xhosa.2328.teen
Ukuthetha ngesondo!
Indlela ongabanceda ngayo abazali ukuze bathethe ngalo mba unyekenyeke
BAYAKUCAPHUKISA abazali xa kuziwa kumba wezesondo, andibi" Abafuni uzibandakanye nesondo kodwa abafuni ukuthetha nawe ngalo ukuze bakuxelele isizathu sokuba bathi "alikulungelanga".
Abazali bayabongozwa ukuba bathethe ngesondo nabantwana babo ngenxa yokukhulelwa kolutsha nogawulayo obhubhisayo - abafundi babhalela kwiBONA phantse zonk' iinyanga ngalo mba - kodwa abazali bayoyika ukuthetha nabantwana babo.
Lonke elo xesha wena unqwenela ukuva izimvo zabo ngalo mba kwaye ufuna iingcebiso zabo.
Bakuncedile de kwaba ngulo mzuzu, andibi" Andibi kubalulekile ukufumana iingcebiso zabo ngalo mba ubaluleke kangaka"
Xa abazali bakho bemadol' anzima ukuthetha nawe ngomba wezesondo, thetha ngalo nabo wena nokuba uyoyika na kakade.
Nasi isikhokelo esiza kukunceda uthethe nabazali bakho...
Zilungiselele uyicingisise into oza kuyithetha.
Umcimbi wokuthetha ngesondo unzima yaye unzulu.
Kukho izinto ekunzima ukuzibiza ngamagama ekubanzima ukuba bathethe ngazo abazali bakho - baye bangazi nokuba baqale ngaphi na.
"Ukuthetha ngesondo," kuquka ukuthetha ngezigqibo ezitshintsha ubomi bomntu nezikwenza umntu owahlukileyo. Ikwazizigqibo ezingabeka ubomi bakho engozini.
Ukuze uphumelele ekuthetheni ngalo mba onzima kangaka, zilungiselele, uyazi kakuhle into oza kuqala ngayo kwintetha yakho.
Umzekelo kungenzeka ukuba ufuna ukwazi ukuba kwenzeka ntoni xa abantu besabelana ngesondo. Awufuni kuzibandakanya nesondo wena koko ubuza kuba ubhidiswa zizinto ozifundileyo nozibone kwiTV nakwiifilim okanye amabali owabaliselwe ngabahlobo bakho.
Bacacisele abazali bakho ukuba awukakulungeli yaye awukacingi ukwabelana ngesondo ukuze izinto zibe lula.
Xa uthetha nabo ubabonisa ukuba uzikisile ukucinga ngalo mba nto leyo ibonisa ukuba uza kwenza izigqibo ezizizo ebomini.
Zazi izizathu zakho zokufuna ukwabelana ngesondo.
Masithi ke sele ugqibe ekubeni ukulungele ukwabelana ngesondo - abazali bakho baza kufuna ukwazi ukuba kutheni le nto ucinga ukuba ukulungele. Banike izizathu yaye ukhumbule ukuba xa ungenazo izizathu eziphathekayo loo nto intama ukuba awukakulungeli njengoko ubucinga.
Yiyo loo nto kaloku kubalulekile ukuthetha ngalo mba nabazali bakho. Bayakuthanda bona yaye baza kukubonisa xa usenza impazamo.
Kulungiselele ukungamkeleki kwengxoxo yakho.
Kubalulekile ukuthetha nabazali kodwa kufuneka unyaniseke. Kunzima ukwamkela into yokokuba umntwana wakho ulungele ukuthandana aze abelane ngesondo nomny' umntu.
Bayeke bacaphuke. Kungenzeka baqhume ngumsindo, bakushiye apho, bacinge ngalo mba baze baphinde babuye sele bekulungele ukuthetha nawe ngendlela eyakhayo.
Oku bakwenziswa kukuba bekubona ukubaluleka kwalo mba kwanokuba kufuneka kuthethwe ngawo. Banike ixesha. (Xa ungakwazi ukubalinda abazali bakho ufuna nithethe ngalo mba ngokungxama ngenxa yokuba iqabane lakho likutshutshisa lifun' ukulala nawe - awukakulungeli ukwabelana ngesondo xa kunjalo.)
Kubhetele ubathele thsuphe kuqala ukuze bazilungiselele. Umzekelo, ngoMvulo baxelele ukuba ufuna ukuthetha nabo ngesondo nibeke umhla eniza kuthetha ngawo. Khumbula ukubaqinisekisa ukuba ufuna nithethe ngesondo kuba ufuna ulwazi hayi kuba ufuna ukwabelana ngalo!
Zola yaye uthobeke.
Xa usenza ngolu hlobo mlisela nomthinjana wakuthi uyawuthothis' umsindo wabazali kunjalonje ubabonisa ukuba sele ukhulile kwaye ukulungelele ukuthetha ngezesondo.
Enye ingcali yonyango yathi: "Isigqibo sakho sokwabelana ngesondo ungasisebenzisi njengesixhobo sokuhlasela abazali bakho okanye 'sokubanik' indawo yabo' ngenxa yokuba ufun' inkululeko.
"Uzibandakanya nesondo ngendlela engalunganga xa ubakhub' imiphefumlo abazali bakho xa uthetha nabo ngesondo!"
Kaloku ufuna abazali bakho bakumamele ngoko xa uthetha nabo ngesondo zola uthobeke kuba ngumba onyekenyeke lo.
Thetha ngesondo elikhuselekileyo nokucwangcisa.
Le yenye yeendlela ezibonisa ukuba uyakhathala. Kaloku isondo alenziwa kuphela, koko kufuneka uzikhusele nawe ungakhulelwa okanye wosulelwe ngugawulayo.
Thetha inyaniso.
Khumbula yingxoxo le. Iimvakalelo zakho zibaluleke njengentandabuzo yakho. Xa ungaqinisekanga ngokwabelana ngesondo neqabane onalo, baxelele abazali bakho. Nyaniseka.
Kubalulekile ukuzola nokuthobeka xa uthetha nabazali kodwa baxelele xa ucinga ukuba abangeni ndawo ekwabelaneni kwakho ngesondo. Kaloku ngeli xesha kufuneka uvakalis' izimvo zakho.
Baxelele isizathu.
Baxelele abazali bakho ukuba kutheni le nto ufuna ukuthetha nabo ngezesondo. Bazise ukuba izimvo zabo uzixabisile yaye uyayazi indlela abaziva ngayo ngalo mba.
Baxelele ukuba isizathu sokuba uzothetha phandle nabo ngesondo kungokuba usazi ukuba bayakuthemba.
Nditsho nokuba uyazi ukuba isigqibo sakho asihambisani nendlela abazibona ngayo izinto baxelele ukuba uyazihlonipha iimvakalelo zabo.
Phulaphula!
Ukuphulaphula kubaluleke gqitha. Baphulaphule abazali bakho, kaloku bona bamanava ngalo mba ngoko baza kukunika iingcebiso ezibalulekileyo nkqu nokuba ungangazithandi ncam.
Njengoko uthetha nabo, nawe ziphulaphule. Kubalulekile ukuziphulaphula. Xa usiva ukuba uthetha into engaginyeki ncam kufuneka ucingisise kwakhona ngesigqibo sakho osithathileyo. [x]
BONA XHOSA - June 2007
Izoluleko zikasFat Charlie
BONA XHOSA - June 2007
