xhosa.2327.yourstories_crime
Akazange afune ukulinda abazali bakhe ukuba basweleke ngokwendalo, waza wabathengela umbulali
WABULALA USAPHO EFUN' ILIFA
ULWAPHULO-MTHETHO
UDan Ewell (ongasentla) wathenga umhlobo wakhe, uJoel Radovcich (osekhohlo) ukuba abulale abazali bakhe nodadewabo.
UDALE EWELL wayesisinhanha esasizenzel' imali ngokuthengis' iinqwelo-moya. Ngo-1992 uDale nowakwakhe, uGlee, nentombi yabo uTiffany (31), bachith' impela-veki yePasika emzini wabo ongaselwandle. Ngobusuku bangeCawe babuyela eFresno, eCalifornia. Unyana wabo, uDan (21) wayeseyunivesithi.
Kwafika umncedisi wabo ngemini elandelayo. Wabiza amapolisa akungavulelwa kuba ekrokra ukuba kukho undonakele.
Afika amapolisa awuvula umzi afika ngaphakathi itshoba lilel' umbethe kuDale, uGlee noTiffany benamanxeba okudutyulwa.
Impahla yasendlwini yayibubugeqe nezihombo zabo zibiwe, ibiwe yonke imali espajini sikaDale Ewell - kodwa kwakungekho zimpawu zokungena komntu ngetshova kuloo mzi.
Wayengene njani ke umbulali, wacima ne-alam ukuze ingakhali ilumkise inkampani yoonogada"
Zaba ngundaba-mlonyeni iindaba zokubulawa kosapho lwakwa-Ewell eFresno.
Amapolisa akrokrela ukuba babulewe ngobusuku bangeCawe emva kokubuya kwabo emzini wabo ongaselwandle.
UGlee noTiffany babebuye kuqala bodwa, uDale Ewell wabuya kwisithuba esisiqingatha seyure befikile.
"Kuyacaca ukuba umntu owabulala uGlee noTiffany walinda uDale isiqingatha seyure emva kokubabulala," utsho uMcuphi uChris Curtis owayephanda elo tyala.
Ukuba iinjongo zombulali yayikukuphanga, yintoni eyamenza wafuna ukubulala wonk' umntu kolo sapho"
"Abo bantu babegwintiwe nje qha, kungekho ndlela yimbi ongakuchaza ngayo ukubulawa kwabo," utsho uMcuphi uCurtis.
Xa amapolisa ayephonononga imizimba yabafi abona imisonto yerhali neengceba zerabha.
Kwakukho nebhokisana yeembumbulu kwitafile esecaleni kwebhedi. Kwafunyanwa ukuba ezo mbumbulu zasetyenziswa ekubulaleni abo bantu.
Ezo mbumbulu nokungakhali kwe-alam kwenza kwarheneleka ukuba babulewe ngumntu "obaziyo".
"Inokuba kwakungumntu owayeyazi inombolo yokucima
i-alam nowayenolwazi ngolu sapho ukuba angade azi ukuba lunebhokisi yeembumbulu," utsho uMcuphi uCurtis.
Ngubani ke owayengafun' ukubulala uDale Ewell" Wayenazo yena iintshaba kuba wayesisinhanha esingusomashishini onempumelelo. Amapolisa aqalisa ukuphanda nzulu ngezo zinto.
Umntu owayeshiyeke ephila ngunyana wosapho, uDan. Ngobusuku bokubulawa kosapho lwakowabo wayeye kutya isidlo sangokuhlwa nomhlobo wakhe okumgama oyi-200km ukusuka apho.
"Asizange sirhanele nto ngokungabikho kwakhe ekhaya ngemini ababulawa ngayo," utsho uMcuphi uCurtis.
Kodwa into eyawabhidayo amapolisa kukuba uDan wayesenza izinto ezingaqhelekanga. Wazifunela igqwetha - wathi amapolisa makathethe nalo kuqala xa efuna iinkcukacha ngosapho.
"Oko kwabonakala kuyindlela yokwenza kubenzima ukufumana ababulali bosapho lwakhe," utsho uCurtis.
Kwakhona uDan Ewell wayenayo into eyayingamenza abulale usapho lwakowabo.
"Kaloku wayeza kudla ilifa elixabisa i-R64 million. Wayeza kufumana malunga ne-R32 million ukuba wayengabulawanga udadewabo," utsho uCurtis.
Amapolisa afumana nokuba uDan wakhe wabanjwa ekopa eluviweni kwaye wayeyinkomo edla yodwa. Eneneni ke wayenaye umhlobo osenyongweni - uJoel Radovcich.
Mhla amapolisa aya kuthetha noJoel, wawabuza wathi: "Niza kundivalela""
"Kwaba ngumbuzo ongaqhelekanga lowo," utsho uCurtis.
