xhosa.1424.getters
UBOMI BOKWENENE
MASIPHULAPHULE oomakhulu bethu! Kaloku isoloko ingabo abazintsika zamakhaya ethu. Amanani ayayibonisa loo nto: ngenxa yesifo esingubhubhane ugawulayo, ubuncinane bazizigidi ezibini abantwana kweli abaphulukene nomzali omnye, kanti bamalunga nama-500 000 abaziinkedama. Kulapho ke oomakhulu bethu bathath' indawo - bakhulise aba bantwana abanye babo abangazalani nokuzalana nabo!
Bakho abawuqapheleyo umsebenzi wabo omhle. AbakwaLoveLife bekunye neBill And Miranda Gates Foundation, bachitha i-R26 million ukuze baqale "iqela" loomakhulu abangama-500 elizweni jikelele, emnye esebenza nabantwana abangama-20 abasebungozini.
Aba makhulu babizwa ngee-"goGogetters," kwaye baza kunceda abantwana abaselula ngokubafundisa ngobungozi be-AIDS, ukulumkela impatho-mbi nokuxhatshazwa ngokwesondo baqinisekise ukuba abantwana bayafunda nokuba bayazifumana izibonelelo zemali karhulumente nokutya.
Xa ikho imfuneko aba "makhulu bangamakroti" baya kuya ngqo kwinqununu yesikolo, kwigosa lezentlalo-ntle kungenjalo igosa elisebenza ngezibonelelo ukuya kuqinisekisa ukuba amalungelo ewadi yakhe ayenziwa ukuze kubekho okwenziwayo ngexesha elifanelekileyo.
Banjengezikhukhukazi ezifukamileyo ezikhusela abantwana ababuthathaka kumaxhalanga azizidlwengu ekufuneka abantwana bazilumkele.
"Abantwana abaswelekelwe okanye abalahlwe ngabazali babo bathathwa njengabantwana 'abasebungozini,'" ucacisa atsho umlawuli-nkqubo yeegoGogetters, uNokonwaba Pakade.
"Abaninzi abayi esikolweni, abanye babo bangamaxhoba alula kumarhamncwa axhaphaza abantwana, abanye basebenzisa iziyobisi.
"Asinakuhlala nje sisonge izandla xa imeko inje kwiindawo esihlala kuzo..."
Ngoobani ke abanobulumko bokuphelisa eli shwangusha ngaphandle kwabona bantu bathembekileyo ekuhlaleni?
Oomakhulu bethu!
Banolwazi oluninzi abangasabela lona!
Kwaye inkqubo yegoGogetters ibanika amandla ngakumbi.
Omnye waba makhulu batshintsh' ubomi nguLucia Ngobeni. AbakwaLoveLife abazange bathandabuze ukuthetha naye ukuqala kwabo ukudibanisa oomakhulu kuba ubesele eneminyaka eli-15 egcina abantwana.
Uthi waqala xa wayehlala ePimville, eSoweto. Rhoqo ngeentsasa ezibandayo zobusika wayevuka abase umlilo eyadini yakwakhe. Abantwana ababini babesiza kuye yonk' imihla bazokotha umlilo ukuze babeshushu.
Babesithi bahlala esitratweni kuba abazali babo bahlukene kwaye unkosikazi kayise wesibini ubaphethe kakubi. Umakhulu uLucia wabacela ebazalini babo, bavuma.
Emva kokufudukela kwakhe eRietfontein ngo-1991 wothuswa kukubona ubuninzi babantwana nabantu abadala abangenandawo zokuhlala.
Waqala ngokundwendwela ivenkile ebhaka izonka ekufutshane wacela isonka nobisi ukuze aphe abo bantu.
Kungekudala banda abantwana abeza kwakhe.
Ngoku uhlala nabantwana abangama-28. "Ngempelaveki bamalunga nama-60 abantwana abeza apha ukuza kutya badlale.
"Abanye beza ekuseni phambi kokuba baye esikolweni sibaphe isidudu."
Uthi usoloko ezama ukubadibanisa aba bantwana neentsapho zabo - kodwa abazali babaninzi basweleka.
Abanye baba bantwana bangamaxhoba empatho-mbi kanti nabo sele beqalisa ukuba "ziingxaki."
"Abanye babo kunzima ukuhlala nabo. Abalawuleki endikwenzayo nje kukuthandazela amandla, umonde novelwano," utsho uMakhulu uLucia.
"Ukuza kweLoveLife kum bendisele ndibafundisa nge-HIV/AIDS.
"Ulwazi abalufumana esikolweni ngesi sifo alwanelanga, ngoko ndihlala nabo phantsi ndibafundise ngaso.
"Kudala abantu abadala babehlala nathi basixelele ukuba masiziphathe njani. Oomama babethetha neentombi zabo, amadoda athethe namakhwenkwe baxelelwe ukuba indibano yesondo abanakuyenza bengafikanga kwiminyaka ethile. Yiloo nto nathi esiyenzayo. Kufuneka siphakame kuba amantombazana aneminyaka eli-13 ayafa yi-AIDS.
"Ngoko siqal' ukubafundisa beneminyaka eli-12 ukuba bangenzi indibano yesondo kanti abadala bona sibaxelela ukuba benze indibano yesondo ekhuselekileyo ngokusebenzisa iikhondom.
"Kulapho sincedwa khona nguLoveLife. Basinika i-R300 ngenyanga ngomntwana ngamnye kwaye oku kusinceda ezintweni ezininzi, njengokutyala igadi yemifuno.
"Aze ke amavolontiya akwaLoveLife asincedise ngemiGqibelo.
"Sinayo 'neklabhu yesidlo sasemini' yoomakhulu kanye ngeveki nekuyindlela yokuxhasana. Sibafundisa ukunonophela abantwana nabagulayo."
Ngenene - masibamamele oomakhulu! Bahlangula ingomso lethu! [x]
BONA XHOSA September 2008
Oomakhulu
BENZA LUKHULU!
Luxanduva lwabahlali bonke ukukhulisa umntwana - kwaye eMzantsi Afrika ngoomakhulu abasibonisa ubunyani bale ntetho. Kwaye ngoku babhinqele phezulu, ngenxa yenkqubo entsha. Loo nto ithetha ukuba noko ingomso lethu liyathembisa... Kubhale uSteven Makhanya
Nanjengoko abantwana abaninzi bezama ukuziphilela abantu basekuhlaleni bamelwe kukubanceda ngokubancedisa ukwenza ubomi babo bube lula. Oku kuthetha ukuba kufuneka baqiniseke ukuba bahamba isikolo, bayatya, banendawo yokuhlala nempahla yokunxiba.
Ukuba abantu abakwenzi oku inkulu ingxaki eza kulandela. Ukuba ababulawa yi-AIDS, abantwana abangena bani bagqibela ngokuba ngamahenyukazi okanye izaphuli-mthetho.
Ukuba asibancedi namhlanje baza kuba zizikrelemqa ngomso.
UKUNQANDA INGXAKI EZAYO
BONA XHOSA September 2008
Abanye babantwana abancedwa yile projekthi.
ULucia (ngasekunene) nodadewabo, oncedisana naye.
