xhosa.2312.henry cele
BONA - August 2005
kubhale uPATRICIA McCRACKEN
UHenry Cele ungumqaba-qaba igqabi leviniga kwaye ulungiselela ukudlal' indawo entsha...
UMAKHULU owayelima isitiya sakhe wothuswa sisijwili sosana kwilali ekunxweme olusemazantsi lwaKwaZulu-Natal. Wathi akulila angayeki waya kujonga ukuba kuqhubeka ntoni. Wafika elaliswe phantsi komthi weegwava. Wazibuza ukuba ngaba iyephi intombi yakhe"
Wambeleka waphindela emsebenzini wakhe, kodwa kwaqengqeleka iiyure engabonwa nangetshengele unina womntwana. Emva kweentsuku engabuyi kwacaca ukuba akasabuyi.
Lo mntwana ke yayinguHenry Cele - kwaye ukususela ngaloo mini akazange abone nomnye umzali wakhe.
Nangoku akawazi umhla wakhe wokuzalwa neminyaka yakhe uyithelekelela ngeziganeko aziva ngoninakhulu "ukuba wazalwa xa amaNdiya ayesilwa namaZulu," mfazwe leyo yayingo-1949.
Ukulahlwa ngabazali eselula mhlawumbi kwaba nento yokwenza ekudumeni kukaHenry ngokuba unguShaka abe engazalani nosapho lwasebukhosini bakwaZulu. Nabantu baKwaMashu ngaseThekwini apho ahlala khona bathi "Molo, Shaka!" xa bembona.
Nkqu naxa wayedlala kwifilim ethi The Ghost And The Darkness neembalasane zaseHolywood, abalandeli bakhe babesithi "Umbonile uShaka kwifilim entsha""
UHENRY CELE kukaninzi edlala indawo kaKumkani uShaka ukususela emdlalweni weSABC TV othi Shaka Zulu. Ngaphambi koko wayezenzel' igama ebholeni ebizwa ngoBlack Cat Cele.
Yiloo nto ke eyenze wachongwa kwiqela labadlali bakudala abanikwe umsebenzi wokuphucula umgangatho webhola kwiindawo ezisemaphandleni yi-ofisi yeNkulumbuso yaKwaZulu-Natal kulungiselelwa u-2010.
Umzimba wakhe ukwimeko entle ukanti uziqeqesha nzima ngathi usengumntu osemtsha. Oko ke kuza kumnceda njengoko eza kudlal' indawo kaShaka kwakhona emdlalweni othi Bayede Shaka!
E MVA kokutyholwa kukaninakhulu ngokuba uligqwirha kwilali yakhe wabaleka noHenry baya kuhlala eSydenham eThekwini.
"Wafika apho waphangela kusapho lwamaNdiya, sihlala naye kwigumbi elalingaphantsi kwaloo mzi ekwakumnyama nkqu nasemini kulo."
Bagxothwa apho emva kokuba uninakhulu wayegula engasakwazi ukuphangela, kwaye wasweleka xa uHenry wayeneminyak' eli-12. Ngoko wayefund' iBanga lesi-2 kwaye wayefun' ukuqhubeka nokufunda kangangoko enako.
Wazibalula njengomdlali oselula webhola edlala kumabala ayekuSomtseu Road ayelikhaya lebhola eThekwini ngaloo minyaka.
Oko kwenza wavunyelwa ukuba ahlale kwihostele yamadoda eMsizini Hostel eyayikuOld Fort Road nekwakukho isikolo esingaphesheya kwayo.
"Nangoko ndandisazi ukuba ingqondo ndiyiphiwe ndaza ndafunda ndaya kutsho kwiBanga lesi-6."
UHenry waqhubeka nokufunda ngembalelwano emva koko de waya kuma kwiBanga lesi-8.
NANGONA kunjalo, zikho nezibuhlungu. "Bendikade ndingakwazi ukubona unyana wam, ukanti yintombi yam encinci kuphela eqale ukundityelela kutshanje," utshilo uHenry.
"Ndimbone ngoku emva kokuba ndamgqibela elusana. Kodwa akakhange andilahleke.
UHenry unalo ibhinqa ancuma nalo, kodwa uthi umadol' anzima ukutshata kwakhona emva kokuqhawul' umtshato kabini.
Uthi useneziva zokuqhawula umtshato wakhe wesibini. Umkakhe wafaka isimangalo sokuqhawul' umtshato engekho eye kufota ifilim eNamibia.
Umkakhe wayefuna ibuyele kuye ivenkile eyakhiwa nguHenry ukuze abe nento ayenzayo.
Wamtyhola ngokuba ulinxila, uthand' iilokhwe yaye akabondli abantwana bakhe.
