zinazo zonke izifundo ezenziwa ukususela kuGrade 7 ukuya kuGrade 9.
Izibaso zamandulo zingcolisa umoya
Xa sitshisa izibaso ezivelisa amandla ombane, zikhupha umsi ongcolisa umoya nendawo esikuyo baze abantu, izilwanyana nezityalo zibe nezifo.
Amalahle anesulphur nenitrogen ezijika zibe ngumoya xa kutshiswa amalahle. Xa ezi gesi zidibana namanzi emo-yeni, kwenzeka into ekuthiwa yi-acid rain etshisa ibulale izityalo nebulala izilwanyana emilanjeni nasemachibini.
Ukutshisa amalahle kukhupha nekhabhoni eyenza icarbon dioxide xa idibene ne-oxygen emoyeni. Icarbon dioxide ibamba ubushushu ibenze bungakwazi ukushiya uMhlaba, kwaye oko kubangela uMhlaba ube shushu. Oku kubizwa ngokuba kukufudumala kwehlabathi.
Iprimary energy
source yinto ekhupha amandla ngqo.
Ilungele abantwana abanemi-nyaka esi-8 ukuya kweli-14
Izinto ezivuselelekayo ezivelisa amandla
Amandla omoya.
IBiomass energy - isebenzisa amandla ezityalo okanye
ilindle lezilwanyana.
ISolar energy - isebenzisa amandla avela elangeni.
IWater energy - amandla amanzi abalekayo ayasetyenziswa ukuvelisa
umbane wamanzi.
Ukwenza isitsalane
Uninzi lweentsimbi azinaso isitsalane. Kodwa i-iron nezinye iindidi zeentsimbi zingenziwa zibe nesitsalane. Ezinye zingenziwa isitsalane ngombane, ezo ke zibizwa ngokuba zii-electromagnet.
Zenzele eyakho i-electromagnet
Kuza kufuneka ubenoku: ucingo lwekhopha, icardboard roll, ibhetri, ikhampasi, netheyiphu yokuncamathisela.
1. Thandela ucingo lwekhopha kwicardboard roll. Ucingo luncamathisele kuyo ngetheyiphu.
2. Beka ikhampasi kwicala lasekunene nakwicala lasekhohlo locingo. Uqaphela ntoni"
3. Konektha ibhetri elucingweni ukuze amandla ombane akulo abaleke kolo cingo.
4. Phinda inyathelo lakho lesi-2. Uqaphela ntoni ngoku"
Siphisa ngeencwadi ezi-5 zeIllustrated Dictionary of Natural Sciences and Technology entsha!
Sithumelele iingcamango zakho ngokuba singawonga njani amandla ukuze ancede izizukulwana ezizayo.
Thumel' iinkcukacha zakho kule dilesi:
Science Giveaway
Maskew Miller Longman
PO Box 396
Cape Town
8000
Ungalibali ukusithumelela igama, idilesi, inombolo yakho yomnxeba negama lesikolo sakho.
Umbane
Umbane ngamandla aveliswa kwenye into nayo ewavelisa kuba yenziwe ngento esisiseko samandla njengamalahle.
BONA XHOSA - September 2006 59
ikhampasi
icardboard roll
ilanga
Ubusazi na"
Izilwanyana ezininzi njengamahobe, zisebenzisa amandla omhlaba okutsalela izinto phantsi ukufuman' indlela.Iinxalenye zobuchopho bazo zisebenza njengekhampasi.
itheyiphu
ucingo lwekhopha
Isipho!
ibhetri
