xhosa.2297.yourstyle_teen
Uyindumasi ekujongwa kuyo xa iseqongeni kwaye usinike ithuba lokukroba kwiwadrophu yakhe
Chomee
1. Istayile sam kwifashoni...
Nantoni na endenza ndikhululeke, kodwa enomtsalane.
2. Xa ndingekho seqongeni ndinxiba...
Itreksuti yam. (Xa ndisendleleni yeyona indenza ndikhululeke.)
3. Ndingumzekelo ebantwini...
Xa ndisenza endidume ngako eqongeni kunye nestayile sam.
4. Umyili wefashoni endicinga ukuba uphambili ngalo mzuzu...
NguDavid Tlale - ukhethekile kwaye
uligcisa.
5. Eyona mpahla yexabiso nenexabiso eliphantsi owakhe wayithenga...
Izihlangu ze-R3 500, nomsesane we-R21.
6. Ukugqibela kwam ukubala izihlangu zam...
Andisoze! Andizibali. Kodwa ndiyazi ukuba ndinezihlangu ezininzi.
7. Andisokuze ndihambe ngaphandle...
Kwevesti, ijini nepere yeeteki.
Ndiyakhululeka xa ndinxibe njalo.
8. Ndiyakuthanda ukuthenga ...
KwaRodeo eGreen Stone Shopping Centre. Baneempahla endizithandayo. Kulula ukufumana into endiyithandayo, kwaye banamaxabiso amahle.
9. Imibala endiyithandayo...Ngupepli kuba uyandifanela, alandelwa ngumbala omnyama kuze omhlophe.
10. Isiqholo endisisebenzisayo...
Yi-Hypnotic Poison, kuba inevumba lelekese. [x]
Umnxibisi: Thato-ya-Ona Lerefolo
Umfoti: Peter Whitfield
IFASHONI YOLUTSHA
