xhosa.232.proph
Umfundi oligqirha
ULerato Bookgolwane uyintwazana eneminyaka
eli-19 nefunda uGrade 12, kodwa abanye abafundi neetitshala zimbiza ngomakhulu ngenxa yokumhlonipha kuba engumprofethi negqirha... Kubhale uForce Khashane
ULERATO waqala ukuba neengxaki xa wayefunda uGrade 8. "Ndabhal' iimviwo zokuphela konyaka, ndahambisa iphepha lam njengabany' abafundi. Ethubeni ndaxelelwa ukuba andikhange ndizibhale iimviwo kuba alifumaneki iphepha endabhala kulo," intsho le ntwazana.
"Kwanyanzeleka ukuba ndiwuphinde uGrade 8, ndabe ndisazi ukuba ndizibhalile iimviwo! Qha ke ndandingazi ukuba kwenzeke ntoni."
Ayizange iphelele apho ingxaki yakhe. "Zaqal' ukurhawuzela ngaphantsi iinyawo zam. Ndazama onke amacebo kodwa kwangabikho lindincedayo. Ndarhawuzelelwa nangamehlo, aphuma namanzi atyheli," utshilo.
Emva koko waphazamisa inkonzo yecawe. "Bandixelela ukuba bendigaqa ngamadolo okwegqirha, ndithetha yaye ndisenza ingxolo ngamazwi ohlukeneyo," utshilo.
Unina kaLerato wamsa kumprofethi. "Wathi loo mprofethi ndineziphiwo ezibini, esokuba ngumprofethi nesokuba ligqirha," itsho le ntwazana. Yayilolo bizo ke olwalumbangela iingxaki ebomini zabe neengxaki ziqhubela phambili.
"Ndandinamaxesha okuwa ndife isiqaqa esikolweni, kuze kufuneke umama azondilanda ndinguloo mfino," utshilo uLerato.
"Iititshala zazisithi ndiphazamisa ukufunda ngezo zinto, kwaye zazisithi ndineedimoni."
Watshona kuGrade 9 emva kokuba ebemphindile uGrade 8. Uthi into eyamtshonisa kweli banga kukuba amanqaku akhe anikwa omnye umfundi ngempazamo.
Wayeka ukufunda kweso sikolo waya kwesinye, kodwa zaqhubeka nokumombatha iingxaki. Kweso isikolo wafika uLerato kukho abantu abakwazi ukuthomalalisa imimoya eyayisenza uLerato afe isiqaqa.
"Eny' into eyandonwabisayo kweso sikolo kukuba abafundi abanobizo lwezinyanya babevunyelwa banxibe intsimbi esikolweni," utshilo uLerato owaqala ukuqeqeshelwa ukuba ngumprofethi efund' uGrade 10.
"Ndafikelwa yinyoka ephupheni eyayithetha ngathi libhinqa yathi ndiza kuphumelela xa ndisebenzisa isiphiwo sam sokuprofetha.
"Umama wathi elo lizwi kumel' ukuba kwakulelikamakhulu, naye owayengumprofethi ephilis' abantu."
Azizange ziphele iingxaki zikaLerato. Wenziwa ikheswa ngabahlobo bakhe basetyhini abaninzi besithi uligqwirha.
Kodwa babe bebaninzi bona abafana avana nabo!
ULerato Bookgolwane uthi uyafuna ukusabela ubizo lwezinyanya zikasiye zokuba athwase. [x]
BONA XHOSA October 2008
IZITHETHE ZETHU
"NDIYAYIVELA kakhulu intombi yam kuba ayisaphili njengabany' abantwana. Ayisakwazi ukuya kwimijuxuzo yomculo yaye kufuneka kubeth' eyesibhozo ngorhatya seyisekhaya ukuze ingacaphukisi izinyanya. Yiyo ethathe umsebenzi kamama kwaye ibonakala yonwabile kwaye izinikele kwinto eyenzayo."
OKUTSHIWO NGUNINA KALERATO
NABANI NA ANGANGENWA YINTWASO
Nabani na angangenwa yintwaso. Igqirha elisandul' ukukhutshwa ekuthwaseni, uMalehlohonolo Sekete oneminyaka engama-23 unediploma ayifumene e-University Of Johannesburg kwaye uphangela njengombeki wamaxabiso ezindlu.
Unina uligqirha kwaye yamfikela intwaso uMalehlohonolo esenkonzweni yecawe. Wafa isiqaqa waza wanombono wamabhinqa amabini anxibe okwamagqirha.
"Athi loo mabhinqa ndinekratshi, ngoko aza kuthabatha ubomi bam," utsho uMalehlohonolo ogama lakhe lobugqirha anguNkanyezi.
Oko kwaba sisiqalo seengxaki zakhe. "Ethubeni umama wavuma ukuba ndithwase. Wandipakishela iimpahla zam wandisa kwigqirha elandithwasisayo," utsho uMalehlohonolo. Ngoku ubamkele ubomi bakhe obutsha. "Izinyanya ziyandivumela ndinxibe izihlangu ezichophileyo, ndiqabe imake-up ndinxibe neempahla zefashoni. Ziyandivumela nokuba ndizonwabise."
Ziyampompoza iinyembezi kuNomsa Maponya onama-24 eminyaka xa echaza okwenza wasabela ubizo lwentwaso. UNomsa ophangela kwinkampani eshicilela amaphepha waphuncukelwa zizisu owayezikhulelwe kathathu ngaphambi kokuba aqale ukuva amazwi athi makothwase abe ligqirha.
Emva kokuthwasa zaphela iingxaki zakhe, ngoku ufuman' inkuthazo kwindoda ancuma nayo kwaye igama lakhe lobugqirha ngu- "Makhosomhlanga."
UNandi Nkosi oneminyaka engama-34 wayengafuni ukusabela ubizo lwentwaso de kwaqala ukulahleka imali kwi-akhawunti yakhe.
Igama likaNandi lobugqirha ngu-"Ndlovukazi," kwaye ungusajini kwiSAPS.
"Ndingasebenzisa namandla obugqirha bam ukufuna izaphuli-mthetho," uqhule watsho.
BONA XHOSA October 2008
UNomsa Maponya wafunda kakubi ukuba ziyahoywa iimfuno zezinyanya.
UMalehlohonolo ubamkele ubomi bakhe obutsha.
UNandi Nkosi uwenza umsebenzi wakhe engaphazanyiswa zizinyanya.