"Bonk' abantu ababesenkundleni beze kumamela elo tyala bagragrama besithi, 'Hayi bo! Hayi bo! Uthini lo mfazi!' Babendibona ukuba andifani nomntu othand' ilokhwe nozintyintya ngotywala."
Inkundla yanika unina wabantwana ilungelo lokuhlala nabantwana, washiyeka uHenry nevenkile.
Usahlala yedwa emzini wakhe oKwaMashu kwaye uyaziphekela.
"Abazali bam bohlukana ndingekazalwa ndakhula ndingahlali nabo. Kodwa ndandingafuni loo nto yenzeke nasebantwaneni bam.
"Phofu ke mninzi umona apha ebantwini, ngoko kufuneka silumke.
"Mna ndilungelana naye nabani na eMzantsi Afrika, kodwa abahlobo andivani nabo ithuba elide. Ungathi kukho into endazalwa nayo."
ABANTU angohlukaniyo nabo uHenry ngabalandeli bakhe. Bamthanda ukususela esadlal' ibhol' ekhatywayo ebizwa ngoBlack Cat Cele ukuza kuthi ga ngoku anguShaka.
Ukuba wayengadumanga wayengenako ukudibana nomntu owayengamazi.
"Ndathi ndiseJoburg ndafowunelwa nguKansas City weRadio Zulu wathi: 'Abantu baseMurchiston Hospital bafun' ukuqhagamshelana nawe. Kukho indoda egulayo khona ethi ingutata wakho nethi xa isweleka ayinakungcwatywa mntu ngaphandle kwakho nyana wayo womtshato.'
"Kwaba ngathi ndiyaphupha. Kodwa ndabe ndicinga ukuba kungenzeka ukuba inyanisile kuba iMurchison ikufutshane nalapho umakhulu wayakhe khona.
"Ndakhwel' uloliwe nday' eThekwini, ndafika ndathath' imoto ndaya khona eMurchison.
"Ndafika loo ndoda sele iswelekile kodwa ndayibona ukuba ngenene ngutata. Yayingumceph' ucandiwe nam kodwa yona ineenwele ezingwevu. Yayilaliswe kweso sibhedlele inyanga yonke kodwa andizange ndiyibone isaphila."
Isibhedlele sazicima iindleko zonyango lwaloo ndoda sakuva ukuba nguyise kaHenry, samnika umzimba wayo wayowungcwaba.
"Xa ndandimngcwab' utata ndamxelela ukuba siya kubonana kwelizayo." [x]
Injongo entsha kaBlack Cat Cele
NGASENTLA NEFAKELWEYO: Ubuso obubini bukaHenry "Shaka" Cele...
Usapho lwam ngabalandeli bam
BONA XHOSA - March 2007
u
t
Iimfihlelo zemali zikaHenry
UHenry wadlala ngethuba abadlali bebhola beqala ukuhlawulwa eMzantsi Afrika kwaye ukhumbula ukuba wahendwa ukuba ayodlalel' iqel' lebhola elikhulu apho wayesamkela i-R5 ngeveki.
"Oko kwandenza nam ndazibona ndisisityebi. Phofu ke amaxabiso ezinto ayephantsi ngoko nobomi bumnandi!" utshilo ehleka.
Xa wayedlal' indawo yokuba nguShaka wahlawulwa i-R25 000. Wayibona ininzi loo mali kuye eqala ukuba ngumlinganiswa abe echongwe phakathi kwama-4 000 ayefuna loo ndawo. Akazange abe safumana nto kwimali eyenziwa ngabavelisi baloo mdlalo ngawo kamva.
Kodwa oko kwamnceda wafunda ngokukhawuleza ukulumkela imali ayamkelayo.
"Ndafunda nokuba iimpahla ezintle endandizibona ebantwini abakwiTV abazithengi! Ndafumana nokuba abantu endandicinga ukuba baziingcungcu babehlala kwimizi emincinci enamagumbi amane ukanti abanye babehlala kumatyotyombe angasemva emizini.
"Ndafunda nokuba andifanelanga ndiyidyakaze imali kuba ayifumaneki rhoqo. Nokuba imali akunayo akho amatyala ekufuneka uwahlawule.
"Ndafund' ukong' imali nokukwazi ukuzithethela xa ndiqeshelwa ukudlala kwifilim ethile. Ndigqibele sendifumana imali entle ngokudlala kwiifilim ezincinane kunendayifumana ngokudlala kuShaka Zulu."
Ukuba nguShaka kuko okwenza uHenry waziwa nguyise
BONA XHOSA - March 2007
Umzi kaHenry ucocekile kwaye uhonjiswe ngezinto zaseAfrika.