Oko kwenza amapolisa ambeka elisweni ubusuku nemini uJoel.
Into yokuqala ayiqaphelayo kuye kukuba wayengayisebenzisi ifowuni eseflethini yakhe, esebenzisa ekawonke-wonke engaphandle. Ingaba wayecinga ukuba amapolisa ayamamela xa ethetha emnxebeni" Xa kungenjalo, wayefuna ukufihla ntoni ke"
Amapolisa aqaphela nokuba xa uJoel eza kufowuna wayeqale ajonge kwipheyija esesinqeni sakhe.
Ngeny' imini ipolisa elalizifihlile leva okwakuthethwa nguJoel efowunini.
Wayefuna i-R2 million kuloo mntu, efuna neengcebiso zokuyityala loo mali.
"UJoel wayechulumancile ethetha naloo mntu ngendlela abaza kutyala ngayo imali," utsho uCurtis.
Amapolisa afumana kwinkampani yeefowuni ukuba uJoel wayethetha noDan.
Afumanisa nokuba uJoel wayesebenzisa imali eninzi nangona wayengaphangeli.
"Wayefundela ukuqhuba ihelikhoptha ehlawula i-R4 000 ngeyure. Wayengayithathaphi imali engako engaphangeli"" utsho uCurtis.
Kuphando lwawo amapolisa afumana nokuba uJoel watheng' incwadi ekufundisa ukwenza umpu ungangxoli. Emva koko loo ncwadi wayithumela kumhlobo wakhe onguJack Ponce (23).
Afumana amapolisa nokuba uJack unompu ofana nalowo kwabulawa ngawo usapho lwakwa-Ewell. Kodwa wathi xa ebuzwa ngawo, wathi ubiwe.
Kwasekugqithe iminyak' emithathu senzekile eso siganeko. Amapolisa ayemamela iminxeba kaDan athi ayemva esithi amapolisa amathile.
"Wayesithi soyisiwe kukufumana umpu kwindawo ebewubeke kuyo. Saqonda ukuba asinakwenziwa intlekisa ngumntwana," utsho uCurtis.
Ngoku amapolisa ayenabarhanelwa abathathu: uDan, umhlobo wakhe uJoel Radovcich, nomhlobo kaJoel, uJack Ponce.
Emva kokugqogqa iflethi kaJoel, amapolisa afumana iibhola zentenetya ezinemingxuma.
Imisonto nerabha yazo yayifana naleyo yafunyanwa kumaxhoba okudutyulwa; nto leyo yayibonisa ukuba zasetyenziswa ekwenzeni into eyogquma ingxolo yompu.
Babanjwa ngamapolisa uJack Ponce noJoel Radovcich, kodwa uDan akazange afumaneke.
UJoel Radovcich waziphika izityholo, kodwa uJack Ponce wayesoyika isigwebo sentambo waza wasebenzisana namapolisa kuphando lwawo. Wayethe uJack umpu wakhe walahleka - kodwa ngoku wayevuma ukuba wawuthengisela uJoel.
Watsho nokuba uxelelwe nguJoel ukuba nguye owabulala usapho lwakwa-Ewell. Wachaza ukuba kunjani ngaphakathi endlwini nokuba babulawa kanjani.
UJoel waxelela uJack ukuba uwuqhaqhile umpu walahla iingceba zawo kwindawo ezohlukeneyo. Ngethamsanqa wafunyanwa umbhobho wompu apho wayewulahle khona!
Kwacaca ukuba unetyala uDan Ewell. Amapolisa aqonda ukuba wayefun' imali yabazali bakhe, ngoko wayengafuni ukulinda basweleke ngokwendalo. Wayengafuni nokwabelana nodadewabo ngaloo mali babeza kuyishiya, ngoko waqesha umhlobo wakhe uJoel Radovcich ukuba ababulale.
UJack Ponce wakhululwa kuba enike ubungqina obanceda ekuthethweni kwetyala.
UDan Ewell wazinikezela emapoliseni, waza ngo-1995 wagwetywa ubomi entolongweni noJoel Radovcich.
Ethetha ngoDan Ewell, uMcuphi uCurtis uthe: "Wayengumfana onekratshi, ozixelela ukuba
ukrele-krele yedwa.
"Asikuko ukuba asiwenzi kakuhle umsebenzi wethu. Kwasithabatha ixesha ukugqiba uphando lwethu ukuze sifumane ubungqina esiza kubandlelel' inkundla" uhambise watsho uMcuphi kaCurtis. [x]
Umbhali: Marissa Charles/Splash News
1. Iimbumbulu ezafunyanwa kwindawo yenxwayelo.
2. Umpu ababulawa ngawo.
3. Iintenetya ekwenziwa ngazo into eyogquma ingxolo yompu.
Wathenga incwadi echaza ngo-kwenza okoko-gquma ingxolo yompu
